Education (Maize) 									Xhosa



Imfundo namava zizinto ezihamba kunye



Imiyalelo: 

Folio strap: Ukongezelelwa Kwexabiso

Byline: NguJane McPherson, umphathi wenkqubo yaseGrain SA yeNkqubo yoPhuhliso lwamaFama



Inxalenye yabona balimi babempumelelo inemfundo ephantsi kakhulu – kodwa inamava amaninzi kwaye bayawuthanda umsebenzi abawenzayo. Umsebenzi wokufama bubomi babo. 



Umsebenzi wokufama bubuchule, kwaye yinzululwazi, kanti ukwayindlela yobomi. Umsebenzi wokufama ubandakanya ukholo – akufane ukwazi ukuwulawula umsebenzi wokufama njengoko usenziwa phandle phantsi kwenceba yemozulu.



Inzululwazi yokufama iphuhliswe kakhulu kwaye inobucukubhede – kuninzi okwaziwa ngomba ongowona mncinci womsebenzi wokufama. Into ekufuneka uyenzile kukufumana uncedo necebiso kwaba bantu bafunde kangaka – ungumlimi ozenzelayo. Umzekelo, ukwenza uhlalutyo lwesampulu yomhlaba ngumsebenzi ofuna ubuchule obuphakamileyo. Akukho mfuneko yokuba wena ngokwakho ukwazi ukuzenzela uhlalutyo – ekufuneka ukwenzile kukuthatha iisampulu rhoqo, wenzelwe uhlalutyo uze uthathe icebiso lengcali yenzululwazi oyithembayo. Unako ukuphumeza icebiso ngenkqubo yokufaka isichumiso uze uhlakule isityalo sakho. Nceda qinisekisa ukuba ufumana icebiso elilungileyo uze uliphumeze icebiso elo – nangona kunjalo, iliso namava akho aya kwenza ukuba isityalo siphumelele.



Thatha lonke ithuba onokuba nalo lokufumana uqeqesho ebantwini abanolwazi namava omsebenzi wokufama. Enyanisweni akunakuwufunda encwadini umsebenzi wokufama, ngoko ke qiniseka ukuba unikwe uqeqesho ngumntu osaziyo esi sihloko. Xa uzoba ukuphawuleka kwakho, bandakanya ulwazi olu olukwitheyibhile engezantsi, kodwa musa ukuzikhathaza kakhulu ngeziqinisekiso zezifundo – oku akukuko konke okufanelekileyo kwaye akusosiphelo kwamathuba akho empumelelo.



Imfundo yesikolo 



Elona banga liphezulu liphunyelelweyo
 

 

 
Imfundo ephakamileyo 
 

 

 


Ukubandakanyeka neGrain SA



Igama leqela lophononongo
 

 

 
Izintlu zezifundo ekuyiwe kuzo
 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 


Amava omsebenzi wokufama



Umsebenzi wasefama
 

 

 
Umlimi ozimeleyo
 

 

 
Ukulima izityalo
 

 

 
Iinkomo zenyama
 

 

 


