Communicate (Maize)										Xhosa



Unxibelelwano nomvelisi

	

Instructions:

Folio strap: Inkqubo yophuhliso lwamafama

Byline: NguJane McPherson, umphathi wenkqubo yakwaGrain SA yeNkqubo yoPhuhliso lwamaFama



INkqubo yoPhuhliso lwamaFama isoloko izabalazela ukunxibelelana nawe - mvelisi.  Amajelo ahluka-hlukileyo, kubandakanywa ileta yeendaba yePula Imvula, usasazo kunomathotholo, iDVD, izazisi ezolulwa phezulu, izazisi ezixhonywayo kunye namacwecwe eenkcukacha asetyenziselwa ukufikelela kumvelisi.



Pula Imvula

Silungisa ileta yeendaba ngenyanga nganye, siyiphinda-phinde size siyisasaze (amaphepha asi-8, ngombala opheleleyo noneefoto), ngeelwimi ezisixhenxe – isiNgesi, isiBhulu, iSesotho, iSetswana, iSesotho sa Leboa, isiXhosa nesiZulu. 



IPula Imvula ngumsebenzi oyilwayo onganqunyanyiswayo nonomjikelo wemveliso – amanqaku eendaba ayintsusa alungiswa ngesiNgesi, aze athunyelwe koochwepheshe beMisebenzi yeeNkcukacha apho kwenziwa khona umandlalo weleta yeendaba ebhalwe ngesiNgesi. La manqaku eendaba amiswa ngokolungiselelo oluchanekileyo nolufanele uguqulelo, ukuze athunyelwe kubaguquleli beelwimi abathandathu. Lo msebenzi uphinda ubuyiselwe koochwepheshe  beMisebenzi yeeNkcukacha  ukuze kwandlalelwe ezinye iilwimi. Emva kokuba sezamkelekile zonke, zithunyelwa kushicilelo nakulungiselelo lokuthunyelwa kwemigodlo. Lo mjikelo uthatha malunga neenyanga ezimbini ukuwugqiba. 



Kulo nyaka siyandisile iPula Imvula ngokubandakanya ezinye izityalo – kanti sineentlelo zamaphepha amane ezongezelelweyo neziphuma ngekota ngoDisemba, ngoMatshi, ngoJuni nangoSeptemba ukwenzela Imveliso yeNgqolowa kwiFree State eseMpuma, nezithi zixhaswe yiTrust yeeSiriyeli zeNgqolowa (Winter Cereals Trust.) Kanti kubakho neentlelo zamaphepha amane zekota ezongezelelweyo neziphuma ngoJanyuwari, ngoEpreli, ngoJulayi nangoOktobha zemveliso kaJongilanga nezixhaswa yiTrust yoPhuhliso lweMbewu yeOyile neProtheyini (Oil and Protein Seeds Development Trust). 



Amacwecwe eenkcukacha nezazisi ezixhonywayo 

Ukuze iinkcukacha zeshishini zisasazwe kuwo onke amaqela anomdla nabandakanyeka kwinkqubo – baninzi abaphathi babavelisi nabesolulo phandle phaya abafuna ukwazi ngenkqubo, oko ikubandakanyayo nomntu abanokuqhagamshelana naye xa befuna ulwazi. (La macwecwe afanele ukufumaneka ngeelwimi ezisixhenxe). 



Amacwecwe eenkcukacha alungiswe aze aphinda-phindwa kabini kwiilwimi ezisixhenxe (isiNgesi, isiBhulu, isiXhosa, isiZulu, iSesotho, iSetswana neSesotho sa Leboa). Iikopi zala macwecwe sezinikelwe kuzo zonke iiofisi zamaphondo kwaye sezinikwe onke amaqela anomdla. La macwecwe ebefumaneka eNAMPO kanti aya kuqhuba ukusetyenziswa kunyaka wonke uphelele.



I-DVD 

Kuphuhliswe iDVD yemizuzu esibhozo kule nkqubo yaza yalungiselelwa ukusetyenziswa kwisithuba sonyaka. Ngethuba leNAMPO, simeme “abahlobo benkqubo” kwimiboniso yokuqala yeDVD nabathe basabela isimemo ngendlela encomeka kakhulu. Iikopi zeDVD zinikwe bonke abaququzeleli bophuhliso lwamaphondo ngokunjalo nabaqeqeshi kwaye ziboniswa rhoqo xa ithuba livuma. Kwenye intlanganiso yeqela lofundo-nzulu eFree State, uJohan Kriel wathi akubonisa le DVD abavelisi bacela ukuyibona amaxa amathathu – babevuyiswa kukubona ububanzi benkqubo. 



Izazisi ezolulwa phezulu

Izazisi ezolulwa phezulu zisendleleni yokwenziwa kwaye ziya kusetyenziswa nguMphathi wePhondo ngamnye kwiintlanganiso zamaqela ofundo-nzulu nakwiintsuku zabavelisi. 



Usasazo kunomathotholo

Sisebenzisa usasazo kunomathotholo rhoqo ngeveki kwizkhululo ezine zikanomathotholo ukuze sigqithisele phambili iinkcukacha ngeshishini kwisiseko esibanzikazi sabamameli. 



