XHOSA.1475.muthi
kubhale uFORCE KHASHANE
UNAMABALA amnyama ebusweni okanye amaqhakuva enza ubuso bakho bube bubi uze ungazithembi... zonke ezi ngxaki ziyasonjululwa ngokusebenzisa amayeza.
Amayeza angakunceda ukuhlis' umzimba!
Umtshana wam oyimbethi-manqindi udla ngokundityelela xa engaziqeqeshanga ngokukuko ngaphambi komlo.
Kweli tyeli ufike esithi ufuna ukuhlis' umzimba nto leyo yayingqina izityholo endandimbeka zona zobuvila.
Ndithe xa ndimxelela ukuba akufanelanga ukuba atyebe xa eza kulwa wandixelela zonke izizathu ezibangele ukuba atyebe. Uthe unomsebenzi omninzi wesikolo nowasekhaya kungoko engakwazanga ukuziqeqesha ngokwaneleyo.
Angamnceda bethu amayeza am"
Ndithe kuye, "Musa ukwenz' impazamo. Akukho yeza lingakunceda ukuba ungenzi umsebenzi wasekhaya okufanele uwenze."
Kodwa ndiye ndazibek' ityala. Ukuqala kwakhe ukuza kucel' uncedo lokuhlis' umzimba wathi uxelelwe ngomzuzu wokugqibela ukuba uza kulwa kuba engekho umntu ebekufanele ukuba alwe kuloo mlo.
Ndamkholelwa waza wathi akubon' ukuba liyamnced' iyeza lam waqond' ukuba uza kuthi gqolo ukulisebenzisa."
Ndamnika iyeza lokufutha elawuhlisa ngeekhilogram ezimbini umzimba wakhe ngaphambi komlo.
Eli yeza ligutyul' ukungcola komzimba yaye emva kokumnika kwam elo yeza wakhwela eqongeni esomelele.
Ukuphumelela kwakhe ngokulalis' indoda ngophotho kwamenza wakholelwa ekubeni ukusebenzis' eli yeza kokona kubhetele kunokuya ejimini!
Kanti akunjalo!
Iyeza lokufutha alingeni endaweni yokuziqeqesha. Kukutya nokuziqeqesha ngokukuko okugcin' umzimba unobunzima obufunekayo.
Ukufutha kunceda iimbethi-manqindi ezinengxaki yobunzima bomzimba hayi amavila onqena ukuziqeqesha.
Neembaleki akufuneki zifuthe kuphela ngomhla owandulela ukhuphiswano. Kufuneka zifuthe qho kabini ngeveki ziqalise kwiinyanga ezimbini ngaphambi kokhuphiswano.
Ukufutha akuyonto yabantu bemidlalo kuphela. Nabani na angafutha. Xa utye, wasela kakhulu okanye xa uphumle kakhulu, kuyafuneka ufuthe ukuze kuphume la mafutha angafunekiyo.
Kuphucula ulusu kwaye kugutyula ukungcola okungunozala wamaqhakuva noontlokwana ezimnyama. Naku omawukwenze nomawungakwenzi xa ufutha...
lUngafuthi xa ulambile - okanye xa unesiyezi, ubuthathaka, ungaziva mnandi, unesicaphu-caphu okanye xa kufuneka uphume kamsinyane emva kokufutha.
lAbantwana abangaphantsi kweminyaka eli-12 bangafuthi.
lAmabhinqa akhulelweyo angafuthi.
lXa usaqala ungafuthi ixesh' elide.
lUngaphumeli engqeleni msinyane nje emva kokufutha kuba xa wenjenjalo ungangenwa ngumkhuhlanae.
lKufuneka ufuthe ebusuku kuba kuxa uza kulala. Wufudumeze umzimba wakho de kube yintsasa elandelayo.
lXa ufutha qho, sela amanzi kakhulu - iiglasi ezisibhozo ngemini njengoko xa ufutha uphulukana namanzi amaninzi emzimbeni.
lXa ufutha kufuneka ungangxami.
lUkuze ufuthisise kufuneka uxele kuselithuba kwixhwele lakho ukuba uyeza khon' ukuze likulungiselele.
Kufuneka libase umlilo omkhulu apho liza kufaka khona amatye isithuba esingangeeyure ezintathu ukusa kwezine de atshise abe bomvu.
Emva koko isigulana singena size kwindawo eyogqunywe macala onke sihlale esitulweni esincinane sijongane nesitya sokuhlambela esinamanzi agalelwe iyeza esibekwe phambi kweenyawo zaso.
Igqirha okanye ixhwele lifaka la matye atshisayo kwesi sitya sinomxube weyeza.
Uba shushu umxube ukhuphe ulophu. Lulo olwenza isigulana sibile sithi xhopho. [x]
34 BONA XHOSA - March 2006
Sithetha ngamayeza esintu
Ukunyangwa ngokufutha
Bhalela uForce ngemibuzo yakho ngamayeza esintu kule dilesi:
Talking Muthi, Box 473014, Parklands, 2121 okanye uthumele i-e-mail ku-forcek@caxton.co.za
