Drawings									Xhosa



Ifama – umbono wabantwana



Instructions: 

Folio strap: Umdla wohlobo olulodwa

Byline: NguJane McPherson, umphathi wenkqubo yakwaGrain SA yeNkqubo yoPhuhliso lwamaFamae

Insert: Usasazo



UJohan Kriel ngumququzeleli wophuhliso lophondo lwaseGrain SA kwaye uhlala eLadybrand eFree State. UJohan unentombazana yakhe, uSurita, ongumfundisi-ntsapho kwiSikolo sabaQalayo i-Tweespruit. 



Abantwana beklasi kaSurita basuke banomdla omkhulu kumsebenzi wokufama njengoko bemamela imisasazo kunomathotholo kwi-Lesedi Radio ukutshona kwelanga ngoLwezine ngentsimbi yama- 20:15 (eli lixesha apho u Johan Kriel enza usasazo lwakhe emoyeni kanye ngeveki). Abantwana basuke banomdla omangalisa kangako kwezolimo bade babukele neenkqubo zezolimo kumabonakude. Benza isigqibo sokuzoba imifanekiso yeefama abanomnqweno wokuba nazo ngenye imini – imizobo ekhaphileyo ikhethwe kuloo mizobo. 



