Chemicals										Xhosa

Cinga phambi kokusebenzisa imichiza



INSTRUCTIONS:

Folio strap: ukulawulwa kwemichiza

Byline: NguCorné Louw, Ingcali yezoqoqosho kwezoLimo: Imveliso/Amagalelo, Grain SA



Imichiza yezolimo inako ukutshabalalisa isityalo sakho, endaweni yokusikhusela, xa ingasetyenziswanga ngokweengcebiso ezimiselweyo nangononelelo oluyimfuneko. Ngokulandela imigaqo-siseko engundoqo xa uthenga okanye usebenzisa imichiza, umvelisi unako ukuthintela umonakalo omkhulu kwisityalo sakhe.



Xa usebenzisa imichiza, qaphela okulandelayo:

Ingaba iyeza lezolimo libhaliselwe isityalo esithile (eMzantsi Afrika) nokutshabalalisa ukhula olungqalisiweyo, umngundo okanye usulelo?

Ingaba umthamo ocetyiswayo womchiza ufakwe ngokwendlela omiselwe ngayo?

Ingaba iimeko zemozulu ngethuba nasemva kokuwufaka ziyavumelana neemeko ezimiselweyo?

Ingaba ixesha lokuwufaka liyafana nelimiselweyo, umzekelo ekuseni okanye xa seliza kutshona ilanga?

Ingaba imeko yentsimi apho isityalo silinywe khona ilandele isakhelo seemfuneko, umzekelo ukufuma komhlaba nohlobo lomhlaba?

Ingaba imiqathango yokutshabalalisa usulelo ilandelwe kwibakala lokukhula njengoko kumiselwe kwimiyalelo yokuwusebenzisa?

Iziphumo-zakamva – ingaba iyeza lezolimo liqulethe nayiphi ingozi yesixokelelwano somjikeleziso – ngamanye amazwi, ukwenzela isityalo esilandeliswayo?

Ingaba iyeza lezolimo linako ukuxutywa namanye amayeza – umzekelo isibulali sokhula esithile singanako na ukuxutywa nezinye izibulali zokhula kunye/okanye ezinye izibulali zezinambuzane ngokunjalo nezibulali zomngundo?



Ukunciphisa ukuqhuba kwemingcipheko enxulumene nokufakwa kwemichiza, abakwaGrain SA bacebisa ukuba abavelisi baqinisekise ukuba baqaphela okulandelayo xa bethenga imichiza:



umthunywa kufuneka aqinisekise ukuba iqumrhu alimeleyo lililungu leCropLife SA;

iqumrhu elithengisayo malibe lilungu leACDASA;

umthunywa makabonise isiqinisekiso sokuba unemfundo efanelekileyo (ukuba uzigqibe ngempumelelo iimviwo zeAVCASA ); kananjalo

iingcebiso mazibhalwe phantsi zize zisayinwe ngumthunywa.



Abavelisi mabaqaphele kananjalo ukuba ukushenxa kunokwenzeka ngethuba lokufakwa kwemichiza, ngakumbi xa kusetyenziswa izitshizi zasemoyeni, baze bazame ukucutha le ngxaki. Umonakalo omkhulu ungenzeka xa le michiza ifumana indawo kumhlaba/kumasimi anezityalo eziyivelayo.



Ukhuseleko lokutya lubaluleke kakhulu. Ngokufaka imichiza ngokuchanekileyo nangokugcina ingxelo malunga nezi ziganeko zokuyisebenzisa, abavelisi sebephumelele kugqatso lweemfuneko zesiqinisekiso sokutya ezixhalabisa kakhulu.

