xhosa.1470.gogo
kubhale uDAVID MACGREGOR
ifoto yeyakwa @LIVEWIRE
Inkondekazi emangalisayo
UBUSO bakhe bubonakala kwiibhodi ezinkulu ezibhengeza nezikhuthaza isondo elikhuselekileyo yaye uNomisile Msikinya oneminyaka engama-84 akayiyo intanga yokuvela kwezi bhodi - kodwa ulutsha luyawuva umyalezo kaNomisile ophume iphulo lokulwa nesifo sikagawulayo.
Kule minyaka mihlanu igqithileyo le nkondekazi yakuKomani izinikele kwiphulo lokukhuthaza isondo elikhuselekileyo ezikolweni, kwiikliniki, ezicaweni nakwiindawo zentselo.
Le nkondekazi ibizwa ngokuba nguMaDleks yaye iyititshalakazi esele isidla umhlala-phantsi ezimisele ukuqhubeka nephulo layo de ilale kobandayo.
Yonke le nto yaqala mhla wayetyelele intombi yakhe uTheodora eKapa ngoDisemba ka-2000. Wadibana nabahlobo ababini bakaTheodora - "abahle, abasebatsha, nabafundileyo," utsho uNomisile.
Wothuka esakuva ukuba imihla yabo ibaliwe emhlabeni.
"Ndandiqal' ukudibana nomntu onesifo sikagawulayo yaye ndakhathazeka xa ndisiva ukuba bobabini banoonyana abaza kubashiya beziinkedama.
"Ndaphangela iminyaka engama-50 ndiyititshalakazi ngoko ndandiceba ukuphumla ndisakuthath' umhlala-phantsi ndolus' iibhokhwe neenkuku zam... Ukudibana nezi ntombi kwabutshintsh' ubomi bam."
ZOMBINI ezi ntombi zasweleka eseseKapa uMaDleks. Waxhelek' emphefumlweni waza wagoduka ngaphambi kwexesha - ephethe iincwadi ezinolwazi ngogawulayo ezininzi.
"Ndandikhathazekile ndizibuza ukuba kungani mna uThixo andigcine iminyaka emininzi kangaka lube ulutsha lusifa okweempukane," utsho uNomisile.
"Kaloku kufanele kube lulutsha olungcwaba abazali kodwa ngoku ngenxa yalo gawulayo ngabazali abangcwaba abantwana babo. Andikwazi ukuhlala ndibukele ikamva lelizwe lethu litshabalala."
UMsikinya ulilungu leAfrican Methodist Episcopal Church yaye uthi - "ukuxhoba ngoThixo neBhayibhile yam kwandinik' italente yokuthetha" - watyelela ilali yaseMbaxa yonke eshumayel' umyalezo wakhe.
"Ndandifuna abantu baqalis' ukuthetha. Ndandifuna bayazi le ngxaki sijongene nayo kuselithuba.
"Kwafuneka ndixelele abantu abaninzi ukuba bazelwe bekhululekile yaye xa befun' ukuhlala bekhululekile mabaphil' ubomi obukhuselekileyo kwiHIV.
"Yaba liculo lam elo kulutsha," utsho.
UMADLEKS ufunde incwadi elumkisa ngogawulayo esingethe isizukulwana sakhe esineenyanga ezintandathu uBorn Free yaye ubefunda ngaphandle kweendondo zamehlo.
Uthi le yiVangeli ayishumayelayo yaye emva kokuhlala naye imizuzu embalwa uyabona ukuba kungani ulutsha lumthanda kangaka.
Akafihli makhuba uMaDleks kwezesondo noxa nje sele aluphele.
"Ndafunda kangangoko ndinako ngogawulayo ndaza ndaphum' iphulo lokutyelel' iindawo ngeendawo ndiyoxelela abantu ngendlela yokuphila ubomi obude nobunempilo.
"Sele ndithethe namawaka-waka abantu kule ngingqi ukususela oko ndathetha ngale ngxaki ecaweni," uchaze watsho.
Ayingabo bonke abantu abaphulaphulayo kodwa uthi nokuba angasindisa umntu omnye uya kufa onwabile.
