xhosa.1483.complain
Unelungelo lokukhalaza njengomthengi. Nantsi indlela yokukhalaza ngokukuko... Kubhale uPatricia McCracken
BONA XHOSA June 2008
ULUGCWABEVU ngumsindo kwaye ukholwe yeyokosa! Kukangaphi uzifumana uziva njalo emva kokuthenga into okanye emva kokukhalaza ngento ethile? Kwaye amaxesh' amaninzi uzifumana ushiyeka ukhala uzithulisa emva kokungahoywa kwesikhalazo.
Luyafumaneka uncedo. Nantsi indlela yokukhalaza ngokukuko...
1: ZIKHUSELE
Olunye uphando lwabathengi lwafumanisa ukuba abalithoba kwabali-10 baba nengxaki enzima kangangokuba
Bade bathukisa (29%)
Baba nentloko ebuhlungu (21%)
Baba nesifuba esibuhlungu (6%)
Balila (5%).
Ngoko xa ungumthengi kufuneka uqale ngokuzikhusela. Cingisisa ngento ofun' ukuyithenga, ujonge nokuba okuthengayo kuza kuzanelisa na iimfuno zakho ngaphambi kokuhlawula. Ngaloo ndlela uzikhupha kwingxaki yokuba kufuneke ukhalaze.
2: YENZA OKUTHILE
"Yonk' into oyithengayo ibonisa ukuba uyayamkela imveliso nenkonzo yaloo nkampani," utsho uPatrick Deale ongomnye wabaseki bombutho wokukhalaza ekuthiwa yigetclosure!
Uthi ehlabathini jikelele iingxelo zabantu abangaxolanga zizinto ebazithengileyo zingaphezulu kwezabo banelisekileyo! Kodwa nangona kunjalo uphando lubonisa ukuba abathengi abalithoba kwabali-10 abanganelisekanga abathabathi manyathelo ngaloo nto.
Unelungelo elipheleleyo lokukhalaza. Eli lelinye lamalungelo asibhozo abathengi ehlabathini nelilandela imigaqo emiselwe yi-UN nelisemthethweni kweli - nangona nje lingahlonitshwa kangako ngamashishini eli.
Ukukhalaza kwakho kuphela kwendlela iinkampani eziya kubona ngayo ukuba awuxolanga yimveliso okanye inkonzo yayo.
3: LUXANDUVA LWAKHO
Ungabi neentloni. Kaloku nangona ungabeva besithi bayakholelwa ukuba "Umthengi usoloko enyanisile", inkoliso yamashishini anqwenela ukusibona singakhalazi nokuba asixolanga yinto asithengisela yona. Ngelishwa ke abathengi abaninzi benza kanye loo nto.
Ukungabinalo ixesha namandla okukhalaza nokungathandi ukususa uchuku kuko okwenza abantu baseMzantsi Afrika banyamezele iinkonzo ezingabenelisiyo. UDeale uthi amaxesh' amaninzi ababoni kuza kubanceda nganto ukukhalaza.
Ukukhalaza kubahlobo bakho ngento oyithengileyo engakuxolisanga kungaba sisiqalo esihle - uphando olwenziwe e-US lufumanise ukuba umntu omnye kwabathathu akabi sathenga kwivenkile ethile xa eve umhlobo wakhe ekhalaza ngayo.
Ukwathe abantu beli mabalungise iinkampani zeli ngokukhuthalela ukukhalaza ungekafiki u-2010, kungenjalo abatyeleli abangaphaya kwama-400 000 abeza kweli baza kuhamba bengaxolanga yinkonzo yazo!
4: UFANELE UQALEPHI?
ULillibeth Moolman ongumongameli weSA National Consumer Union ucebisa ngelithi qala ukukhalaza kwivenkile oyithenge kuyo into okanye inkonzo engakonelisiyo. Kaloku isivumelwano sokuthengiselana usenze nomthengisi, awusenzanga nomenzi waloo nto uyithengayo.
Xa unako yiya kukhalaza ngokwakho ufike ucele umntu osesikhundleni esiphezulu ongakunceda njengomphathi wevenkile okanye isekela lakhe.
Mchazele okwenzekileyo ungenamsindo uze ulandelise oko ngokusibhala isikhalazo sakho (ugcine ikopi yaso xa umnika) umnike nekopi yesliphu okanye irisithi yento oyithengileyo.
Qinisekisa ukuba umntu omnika eso sikhalazo sibhaliweyo uyasayina njengobungqina bokuba uyifumene impahla enengxaki xa uyishiya.
"Ungabi nomsindo, ungawathethi amazwi akrwekrwayo okanye ugrogrise. Yiba nobuhlobo kodwa uyibethelele into oyitshoyo. Kaloku kungenzeka umntu okhalaza kuye asiyompazamo yakhe, koko uzimisele ukuqwalasela isikhalazo sakho," utsho uMoolman.
5: GQITHELA PHAMBILI
Inkampani ebakhathalelayo abathengi ifanele iqwalasele isikhalazo sakho ngokukhawuleza. Kodwa xa ungekaxoli unako ukusigqithisela phambili kumphathi wengingqi okanye umphathi welizwe waloo venkile. Emva koko ungahlaba ikhwelo nakwiingcaphephe ezichophela iimbambano zabathengi neevenkile.Iiwebsite zemibutho elwela amalungelo abathengi njengeSA National Consumer Union neNational Consumer Forum zingakunceda ngombutho ongaya kuwo noya kubeka uxinzelelo kuloo nkampani. Ungaze uhlawule mntu ngokuchophela isikhalazo sakho!
Okokugqibela ungabhenela nakwii-ofisi zephondo zemicimbi yabathengi nakwiSele loRhwebo neMizi-mveliso. Baya kukucebisa xa ungamangala kwiSmall Claims Court okanye kwiNkundla yabaThengi. [x]
FUMAN' UNCEDO
Ngoku ungenza isikhalazo usebenzisa iwebsite okanye i-email. Zama ezi:
SA National Consumer Union: www.sancu.co.za
National Consumer Forum: www.ncf.org.za
getclosure!: www.getclosure.co.za
Indlela eyiyo yokukhalaza
IINGCEBISO ZABATHENGI
OMAWUKWENZE XA UKHALAZA
Yiba nencwadi obhala kuyo konke ngesikhalazo sakho wakuqaphela ingxaki kwimveliso okanye kwinkonzo oyihlawuleleyo. Bhala yonk' into ngokucacileyo usayikhumbula.
Kushwankathele okubhalileyo kwisikhalazo sakho esibhaliweyo kodwa uyigcine incwadi obhala kuyo.
Gcina irisithi okanye iphepha legaranti nayo yonk' imbalelwano yenu, ubenazo neekopi zazo eziya kukunceda xa besithi zithumele.
Ngokuya siqhubeka isikhalazo sakho, jonga kwakhona encwadini ukuze ujonge imihla namaxesha obufowuna ngawo okanye obusiya ngawo kuloo nkampani, uzikhumbuze namagama abantu othetha nabo nokuba utheni kubo.
Emva kwengxoxo nomntu othile efowunini bhala ileta okanye uthumele i-e-mail ukuze abone ukuba uzimisele ukuba silungiswe isikhalazo sakho.
BONA XHOSA June 2008
