Farmer 1 (Maize)									IsiXhosa



Umlimi wonyaka waseMpumalanga Wezixa Ezincinci  – dibana nabatyunjwa 

Imiyalelo: 

Folio strap: Umlimi wonyaka wezixa ezincinci

Byline: NguJane McPherson, umphathi wenkqubo yaseGrain SA weNkqubo yoPhuhliso lwamaFama

Photos: UAlpheos Masina, uNkomisheni Mhlongo, uNyosi Mhlanga noVincent Mdluli



Abatyunjwa boMlimi wonyaka waseMpumalanga Wezixa Ezincinci kunye nabagqwesileyo babhengeziwe. Ukuthweswa kophumelele ugqatso kuya kwenziwa embhiyozweni weKlabhu yeeToni ezingama-250 ngowama-26 Agasti 2010. Ngaba balandelayo:

UAlpheos Masina 

UApheos Masina wazalwa ngowe-1948 eBadplaas. Utshate noChristina Ncongwane kwaye banabantwana abathandathu. Ukhulele eBadplaas kanti zange waya esikolweni. Ngowe-1965 uqalise ukusebenza ehlathini eNew Town waphinda wasebenzela umbhambathiswa, iKruger Construction, esakha indlela esuka eBarbeton eya eBadplaas. Ngowe-1968 uqalise ukusebenza efama elima iintlobo ezahluka-hlukileyo zezityalo eziziinkozo kunye nemifuno ethile. Kwixesha langoku ulima umbona, iimbotyi kunye nemifuno ethile kwiihektare ezine zomhlaba olimekayo. 



Ungomnye weendlalifa zeNdwandwa Trust ezafumana ifama eBadplaas abayibange phantsi kokuBuyiselwa koMhlaba. Uyindoda endala edlamkileyo osoloko ekuthakazelela ukufunda.



UNkomisheni Mhlongo – okwabagqwesileyo

UNkomisheni Mhlongo wazalwa ngowe-1953 kwilali encinci kuMmandla waseNkomazi owaziwa ngokuba yi-Langeloop. Ukhulele kule lali waza waqalisa isikolo Esikolweni Samabanga Aphantsi eDriekoppies ngowe-1959. Wathunyelwa e-Lomati Dry School ekwibanga lokuqala (ibanga lesi-3 ngokwanamhla) waza waphumelela ibanga lesithandathu (ibanga lesi-8 ngokwanamhla) ngowe-1971. Ngowe-1974 uthathele kuye ikhefi encinci yomzali wakhe wayilawula. Utshate noNomasonto Ngwenya ngowe-1975 baza basikelelwa ngabantwana abasixhenxe, amakhwenkwe amabini namantombazana amahlanu. Abanye babantwana bakhe bayasebenza kanti owokugqibela usesesikolweni.



Emva kokuthathela ezandleni ishishini, wayandisa ngowe-1975 yaba yivenkile enkulu ngakumbi. Uye wathenga iibhari ezimbini zodidi, isilarha wathenga nemfuyo. Kwithuba langoku uneenkomo ezingama-345.



Ngowe-1997 wenze isigqibo sokubuyela emsebenzini wokufama njengoko abazali bakhe babesoloko besenza umsebenzi wokufama. Uqale ngokulima umbona, amandongomane, ummoba nezinye izityalo. Kwithuba langoku ulima ummoba kwiihektare ezisixhenxe, ngokunjalo nombona kunye nezinye izityalo eziziinkozo ezinjengamandongomane, iibhathanathi, i-okra neemengo – ezilinywa zonke kumhlaba omalunga neehektare ezingama-20. Umbona ulinywa phantsi konkcenkcesho kunye neetoni ezingama-20 zeebhathanathi. Sithetha nje uvuna ii-cowpea.