"Abantu abadala kufuneka baluncede ulutsha lwethu ukuze luphile ubomi obunempilo ngokuthetha ngokukhululekileyo ngogawulayo.
"Maxa wambi kuyalumeza ukuthetha ngesondo kodwa kubhetele kona kuba kuyaphilisa kunokuthula okubulalayo," utshilo.
ABAHLOBO bakhe bathi makaphumle ayek' ukuhla enyuka eshumayel' ivangeli yesondo elikhuselekileyo kodwa yena uthi: "Ndiyabaxelel' ukuba uThixo undigcine le minyaka mininzi ngolu hlobo ukuze ndinced' ulutsha luhlale luphilile."
Umyalezo wale nkondekazi uchukumise neloveLife - umbutho wolutsha onjongo yawo kukunqanda ukusasazeka kukagawulayo.
UMsikinya usetyenziswe kwiphulo lalo mbutho lokubhengez' iinkonzo zawo ekudla ngokusetyenziswa kulo ulutsha oluphakathi kwe-18 nama-25 eminyaka ubudala, ntengiso leyo yafotelwa eJoburg nyakenye.
Ngoku ubuso bale nkondekazi bubonwa kwiibhodi ezinkulu zentengiso elizweni lonke.
Kuzo kubhalwe "Uzelwe ukhululekile, yonwabela ubomi" kwavezwa uMaDleks encumile emi nomfana oneminyaka engama-20 oneenwele eziphothiweyo, uPhilemon Moikayne.
Umahluko ophakathi kweli tyendyana lomfana elithand' ihip-hop neempahla zexabiso neeselfowuni nomakhulu oneminyaka engama-84 onxib' isinxibo sakwantu uthumel' umyalezo ebantwini.
UPhilemon uthi ukuvela noMaDleks kwezi bhodi kumenze waziva esikelelekile.
"Abantu babon' umahluko phakathi 'kwamatsha-ntliziyo akudala' nolutsha lwale mihla ukanti umzabalazo usaqhubeka - sizabalazel' indlala, ukungalingani kwabantu ngokwesini nogawulayo," utshilo.
INGQELE ibiqhaqhazelis' amazinyo ngethuba iBONA ityelele uMaDleks yafika ebase isitovu separafini ebukele iwrestling. Ungumlandeli omkhulu weWWE.
"Kuyabanda phaya phandle," utshilo waza wavala iTV wasipha iti.
Kungekudala bagalelekile abahlobo bakhe.
UThobile Manyonga (22) uthi waluphele uMaDleks kodwa ingqondo nentliziyo yakhe azaluphalanga tu.
"Abantu abadala bayoyik' ukuthetha ngesondo neHIV nolutsha. UMaDleks yena akafihli makhuba - ndinqwenela ukuba aphile eminy' iminyaka engama-84."
Abamelwane bakhe uNosiza Diza (62) noCecilia Mbeki (74) bayazibon' iinzame zakhe zokulumkisa ngogawulayo kodwa bathi kufanele aphumle onwabel' umhlala-phantsi wakhe.
Bafunda bonke iiBhayibhile yaye bayabon' ukuba uMaDleks asoze awuyeke lo msebenzi wakhe.
"UMaDleks ufun' ulutsha luphile ubomi obude njengaye," kutsho uMbeki.
"Mhlawumbi obude ngaphezulu kobakhe!" kongeza uDiza. [x]
@LiveWire
BONA XHOSA - October 2006
Umakhulu osifundisa
indlela yokuphila!
Inkondekazi eneminyaka engama-84 iliqhawe lolutsha lwaseMzantsi Afrika kwimfazwe yokulwa nogawulayo...
NGASENTLA: UNomisile noThobile Manyonga. "Akafihli makhuba," utsho uThobile.
EKHOHLO: UMaDleks esonwabel' ixesha elinqabileyo lokuphumla nomzukulwana wakhe uPhila Msikinya (18), nesizukulwana sakhe uBorn Free.
EKUNENE: Iinkondekazi - uMaDleks ephahlwe ngabamelwane bakhe uNosiza Diza (62) noCecilia Mbeki (74).
BONA XHOSA - October 2006
