Factors (Maize)										Xhosa



Imibandela echaphazela abavelisi abasaphuhlayo

	

Imiyalelo:

Folio strap: Inkqubo yophuhliso lwamafama

Byline: NguJane McPherson, umphathi wenkqubo yakwaGrain SA yeNkqubo yoPhuhliso lwamaFama



Uphando olwenziwe yiNkqubo yoPhuhliso lwamaFama luchonge lwaza lwafumanisa imibandela eyahluka-hlukileyo nto leyo eyenza kube nzima kubavelisi abasakhulayo ukungena kumsebenzi worhwebo ngombona.



Iingxaki ezilandelayo ziphakathi kwezizezona ziphambili kwezo zichongiweyo: 



Iitrektara nezixhobo ezisetyenziswa ngabavelisi abaninzi abasaphuhlayo zikwimeko embi kakhulu kwaye abakho kwisimo semali sokukwazi ukuphucula imeko yabo – imida yenzuzo kumsebenzi wokuvelisa izityalo eziziinkozo isezantsi kwaye ukuba ukhona umda wempazamo yabaphuhlisi abasaphuhlayo, mncinci kakhulu. 

Uninzi lwabavelisi badibana neengxaki zokusebenzisa izixhobo ezizezanamhla – umzekelo, iSebe lezoLimo eMpumalanga linike amaqela athile abavelisi iitrektara nezixhobo zamaxesha anamhla abangakwaziyo ukuzisebenzisa okanye ukuzifakela amaqondo. 

Baninzi abavelisi abangenazo izixhobo eziyimfuneko ezifana nezitshizi ze-boom, nto leyo ethetha ukuba abanakukwazi ukutshabalalisa ukhula nezinambuzane ezibulala izityalo ngemichiza. Akukho maziko athakazelela ukunika uncedo lwemali yokuthenga izixhobo zokulima ezikhe zasetyenziswa, kanti izixhobo ezitsha zinexabiso eliphezulu kakhulu kangangokuba abavelisi abaninzi bade bangakwazi ukuzithenga. 

Amanqanaba enzala kwixesha langoku aphezulu kwaye xa kusongezelelwa ezi ndleko kwiindleko eseziphezulu zomsebenzi wemveliso, imveliso yezityalo eziziinkozo ayisenanzuzo kwiindawo ezininzi. 

Baninzi abavelisi asebengabamkeli bolwabiwo lomhlaba abanikwe umhlaba ongafanelanga mveliso yezityalo – aba bavelisi banomnqweno wenene wokuvelisa izityalo kodwa asinakucebisa abavelisi ukuba batyale umbona emhlabeni onobunzulu obunganeno kuma-700 mm – umngcipheko wokusilela uphezulu kakhulu. 

Enye ingxaki efuna ingqalelo yenene yileyo yeenkonzo ezicekethekileyo zasemthethweni kunye okanye isixokelelwano esingomelelanga solawulo esiphuhle njengesiphumo solwabiwo lomhlaba. Kwiziganeko ezininzi, umhlaba wawunikwe iTrust ebunjwe ngabancediswa nabaphathi (ikholisa ukuba ngabantu abangaphezu kwama-30). Ekuqaleni bekuthekelelwa ukuba wonke ubani uya kuba nenxaxheba kumsebenzi wokufama, kodwa ngokuhamba kwexesha, kubonakale kuyingxaki eyandayo oku kwaye ngoku bambalwa abancediswa abashiyeke besenza umsebenzi wasefama, kodwa iimeko abaphila phantsi kwazo azikhuselekanga. 

