Umfama (Umbona)									IsiXhosa
Umlimi woNyaka ka-2010 – i-Free State iphuma phambili kwakhona!
Imiyalelo:
Folio strap: Umlimi wonyaka
Byline: NguJane McPherson, umphathi wenkqubo yaseGrain SA yeNkqubo yoPhuhliso lwabaLimi
Photo: NguWilliam Matasane, umLimi wethu woNyaka ka-2010. 
Kwiminyaka eliqela edlulileyo, kubekho ukhutshiswano olunobuhlobo phakathi kwamaphondo amabini abalulekileyo alima izityalo eziziinkozo, i-Free State noMntla-Ntshona. 
Ukususela ekusungulweni kokhutshiswano lomLimi woNyaka osaPhuhlayo waseGrain SA, kuphumelele abalandelayo:
Unyaka
Umlimi wonyaka
IPhondo
Ngo-2002
NguKarabo Peele 
eMntla-Ntshona
Ngo-2003
NguStephen Matshididi
e-Free State
Ngo-2004
NguPaul Morule
eMntla-Ntshona
Ngo-2005
NguMoss Malo
eMntla-Ntshona
Ngo-2006
NguLasarus Mothusi
eMntla-Ntshona
Ngo-2007
NguLepati Macaphasa
e-Free State
Ngo-2008
NguLabious Manoto
eMntla-Ntshona
Ngo2009	
NguSamuel Moloi
e-Free State
Ngo-2010
NguWilliam Matasane
e-Free State
 Njengoko kubonakala, kwabalithoba abaphumeleleyo, abahlanu kubo bebevela kwiphondo laseMntla-Ntshona ukuze abane bavele kwiphondo laseFree State. Unyaka ka-2011 uya kuba ngunyaka wokwenza amanqam okubonisa ukuba leliphi iphondo elinabalimi abanomsebenzi ongowona ubalaseleyo! 
Ngokuqinisekileyo uWilliam Matasane ugqwese ngenene kulo nyaka. Le yindoda ekhethe ukufama njengomsebenzi ewuqeqeshelweyo kwaye iyintshatsheli kuwo. Njengoko kukhankanyiwe kumanqaku elixa langaphambili, uWilliam ulima umbona noojongilanga, kwaye unomhlambi omkhulu weenkomo zenyama neegusha ezimbalwa. Uthenge ifama eyiyeyakhe kwaye uqeshe nenye intsimi ukuze andise umsebenzi wakhe. UWilliam uyindoda ezinikeleyo elusatsheni lwayo kwaye ungumsebenzi onenkathalo – ungophumelele nxazonke. Sivuyisana naye kangangoko. 
