Farmer’s days (Maize)									Xhosa



Kutheni kukho iintsuku zamafama neemvavanyo zemiboniso



Imiyalelo:

Folio strap: Inkqubo yophuhliso lwamafama

Byline: NguJane McPherson, umphathi wenkqubo yakwaGrain SA yeNkqubo yoPhuhliso

lwamaFama 

Photos:



Injongo yeNkqubo yoPhuhliso lwamaFama kukuseka nokulawula iiplothi zeemvavanyo apho abavelisi banokufunda khona iinzuzo zokulungisa umhlaba ngokuchanekileyo, ukufakwa kwezichumiso, ukukhethwa kwemihlanganisela, ukutshatyalaliswa kokhula nezinambuzane ezibulala izityalo kunye nokuvuna. 



Abaqeshwa abakwinkqubo banxulumanisa ukusekwa kwezi mvavanyo nabanye abadlali-ndima kwishishini eli – umbhambathiswa, amaqumrhu embewu, amaqumrhu ezichumiso kunye namaqumrhu emichiza yezolimo ukuze abavelisi bafikelele kwiinkcukacha neendlela zobuchule ezizezona zinokubalasela kumsebenzi wemveliso. 



Zakuba iziza zeemvavanyo zemiboniso zisekiwe, kubaluleke kakhulu ukuba abavelisi abasaphuhlayo kuloo ngingqi bafikelele kuyo yonke imiba yokutyala nokuhlakulela izityalo eziza kutyalwa kwezo ziza. Iintsuku zamafama zinika ithuba lokudibana kwabavelisi nabanye abavelisi, kananjalo namaqumrhu anika iinkxaso zamagalelo kunye nabo bonke abanye abadlali-zindima kwishishini abamenywe ukuba yinxalenye yezi ntsuku – abavelisi bafumana ulwazi oluninzi kunye namava kule micimbi. 



Iintsuku ezilandelayo zamafama bezibanjwe kunyaka wama-2008:



UTonie Loots eMntla-Ntshona – 9 iintsuku zamafama; 

UAmos Njoro eMntla-Ntshona naseGauteng – 10 iintsuku zamafama; 

UJerry Mthombothi eMpumalanga – 10 iintsuku zamafama; 

UJohan Kriel eFree State – 11 iintsuku zamafama; kananjalo

ULawrence Luthango (osebenze ukususela ngoMeyi 2008) eMpuma-Koloni ube neentsuku 

   ezine ezincinci zamafama.

.

Ngethuba leentsuku zamafama, kushukuxwe izihloko ezahluka-hlukileyo, eminye imizekelo ingezantsi:



INkqubo yoPhuhliso lwamaFama yaseGrain SA;

Inkxaso, indima nemisebenzi yamasebe ezolimo ahluka-hlukileyo;

Izichumiso nokufakwa kwazo okuchanekileyo – izithethi ezahluka-hlukileyo ngeentsuku ezahluka- 

hlukeneyo;

Ukutshatyalaliswa kokhula nezinambuzane ezibulala izityalo;

Izikhethwa zemihlanganisela;

Umsebenzi wokufama njengeshishini ukuze i-ethanol ibe yindlela yokukhupha iinkozo;

Iimfuneko zeemboleko zemveliso;

Ukuthengisa umbona;

Iinkonzo ze-Land Bank;

Imibandela yezeMihlaba nolwabiwo lomhlaba; kananjalo

I-inshorensi yamagalelo.



Kwinkqubo yethu, sizama ukubandakanya nokuqukanisa bonke abadlali-zindima abahluka-hlukileyo kwishishini lezolimo kuphuhliso lwabavelisi – kukho indima efanele ukudlalwa ngumntu ngamnye ngokobungcali bakhe. Unxulumaniso lubalulekile ukuba inkqubela kufuneka inganqunyanyiswa kwaye ilondolozeke. 



Kuphunyezwe ubudlelwane bobulingane namaziko alandelayo: 

i-MADC, i-Land Bank, i-ABSA, i-Standard Bank; 

i-Sasol Nitro, i-Omnia, i-Tsunami, i-Opticrop, i-Kynoch;

i-Senwes, i-OVK, i-NWK, i-MGK, i-Suidwes Landbou, i-AFGRI;

AmaSebe ezoLimo neleMibandela yezeMihlaba, iSebe leMibandela yaManzi, i-SEDA;

i-NAFU, i-NERPO, i-MPO;

i-Pannar, i-Monsanto, i-Agricol;

i-Bayer, i-Wenkem, i-Novon/Protecta;

i-ARC GCI;

i-Taung College; kananjalo

i-Santam Agri.