Ukufikelela kwigalelo (imali yomsebenzi wemveliso) yingxaki kubavelisi abaninzi kwaye kulunge ngenene ukukwazi ukufumana izisombululo umzk. kumsebenzi oyilwayo novavanywayo esiwuseke neSebe lezoLimo laseFree State kunye neOVK ngelinge lokunika inkxaso kubavelisi abathile abachongiweyo – iOVK inikele kwangaphambili ngemali epheleleyo yemveliso kubavelisi ukuze bakwazi ukubeka isityalo emhlabeni ngexesha elichanekileyo, kanti iDoA yona (iSebe lezoLimo) inikele ngembuyiselo yama-50% amagalelo kwiOVK ukuze ifakwe kwii-akhawunti zaba bavelisi. Olu vavanyo lusebenza kakuhle kwaye wonke ubani uye wakwazi ukubuyisa imali-mboleko nokwenza inzuzo, kodwa sithe xa besizama ukwandisa inkqubo njengoko kwakuvunyelwene, iSebe lithe alinalwabiwo-mali kwaphela malunga nalo msebenzi uyilwayo!

Ukuba abavelisi bayaphumelela ngesicelo sabo semali-mboleko, amaziko emali asuka abambe isandla ekubanikeni inkxaso-mali yokukhanda nokulondoloza oomatshini – kanti ngaphandle kwezixhobo ezisebenzayo abasayi kuba ngabavelisi abarhwebayo. 

Kummandla waseBronkhorstspruit, kananjalo kutshanje, kwingingqi yaseLichtenburg, abakwaAFGRI benzela abavelisi abasaphuhlayo umsebenzi wokufama – basebenzisa ababhambathiswa abakhulu abamhlophe abenza umsebenzi wokufama, ukuze ekupheleni kwexesha lonyaka, abavelisi bafumane isabelo sokuseleyo (abakwaAFGRI bathatha iindleko zamagalelo kunye nama-50% enzuzo). Okusixhalabisayo malunga noku kukuba:

Akukho nto ifundwa ngabavelisi malunga nomsebenzi wokufama njengoko kungekho zakhono zigqithiselwa kubo. 

Akukho nzuzo efunyanwa ngabavelisi abazama ukuthabatha inxaxheba – kubonakala ngathi umhlaba ulinywa wonke ukuze abavelisi bafumane isabelo esiqingqwe kwangaphambili ngokweeakile hayi ngokwesivuno esifumaneke emhlabeni wabo. 

Ukuba inzuzo yesi senzo iyehla, kucingeleka ukuba abakwaAFGRI baya kuyeka ukwenza umsebenzi wokufama ngokwenza njalo aba bavelisi baya kuba kwimo emaxongo kwaye bangakwazi kuzenzela umsebenzi wokufama ngokwabo.

Amaxabiso aphezulu esichumiso athetha ukuba abavelisi abasebenzisi izixa ezicetyisiweyo – oku kubanga izivuno eziphantsi kananjalo nokwetha komgangatho womhlaba. 

I-Maize Trust iseke isixokelelwano esingummangaliso senkxaso yokuhlawula ikalika efakwayo, ukuhlakula kwakuqala, ukulandela ngoqwalaselo neinshorensi yegalelo. Nangona kunjalo, le nkxaso igqithiswa kuphela ngamashishini ezolimo. Zininzi iziganeko apho umvelisi engelo lungu leshishini lezolimo (njengakwimimandla yaseMpuma-Koloni) – oku kuthetha ukuba umvelisi akakwazi kusebenzisa inkxaso enikwa ngabakwaMaize Trust. 

Inkonzo yesolulo yamasebe ezolimo ayisebenzi kakuhle ngokomgangatho ofunekayo – abaphathi abanalwazi kwaye kwiziganeko ezininzi abanamdla wokunika abavelisi inkxaso. 

Ukufikelela kumhlaba olimekayo yingxaki kwamanye amaphondo – ngakumbi kulawo apho kungekho mhlaba udityanelweyo khona, njengaseFree State. ISebe leMibandela yezeMihlaba alinamandla – kwaye alinamdla wokuhlawula ixabiso elibangwa ngumhlaba omhle – kwaye xa lithe lawuthenga umhlaba, alikuqwalaseli ukuba ingaba abavelisi banazo na izixhobo eziyimfuneko zokuwulima – ukuba ngumvelisi kubanga ngaphezu kokuba nomhlaba nje kuphela. 





