xhosa.106.muthi
Andiziva NDIYINDODA YENENe
INZIMA ingxaki ejongene nendoda endibhaleleyo ngengxaki yayo. Ithi ayisakwazi ukwenza umsebenzi wayo wobudoda kwaye ithi ingxaki yayo yaqala emva kokuphana isondo nebhinqa elithile ngeminyaka yoo-1990.
Ithi yakhwelisa ibhinqa endleleni "yaza yalithanda iqala ukulibona".
Emva kokuzibika kulo, bahamba nalo baya kumisa imoto kwindawo engenabantu.
"Emva kwencoko nokuphatha-phathana bazibona sele bekhulule..." (Yenza impazamo yokungasebenzisi ikhondom.)
Ithi yavukelwa kodwa emva koko laphinda lawa ilungu layo. "Ilungu lam lawa nje xa siqala ukuba nendibano yesondo. Lasuka langathi liyayoyika into endifun' ukuyenza. Ndazama ndancama lingavuki tu.
"Elo nenekazi landixelela ukuba aliqela amadoda akhe anengxaki efana neyam xa efun' ukuba nendibano yesondo nalo.
"Lathi liyakrokra ukuba indoda elithandana nayo yalifaka ibekelo ukuze lingabi neendibano zesondo namany' amadoda."
Oko yaba sisiqalo seengxaki zokungavukelwa kakuhle kwale ndoda.
"Ndaya emagqirheni amaninzi andinik' amayeza aselwayo nawokucima okucoca isinyi nezintso zam kodwa akandincedanga," utsho.
Namayeza oogqirha akamncedanga. "Ndisele iipilisi, ndafumana izitofu de ndaya nakwiklinikhi yamadoda, kodwa ayipheli ingxaki yam," utsho.
Wayengekatshati ngethuba edibana nelo bhinqa. Ngoku uneenyanga ezintandathu etshatile. "Maxa wambi ndiyavukelwa, kodwa kubenzima ukuhlala ndivukelwe de ndiwuqoshelise umcimbi wasebhedini.
"Ndimchazele umkam ukuba yaqala njani ingxaki yam, kodwa akafuni kuyamkela tu. Uthi andithakathwanga qha ingxaki isengqondweni yam."
Ingaba unyanisile"
Nokuba unyanisile na le ndoda yona ithi: "Andiziva ndiyindoda yokwenene xa ndingavukelwa xa ndibona umkam enxibe izinto ezivusa inkanuko naxa elele ecaleni kwam enganxibanga."
Xa le ndoda ikholelwa ekubeni ithakathiwe, kufuneka izame ukufumana iyeza elasetyenziswa kwibhinqa eyaqala ingxaki yayo ifuna ukuba nendibano yesondo nalo.
Kungenzeka ukuba kukho "ibekelo" lesondo elalinalo elo bhinqa.
Abantu abafaka amabekelo anjalo ebantwini babo bawenza ngeyeza abaliselayo ngaphambi kokulala nabo lize lingene ngethuba benendibano yesondo.
Zininzi ke iindidi zamabekelo kwaye aquka neleentwala zehagu.
Elo bekelo ke alikufumani kuba ulele nelo bhinqa. Lisebenza xa kubekho nje ukudibana kweencindi eziphuma kumalungu angasese uze wosulelwe sisifo sokungavukelwa kakuhle.
Xa le ndoda ikholelwa ekubeni yabekelwa, kufuneka iye kwinkunkqele yegqirha elixilonga ngamathambo.
Lakuxilonga ngamathambo lafumana ukuba kwakulibekelo eliluhlobo luni, liya kukwazi ukuyinyanga ingxaki yayo.
Nenkosikazi yayo kufuneka iwasebenzise amayeza ukuze "intsholongwane" yebekelo elikhathaza umyeni ibulawe ngokupheleleyo kubo bobabini.
Khetha igqirha lakho
Ndifuna nokusebenzisa eli thuba ukulumkisa abafundi ukuba akulunganga ukunyangwa ngamagqirha amaninzi. Yiya kuxilongwa ngamagqirha amathathu axilonga ngamathambo, uze ukhethe eliza kukunyanga kuloo magqirha mathathu.
Ukhumbule nokuba isifo asinyangeki ngokukhawuleza siphele. Maxa wambi unyango kungafuneka lwenziwe iinyanga eziliqela.
Nasi isilumkiso sokugqibela: ukungavukelwa kakuhle kusenokuba luphawu lweziny' ingxaki zempilo ezinjengesifo seswekile. Ngoko lo mfundi ndimcebisa nokuba aye kwagqirha, amchazele ingxaki yakhe, amxelele nonyango akhe walufumana ngaphambili.
Nakumayeza kagqirha kufuneka uzingise ukuwasebenzisa yaye ungalindeli ukunyangeka ngokukhawuleza. Xa ungaboni mahluko kwixesha olibekelweyo, phindela kuye ukuze akutshintshele amayeza obuwasebenzisa.
Kubalulekile nokuba uye kuxilongwa ngugqirha onyanga izifo zonke. [x]
Ukungavukelwa kakuhle kungaba luphawu lwesifo esithile,
esinjengesifo seswekile
Bhalela kuForce Khashane: Muthi Talk, Box 473014, Parklands, 2121, e-mail: muthi@caxton.co.za
'
'
UNYANGO LWESINTU
EZAMAYEZA
