Factors (Maize)									IsiXhosa



Imibandela ephembelela ixabiso lentsimi 



Imiyalelo: 

Folio strap: Imibandela yoMhlaba

Byline: Ulwazi lufunyenwe kwizifundo zoVavanyo lweMithombo yokuSebenza nezesiCwangciso seNtsimi



Ngokwesithethe, ixabiso lentsimi belisekwa kwisakhono sayo sokukhupha imveliso kwezolimo. Kwimimandla ethe chatha ngokuba semaphandleni abalimi basenoxanduva lwenkoliso yeentengo ezenzelwa intsimi apho iinzuzo zezolimo zasemva kwenkcitho izizo ezalatha, ubukhulu becala, ixabiso lentsimi. 



Isantya senzala esihlala siphezulu okanye sisezantsi naso sineempembelelo kubalimi njengoko inkoliso yabalimi isebenza ngesixa esithile okanye ngesixa esipheleleyo semali eyinkunzi ebolekiweyo. Izandiso-mali ngemali eyinkunzi kwizakhiwo zomsebenzi wokufama kanti nezenzo zokuphucula nazo zineempembelelo ezibalulekileyo kwixabiso lentsimi.



Ingeniso yokuba ngumnini wentsimi ingayilwa ngezi ndlela:

Umsebenzi wokuvelisa izinto ngezinto ngumbhexeshi ongumnini;

Ngokuqeshisa umhlaba wokulima okanye owamadlelo ngokubolekisa kwabanye ababhexeshi; kananjalo

Ngokungena kwiimvumelwano zokwahlulelana ngezityalo nabanye abalimi.



Ukuyila ingeniso ngokuba ngumnini wentsimi ke ngoko kuneenxalenye ezimbini,:

Ithuba elifutshane neliphakathi lokusetyenziswa komhlaba ngendlela ekhupha imveliso njengoko kuchazwe ngasentla; kananjalo

Inzuzo kwimali eyinkunzi yethuba elide enxulumene nolwandiso lwexabiso lomhlaba emva kwethuba. 



Ezi nzuzo zethuba elide zikwaxhomekeke kwiimbuyekezo ngokwepesenti ezivela ekusetyenzisweni ngendlela enika imveliso nethi ifumane amava eembuyekezo ezithe chatha nezisezantsi zoqoqosho ngokwemijikelo kwithuba elide. Xa kuthethwa gabalala amaxabiso omhlaba athande ukwanda ngokuya kuhamba ixesha kanti umkhwa wehlabathi kukugcina umhlaba onika imveliso kwizandla ezimbalwa. Kuba nzima ke ngoko kubangeni abatsha ukuba bakwazi ukufumana umhlaba wethuba elifutshane baze bakwazi ukuwuhlawulela ngokusebenzisa imveliso encomekayo. Imeko iyahluka ke kodwa xa umhlaba unokufumaneka ngegranti (LRAD), okanye ngelifa, okanye ngemali-mboleko yezantya zenzala ezifumana inkxaso (njengoko kunjalo ngesicwangciso esitsha seSebe leMibandela yezoMhlaba esibizwa ngokuba sisiCwangciso sokuFumana uMhlaba Phambi kweThuba (Proactive Land Acquisition Scheme - PLAS). 



Uqeshiso lomhlaba lutshintshile kwindlela abalimi abasaqalayo abangena ngayo kwezolimo lwaya kwindlela yokuba abalimi asebezinzile bafikelele emhlabeni owongezelelweyo baze bakhulise amashishini abo ezolimo. Oku kufanele ukuqwalaselwa ngakumbi malunga nomhlaba odityanelweyo apho kukho umhlaba omninzi ongasetyenziswayo kanti ngaxeshanye kukho iqela labalimi abalungileyo abafuna uchatha womhlaba abanokuwulima ukuze bafumane inzuzo. Ukurenta umhlaba kuvumela abalimi ukuba bakhulise ishishini ngaphandle kwetyala nokuzinikela kwimali eyinkunzi yokuqalisa ishishini enxulumene nokuba ngumnini.



