Ukulima (Umbona)									Xhosa



Ukulima kubandakanya ntoni?



Instructions:

Folio strap:  Umsebenzi wokuvelisa 

Byline: NguJane McPherson, umphathi wenkqubo yaseGrain SA yeNkqubo yoPhuhliso

    lwamaFama

Photos: 



Mhlawumbi kukhuselekile ukuthi ukususela ekuqaleni kwezolimo, njengoko sisazi namhla, umhlaba okhoyo ehlabathini onokusetyenziselwa ukulima unemida. 



Kukho izenzo zomsebenzi wemveliso (umzekelo imveliso ekhuliswa ngamanzi nezichumiso kuphela), ezenza ukuba umsebenzi wemveliso ube yinto enokwenzeka ngaphandle kokusebenzisa umhlaba njengejelo lokukhulisa izityalo, kodwa ubukhulu becala umsebenzi wokulima unengxaki yokuba umhlaba wokukhupha imveliso unqongophele kwaye unemida. Ngokubanzi gabalala, umsebenzi wokulima ubandakanya ukuveliswa kokutya neentsinga (imicu). Uhlobo lokulima okwenziwa kwindawo okanye kwilizwe elithile lusekwa kwimiba ethile efana nemozulu, umhlaba kunye nesithethe. Abantu abanomhlaba banothakazelelo olusisiseko sokondla nokuxhasa usapho lwabo olusentloko – ukhuseleko lwasekhaya lokutya. Kuxa ke  kwaneliswe iimfuno zosapho kuphela apho umsebenzi wemveliso unokugqithiselwa kwilinge loshishino apho imveliso kuba sukuba seyiveliswa ngezixa ezikhulu ize ithengiswe ukuze kufumaneke ingeniso. 



Kwiminyaka emininzi, kuthe kwacaca ukuba amazwe anako ukumelana neentlekele zalo naluphi uhlobo ngalawo anokutya okwaneleyo. Ngokwamalinge anamhla okuvelisa ukutya, amazwe amaninzi ayakwazi ukuvelisa ukutya neentsinga ezithe chatha kunezo azifunela ukuzisebenzisa. Uninzi lwamazwe aphuhlileyo avelisa ukutya okuthe chatha kunoko akufunayo, kanti ngokwemigqaliselo esisiseko kwezoqoqosho, inyaniso yokuba inkxaso ingaphezulu kwemfuno ebangwayo ifanele ukuba nesiphumo sokuhla kwamaxabiso nto leyo eya kunyanzela abavelisi abathile ukuyeka ukulima eso sityalo. Kumazwe aliqela, abavelisi bafumana inkxaso-mali ukuze baqhube ngomsebenzi wokuvelisa kuba urhulumente welo lizwe efuna ukuqinisekisa ukuba ilizwe elo liphelele liya kuhlala linokhuseleko lokutya. 



Amazwe avelisa ukutya okuthe chatha kufuneka athumele kwamanye amazwe ukutya okungazi kusetyenziswa. Kaninzi oku kutya kuthengiswa kwelinye ilizwe ngexabiso elisezantsi kuneendleko ebezichithwe lilizwe elivelise ukutya okuyelele ekutyeni kwalo. Oku kunokwenziwa ziinkxaso-mali,  kodwa kusenokuba sisiphumo semozulu efanele umsebenzi wokuvelisa loo mthombo wemveliso (umzekelo,  abavelisi baseNew Zealand banokuvelisa ubisi emadlelweni abo ngexabiso eliphantsi kakhulu bandule ukuthumela ngaphandle ubisi kunye neemveliso zobisi kwezinye iindawo zehlabathi apho iindleko zomsebenzi wokuvelisa ziphezulu khona). 



Njengoko bekuxoxiwe, umhlaba okhoyo wokuvelisa ukutya  neentsinga nakweliphi ilizwe unemida. Ngenjongo yokhuseleko lwelo lizwe, kubalulekile ukuba wonke loo mhlaba uhlale usetyenziselwa umsebenzi wemveliso. Nangona kunjalo, umhlaba lowo unokuhlala ungowemveliso kuphela xa abavelisi befumana inzuzo ngomsebenzi lowo wemveliso. Kwixesha langoku sinengxaki ngenxa yeendleko zokuvelisa umbona, ujongilanga, amazimba kunye neembotyi zesoya ezinyuke kakhulu kanti oku kusisothuso kwinzuzo enokufumaneka ngomsebenzi wokuvelisa ukutya okuziinkozo. 



Sibacebise ngokuthi mabenze ntoni abavelisi?

Sicebisa abavelisi ukuba bangalimi de bafumane ummandla wentengiso yemveliso ngexabiso elingaphezulu kweleendleko zokuyivelisa ngetoni nganye. 

Sicebisa ukuba xa ulima ukutya ngenjongo yokukusebenzisa ngokwakho, oko ukwenze ngendlela eya kwenza ukuba wena nosapho lwakho nibe nokhuseleko lwasekhaya lokutya. 

Emva kokuqinisekisa ukhuseleko lwasekhaya lokutya, zama ukufumana ummandla wentengiso, wandule ukulima ngenjongo yokwanelisa loo mmandla wentengiso kuphela. 



Njengoko ixesha lonyaka lokutyala selikufutshane, sininqwenelela yonke impumelelo. Uxolo, Imvula Nenkqubela – Peace, Rain and Prosperity.

