Demand										Xhosa



Kuvalwa isolotya lenkxaso yemfuno ebangwayo yempahla yesondlo



Instructions:

Folio strap: Ezobugcisa ezintsha

Byline: NguWessel Lemmer, ingcali yebanga eliphezulu kwezoqoqosho, yakwaGrain SA



Grabber: Malunga neAfrika, amalinge ophuhliso lwezinikimlilo zendalo zehlabathi adala amathuba okulungiselela iindlela zokukhuthaza uphuhliso lwezoqoqosho. Oosomashishini abasakhasayo banokuthi kwixesha elizayo bazibandakanye kule misetyenzana yezoqoqosho ukuze ngokwenza njalo bakwazi ukunika abantu isakhono sokunyusa inqanaba lemigangatho yokuphila ukufikelela kwithuba elithile.



Intro: Ukuba amazwe akwisiqingatha esingasentla sehlabathi azimisele ngokwazisa ngezinikimlilo zendalo, kufuneka ajolise ingqalelo yawo kuphuhliso lwala mathuba kwisiqingatha esingezantsi sehlabathi. Ngaphaya koko, kulindeleke ukuba imfuno ebangwa lihlabathi yokutya okuziinkozo nembewu yeoyile iphindaphindeke kabini kwiminyaka elandelayo engama-20 ukuya kwengama-30. 



Ukuze kufumaneke inkxaso yempahla yesondlo ukwenzela ukutya nezinikimlilo kwixesha elizayo, iYurophu kufuneka ithathele ingqalelo isakhono sendalo esikhoyo kwiAfrika esezantsi kweSahara. Ubukho bemithombo yendalo buya kwenza ukuba amazwe aseAfrika avelise impahla yesondlo ngeendleko eziphantsi ngomlinganiselo ngamnye. La mathuba oncedo ngeendleko enziwa abe nako ukwenzeka ngenxa yeemeko zemozulu nezomhlaba ngakumbi kumazwe afana neAngola, Mozambique kunye ne-Zambia. Nangona kunjalo, imigaqosiseko yentengiso kufuneka ihlonitshwe ngamazwe asezantsi kweSahara xa eshukuxa umba wolwandiso-mali, umzekelo, ngokuhlonela amalungelo afana nawempahla yomntu. 



Ukuze umsebenzi wezoqoqosho ube kwelona nqanaba liphezulu nokuze imithombo yobutyebi isingiselwe ekusetyenzisweni kwinqanaba eliphezulu kwezoqoqosho kufuneka sikwazi ukurhweba ngemithombo yobutyebi ngendlela eyenza ukusetyenziswa kwayo okukwinqanaba eliphezulu kwezoqoqosho. Kulapho kuphela apho sinokukwazi ukudala izakhono eziyimfuneko kuqoqosho kwiingingqi eziseZantsi kweSahara. UMzantsi Afrika lilizwe eliyinkokeli kwiAfrika eseZantsi kweSahara apho ithotyelwa khona imigaqosiseko yorhwebo olukhululekileyo . IAfrika eseZantsi kweSahara ifuna uMzantsi Afrika ukubonisa ihlabathi liphelele ukuba siyakwazi ukunika inkxaso yemo esingqongileyo ezinzileyo, nenobuhlobo kulwandisomali nto leyo ekhuthaza uphuhliso lwezoqoqosho. Ukuba uMzantsi Afrika uyasilela ekuqinisekiseni amazwe esiqingatha esingasentla sehlabathi ngesakhono sethu sokuphuhlisa isakhiwo esisisiseko kunye ngeenkuthazo ezifanelekileyo ezivela kwimithombo yobutyebi bethu, siya kuba sisilelisa amanye amazwe aSeZantsi kweSahara ekubekeni amalinge ophuhliso lwezinikimlilo zendalo kwindawo yesakhono esipheleleyo.



Malunga neAfrika, amalinge ophuhliso lwehlabathi lwezinikimlilo zendalo adala amathuba okufaneleka kweenkuthazo ezibalaseleyo zophuhliso loqoqosho. Oosomashishini abasakhasayo kwixesha elizayo banako ukuzibandakanya kule misetyenzana yezoqoqosho ukuze ke ngoko abantu babe nako ukunyusa umgangatho wobomi babo ethubeni. Kanti abasayi kuphelela ekutshintshiseleni ngokutya kurhwebo, okanye ekuveliseni ukutya abakusebenzisa ngokwabo, kodwa ukuze babe nengeniso eyongezelelweyo yokuchitha kwizinto zokuzonwabisa. 



