Consumption (Maize)								Xhosa

Ukusetyenziswa kwamanzi – ukunkcenkcesha kukuchaphazela njani?



Intshayelelo: 

Folio strap: Ukunkcenkcesha

Byline: Ulwazi lufunyewe kwiMveliso yoMbona kwincwadi yoqeqesho ngokuNkcenkcesha

Ukusetyenziswa kwamanzi ngokwezahlulo nezixa ezifunekayo kunikwa liSebe leMibandela yaManzi namaHlathi. Iinkcukacha zezibalo zonyaka wama-2000 zabasebenzisi abalandelayo abaphambili baseMzantsi Afrika ziboniswe ngezantsi. Ukusetyenziswa kwamanzi kubalulwa njengezigidi zee-cubic metres ngonyaka.

Isahlulo sabasebenzisi
 
Ukusebenzisa
 
Ipesenti (%)
 

 
UMasipala namaKhaya
 
3 220
 
14,4
 

 
Ishishini
 
2 043
 
9,1
 

 
Umsebenzi waseMgodini
 
582
 
2,6
 

 
Ukuyilwa kombane
 
779
 
3,5
 

 
Ukunkcenkcesha
 
10 974
 
48,9
 

 
Ukuphiwa kwempahla amanzi
 
316
 
1,4
 

 
Ulondolozo lwendalo
 
187
 
0,8
 

 
EzaMahlathi
 
1 570
 
7,0
 

 
Ezokuphilisana kwendalo ephilayo
 
2 787
 
12,3
 

 
ISIXA ESIPHELELEYO
 
22 438
 
100,0
 

 


Kucacile ukuba unkcenkcesho kwezolimo lusebenzisa phantse isiqingatha semithombo yamanzi akhoyo. Ngenxa yokwanda kwamanani abantu ngaphezu kwezigidi ezingama-47 yinto enokwenzeka ukuba eli candelo linokuba phantsi koxinzelelo olwandayo lokusebenzisa amanzi ngokungqongqo ngokowiso-mthetho nangezizathu zokwenza imveliso kuphela. Kuqikelelwa ukuba imithombo yamanzi yaseMzantsi Afrika iphuhliswe kangangoko singako isakhono sayo nokuthi uphuhliso olungaphaya kolo luya kuba nexabiso eliphezulu kakhulu.

Umda nesakhono sokunkcenkcesha 

Malunga neehektare ezizizigidi ezingama-1,3 zomhlaba olinywayo waseMzantsi Afrika kwithuba langoku ziyankcenkceshwa lo gama ezinye iihektare ezingama-233 600 zinesakhono sokuphuhliswa. Kuqikelelwa ukuba ngenxa yokunqaba kwamanzi zimalunga nama-178 000 iihektare eziya kuphuhliswa ngale ndlela kwixesha elizayo. Imveliso yombona emalunga nama-660 000 eetoni kwiihektare ezingama-110 000 zomhlaba onkcenkceshwayo zenza i-10% yazo zonke izityalo zesizwe ezilinywa ngokuzinkcenkcesha.