UNyosi Mhlanga – okwabagqwesileyo

UNyosi Mhlanga wazalwa eGutshwa ngowe-1941 wakhulela khona eGutshwa phantsi kwempatho yomthonyama yakwaKhumalo. Yilali encinci malunga nama-20km ukusuka kuMlambo i-White eMpumalanga. Uqale ukuhamba isikolo esikolweni saseGutshwa ngowe-1952. Usishiye isikolo emva kokuphumelela ibanga lesihlanu ngowe-1959. Uqale ukusebenza ngowe-1960 e-Plaston njengomsebenzi wasekhaya. Uchithe ixesha elide lobomi bakhe esebenza kwiihotele njengompheki osentloko nanjengeweyita. Watshata noEva Khumalo ongasekhoyo ngowe-1964. Basikelelwa ngabantwana ababini, inkwenkwe nentombi. Inkosikazi yakhe imshiye ngowama-2009. Okwangoku uhlala yedwa. 



Ukhulele elalini apho enze khona umsebenzi wokufana kumhlaba odityanelweyo. Bebelima umbona, amandongomane neembotyi ze-jugo. Ekukhuleni kwakhe ebesalusa imfuyo yabazali bakhe. Uqalise ukwenza umsebenzi wokufama ngowe-1978 kwada kwaba ngowe-1982 ngethuba lembalela elamnyanzela ukuba ayeke ukufama. Waba ngumsebenzi eNgodwana kodwa wabuyela emsebenzini wokufama waza walima imifuno, umbona, iimbotyi ze-jugo namandongomane. Utyale imifuno kwihektare enye yomhlaba kodwa walima ezinye izityalo kwiihektare ezine zomhlaba olimekayo. Kwakhona kulinywe iplothi yovavanyo lombona kwiminyaka emibini elandelelanayo kwifama yakhe.



UVincent Mdluli – okwabagqwesileyo

UVincent Mdluli wazalwa ngowe-1941 eMahukhube (Spelanyane), kufutshane eNelspruit, phantsi kogunyaziso lomthonyama lwaseMpakeni. Yilali encinci malunga nama-50 km ukusuka eNelspruit eMpumalanga. Uqale ukufunda Esikolweni seCawa yamaRoma eDaantjie Trust ngowe-1949. Usishiye ngowe-1957 isikolo emva kokuphumelela ibanga lesixhenxe. Uye waqalisa ukusebenza njengomsebenzi owenziwa ngezigalo e-Nelspruit Sawmill ngowe-1960. Kuthe ngowe-1964 wanyuselwa ukuba abe nguMongameli, ulishiye eli qumrhu ngowe-1972. Ngowe-1976 uqeshwe e- Ellerines eyivenkile yeFanitshala njengomthengisi waza wanyuselwa waba nguMongameli ngowe-1980. Uyishiye i-Ellerines ngowe-1999. 



Utshate noJosphinah Mndawe ngowe-1964 – kodwa inkosikazi yalishiya eli ngowama-2003. Bafumana abantwana abathandathu, amakhwenkwe amabini namantombazana amane. Umntwana wabo wokuqala wazalwa ngowe-1966 waza owokugqibela waba ngowe-1985. Ngowama-2007 utshate noNonhlanhla Mavuso kwaye abanabantwana. 



UVincent ukhulele efama njengoko abazali bakhe bebengamafama. Bebesebenzisa iinkomo ukulima amasimi abo angumhlaba olimekayo. Ekukhuleni kwakhe ebewuthanda umsebenzi wokufama ngemfuyo nokulima izityalo. Uqalise ukuzenzela ngokwakhe umsebenzi wokufama ngowama-2003.



Uqalise ukulima ngombona, amandongomane neembotyi ze-jugo ngowama-2003 emhlabeni weehektare ezilishumi ukuya kwishumi elinesihlanu. Kutshanje ungene kulwahlulelwano noMnu Eros Mazibuko oligqwetha nomncedisa ngemibandela yemali ukuze aqhube ngomsebenzi wokufama ngendlela enika imveliso nenzuzo encomekayo. Kwithuba langoku balima malunga neehektare ezingama-30 zombona, iihektare ezintandathu zamandongomane neehektare ezimbini zeembotyi ze-jugo. Baqeshe abasebenzi abasibhozo nabaqhubi beetrektara abathathu. Baneetrektara ezine, ilitye lokusila lehamile elinye, amakhuba amathathu, amakhuba ezikotile amabini, isixhobo sokutyala esinye, izikofolo ezibini nesixhobo sokukrazula esinye. Kwakhona uVincent uneenkomo ezili-11 neebhokhwe ezili-15.