Singaliyeka njani ke eli thuba lophuhliso? UMzantsi Afrika unoxanduva malunga nophuhliso lweAfrika iphelele. Ukunika inkxaso kuphuhliso lweshishini lwezinikimlilo zendalo eMzantsi Afrika kuya komeleza ukhuseleko ngokwasekutyeni. Abavelisi baseMzantsi Afrika banezakhono zobuchule nesakhono sokukhupha imveliso egqithiseleyo kodwa banqatyelwa ngummandla wentengiso wemveliso yabo. Uphuhliso lweshishini lwezinikimlilo zendalo lunako ukunika inkxaso yophuhliso lommandla wentengiso yokuthengiswayo ngesixa esifanelekileyo. Ngaxeshanye siya kuba sisakha ubukhulu obubalulekileyo bobuchwepheshe obuthumela ngaphandle kwiAfrika iphelele. Iindleko zokuseka ishishini zanda kwihlabathi liphelele, kwaye ngoko ke imfuno yokudala imo esingqongileyo ebandakanya iinkuthazo ezifanelekileyo zemisebenzi eyilwayo yophuhliso lwezinikimlilo zendalo. Ngokunjalo, uluntu lwethu lufuna umbono ocacileyo wendlela eya phambili nokuchaza imfaneleko yeenkuthazo ezifanelekileyo. 



E-USA abaqhubi abangundoqo bamalinge ophuhliso lwezinikimlilo zendalo baqala ngengxaki yefama (imveliso egqithisileyo) nokubekwa kwe-ethanol eyindalo njengesiniki-mongomoya endaweni ye-MTBE. Yintoni ephembelela amalinge ophuhliso lwezinikimlilo eMzantsi Afrika? Ingaba ziinkxalabo ezinonxulumano okanye ingaba lithuba lokwandisa amalinge ethu ezoqoqosho lwasemaphandleni? Ngokwemigqaliselo yamaxabiso okutya anyukayo - sisendleleni yokubona inguquko yesakhiwo kwihlabathi liphelele kwaye ayifanelanga kucingelwa njengonyuso-maxabiso oluthathe unyawo. Ngelishwa oku kufika xa isicwangciso sethu sobuchule malunga nezinikimlilo zendalo sifuna ukunika imvume yokuqhuba ngurulumente, kanye xa sisemngciphekweni wonyulo. Ngokuqinisekileyo, sifumana amava isimo sentandabuzo ephakathi kwabaqulunqi bemigaqonkqubo malunga nendlela eya phambili ngokuphathelele kumalinge ophuhliso lwezinikimlilo kwiAfrika eseZantsi kweSahara. Kubalulekile kodwa ke ukuyibukela ithuba elide imingcipheko malunga nala malinge ophuhliso ngaphandle kokuphenjelelwa yimibandela ebonwa njengenganiki themba kwithuba elifutshane kuphela.



I-Grain SA ilubona uphuhliso lwezinikimlilo njengethuba likarhulumente lokudala imo enobuhlobo nolwandisomali ukuze ke yona ibuye umva ivumele imo engqongileyo yentengiso ekhululekileyo ukuba iphuhlise eli shishini ngokukhululekileyo ngaphandle kokuthintela amalinge ophuhliso ngokungeyomfuneko ngeelayisensi, imithetho nemimiselo ngokusetyenziswa kwempahla yesondlo.



Ngokwemigqaliselo yophuhliso lwezityalo kufuneka siqaphele ukuba eli thuba alifanelanga kubona iswekile njengempahla yesondlo ekuphela kwayo, kananjalo iimeko zaseMzantsi Afrika mazingathelekiswa nezamanye amazwe esiqingatha esingezantsi sehlabathi ngaphandle kokuchaza imeko nganye. Inani elikhulu lemimandla yentengiso enesakhono sokuqalisa i-ethanol yendalo ikufutshane kwiziphaluka ezivelisa umbona namazimba kwiindawo ezingasentla zeli lizwe lethu, ngokunjalo nakwingingqi yemvula yasebusika apho izityalo ezinjengengqolowa yodidi oluphantsi, intlanganisela yengqolowa nerhasi nkqu nerhasi ziya kukwazi ukunika inkxaso kuphuhliso lwezinikimlilo zendalo ngokusebenzisa imveliso yempahla yesondlo efanelekileyo.



Ngokufutshane, ukuze kuvalwe umsantsa wenkxaso yemfuno ebangwayo yempahla yesondlo kufuneka sifumane iinkuthazo ezinkulu ngokwaneleyo eziya kunika imbuyekezo yesixa esinomtsalane kwabo babelana ngomsebenzi. Ukuba uphuhliso olukhululekileyo phakathi kwemida yemo esingqongileyo sikholelwa ekubeni ityathanga lenkxaso kwimveliso yezinikimlilo liya kuvuselela ngokuqinisekileyo imveliso yezolimo ukuze ngokwenza njalo, kususwe ukuncipha okunokuqhubela phambili kwemveliso yokutya okuziinkozo nembewu yeoyile. Kungenjalo, siya kuvuselela amathuba ophuhliso lwezolimo ukwenzela ulungiselelo lwabahlali basemaphandleni.



Ihlabathi maliqaphele ukuba uMzantsi Afrika uyakwazi ukunika inkxaso yamalinge ophuhliso lwezinikimlilo zendalo kwiAfrika eseZantsi kweSahara, hayi ngokunika inkxaso kwimigaqonkqubo yeeASGISA zethu kuphela kodwa ngokunjalo naleyo yeNEPAD ngomzamo wokuzingela ikamva eliqaqambe ngakumbi lezizukulwana ezizayo.

