Farmer 2 (Maize)									IsiXhosa



Umlimi wonyaka waseMpuma-Koloni Wezixa Ezincinci – ogqwesileyo ngu…

Imiyalelo: 

Folio strap: Umlimi wonyaka wezixa ezincinci 

Byline: NguJane McPherson, umphathi wenkqubo yaseGrain SA weNkqubo yoPhuhliso lwamaFama 

Photos: UBruce Nqezo, uSimphiwe Tshabu, uLeonard Nondonga, uColbert Timakhwe noCaledon Quta. 



Abatyunjwa boMlimi wonyaka waseMpuma-Koloni Wezixa Ezincinci kunye nabagqwesileyo babhengeziwe. Ukuthweswa kophumelele ugqatso kuya kwenziwa embhiyozweni weKlabhu yeeToni ezingama-250 ngowama-26 Agasti 2010. Ngaba balandelayo:

UBruce Nqezo

UBruce uneminyaka engama-56 ubudaala kwaye wazalelwa eKwadike A/A eLusikisiki. Uphumelele ibanga lematriki waza wasebenza eGold Fields eVaal Reefs ukusuka ngowe-1974 - 1976. Ubuyele ekhaya waza wasebenza njengomqhubi wetrektara kwiSebe lezoLimo kanti uphinde wasebenza njengoMncedisi kwezoPhuhliso. Utshate ngowe-1984 kwaye unamakhwenkwe amathathu namantombazana amabini. Omnye unyana wakhe wenza izifundo zemfundo ephakamileyo lo gama abanye abantwana besesesikolweni semfundo yamabanga aphezulu. UBruce wadendwa njengomqhubi wetrektara ngowama-2000 waza emva koko waqalisa ukulima umbona emhlabeni weehektare ezi-2. Kwixesha langoku ulima umbona, iimbotyi kunye neetapile emhlabeni weehektare ezintlanu. 



USimphiwe Tshabu 

USimphiwe Elliot Tshabu wazalwa ngomhla wama-26 Meyi 1956 kuMmandla woLawulo lwaseNtshiqo eTsolo. Ubengena esikolweni samabanga aphantsi wafikelela kwibanga lesi-4 (ibanga lesi-6 ngokwanamhla). Usebenze kwisiXeko saseKapa kwiiyadi zeedokisi iminyaka emithandathu waphinda wasebenza eVandarly Esco iminyaka engama-20. Ngowe-1997 ubuyele ekhaya waqalisa umsebenzi wokufama ngokufuya iigusha neenkomo. Ngaxeshanye ulime umbona, iimbotyi neetapile emasimini elalini. Watshata ngowe-1982 waza yena nenkosikazi yakhe baba nabantwana abathandathu: amakhwenkwe amathathu namantombazana amathathu. Omnye unyana uyasebenza kanti abanye abantwana basafunda. Ngenxa yokudendwa emigodini nokuswela ingqesho, uSimphiwe wenze isigqibo sokusebenzisa umhlaba anokuwufumana ukuze avelise ukutya ngokwenza njalo avelise ingeniso. Kwithuba langoku ulima umbona emhlabeni weehektare ezili-14. 



ULeonard Nondonga – okwabagqwesileyo

ULeonard Nondonga wazalwa ngomhla wama-27 Oktobha 1950 kuMmandla woLawulo lwaseNjezweni. Ufunde esikolweni samabanga aphantsi wada waphumelela ibanga lesi-6 (ibanga lesi-8 ngokwanamhla). Wasebenza kwishishini lasemgodini eRustenburg esebenza kwimigodi ye-platinum ukususela ngowe-1981 ukuya kowe-1988. Watshata ngowe-1977 kwaye unamakhwenkwe amahlanu – amabini kuwo ayasebenza kodwa amathathu asafunda. Ngowe-1989 wadendwa emgodini. Wabuyela ekhaya waza waqalisa ukusebenza umhlaba elima umbona neembotyi. Ethubeni uthenge itrektara yokulima umhlaba kakuhle nangokukhawuleza. Kwithuba langoku wenza umsebenzi wobhambathiso omnceda ngokuba afumane ingeniso. ULeonard unofikelelo kumhlaba odityanelweyo weehektare ezi-4. 



UColbert Timakhwe – okwabagqwesileyo

UColbert Timakhwe wazalwa ngomhla wesi-5 December 1944. Ukhulele phantsi kwabazali bakhe abebelima. Uye kwisikolo samabanga phantsi waza waphumelela ibanga lesi-5 (ibanga lesi-7 ngokwanamhla). Uhambe waya kusebenza emigodini yegolide eLesley, kwiTransvaal eseMpuma, iminyaka elishumi. Ngowe-1989 uyishiyile imigodi waza waya kwisiXeko saseKapa apho wayesebenzela khona i-Murray Construction. Ngowe-1991 ubuyele ekhaya apho aqhube khona umsebenzi wokufama. Watshata xa wayeseTransvaal baza banabantwana abathandathu nenkosikazi yakhe: amakhwenkwe amane namantombazana amabini. Onke amakhwenkwe selesebenza kwaye inye intombazana esafundayo. UColbert usebenzele umlimi waza kwiminyaka emi-3 wafumana amava emsebenzini wokukhupha imveliso yezolimo. Kwithuba langoku ulima umbona kumhlaba weehektare ezi-5. 



UCaledon Qutha – okwabagqwesileyo

UCaledon Qutha wazalwa ngomhla wama-30 Juni 1959 kuMmandla woLawulo lwaseNjijini. Ukhulele apho waza waya esikolweni samabanga aphantsi eNjijini. Waya Esikolweni seMfundo Ephakamileyo saseMt Frere apho afumene khona isatifikethi sebanga le-12 waza wafumana neDiploma yobutitshala. Emva koko uye kwisiXeko saseKapa apho asebenze khona kwizikolo eziliqela. Utshate ngowe-1983 baza bafumana abantwana ababini nenkosikazi yakhe: inkwenkwe nentombazana. Ngowe-1989 uvule ivenkile yegrosari, ethengisa iziqhamo nemifuno. Waqesha ivenkile ethengisa konke ngowama-2004 waza wabuyela eNjijini eMt Frere apho angumnini –venkile khona kwilali yakhe. UCaledon uye waba nomdla wokulima umbona kuba amaqela amaninzi abahlali ebeseyekile ukulima ukutya kwabo okungundoqo, umbona. Ukwamkhulu nomhlaba odityanelweyo ongasetyenziswayo. Umxhelo wakhe uvuswe ngabalimi abakwingingqi yaseKokstad abalima umbona ngezixa ezikhulu kanti kwithuba langoku uCaledon uvelisa umbona emhlabeni oziihektare ezingama-20.



