Competition (Maize) 								IsiXhosa

		

Ukhutshiswano lomlimi wonyaka lusaqhubeka ngamandla



Instructions: 

Folio strap: Umlimi wonyaka

Byline: NguJane McPherson, umphathi wenkqubo yaseGrain SA yeNkqubo yoPhuhliso lwamaFama



Ngelishwa, kwiminyaka edlulileyo, umsebenzi wokufama uye wangathandeki ebantwini abatsha abaninzi eMzantsi Afrika njengezifundo zoqeqesho abazikhethayo. Kanti lusekho noluvo lokuba abekho abalimi abamnyama abarhwebayo abaqhuba kakuhle. Ngolu khutshiswano, sibonisa abantu ukuba bakhona abalimi abamnyama abanempumelelo, nokuthi abantu abasebenza nzima banako ukuphumelela. 



Isiganeko se-gala apho kubhengezwa khona uMlimi woNyaka senzeka ngethuba lokunikwa kwale ngxelo, nangona abakwisigaba sokugqibela bachongwa kwithuba langaphambili. UMnu Samuel Moloi ovela eFouriesburg, uMnu Isak Khuto waseFicksburg noMnu Labious Manoto ovela eMooifontein yayingabo bobathathu babekwisigaba sokugqibela. Ogqwesileyo obefanelekile yaba nguMnu Labious Manoto ovela eMooifontein oseleneminyaka emininzi elilungu lale nkqubo yophuhliso. (Enyanisweni ulilungu leetoni ezili-1 000 zeKlabhu yeetoni ezingama-250 kwaye “seledlulile kwibanga” lale nkqubo yethu.) Ngoko ke, siye saqhuba ngokhutshiswano njengakwiminyaka edlulileyo. Bebesixhenxe abanyulwa kuMlimi osaPhuhlayo woNyaka. UMnu Philip Xaba ovela eBothaville, uMnu Lungile Malo waseDelareyville, uMnu Simon Mazwi waseMakouspan, uMnu Shimi Mokoka waseVanderbijlpark, uNksNolundi Msengana waseVanderbijlpark, uMnu William Matasane waseSenekal noMnu Samuel Moloi waseFouriesburg. 



Amalungu esigqeba sovavanyo abegweba abagqatswa bebanga lokugqibela ngenyanga kaJuni kulo nyaka ibinguMnu Karabo Peele waseMaize Trust, uMnu Andre Smit waseLand Bank, uMnu Dirk van Rensburg (olilungu elithathe umhlala-phantsi leKomiti yesiGqeba saseGrain SA), uMnu Jabulani Zitha noNksk Jenny Mathews (amalungu ekomiti yesiGqeba saseGrain SA kunye neqela elisebenza kuPhuhliso lwamaFama), kunye namalungu abasebenzi abavela kwinkqubo (uJane McPherson, uWillie Kotze noDanie van den Berg). Abalingwa abavela eFree State bebencomeka ngakumbi, baze bobathathu abagqatswa bebanga lokugqibela baba ngabaseFree State. Eli lixesha lokuqala kwimbali yesi siganeko apho kungekho mgqatswa webanga lokugqibela ovela eMntla-Ntshona. Njengoko kuxeliwe kushicilelo lwangoDisemba lwePula/Imvula, ogqwesileyo ngowama-2009 kuMlimi osaPhuhlayo woNyaka waseGrain SA nguSamuel Moloi lwaseFouriesburg. 



Siye sabamba ukhutshiswano loMlimi oMncinci woNyaka okokuqala kulo nyaka – oku kwenziwe eMpumalanga naseMpuma-Koloni. Bebebahlanu abalingwa abavela kwingingqi nganye kanti olu khutshiswano belugwetywa ngeveki enye naleyo yolunye ukhutshiswano. Kudala siyibonile imfuno yokunika amabhaso kubabalimi abaqhuba kakuhle naxa a belima umhlatyan omncinci kuphela. Sinethemba lokuvuselela abantu abaninzi ukuba baqalise nokuba benza into encinci kuwo nawuphi umhlaba abanokufikelela kuwo, balole ubuchule babo, ukuze bazibeke kwindawo yokwandisa ubukhulu bomsebenzi wabo. 

. 



