Imiceli-mngeni (Maize) 								IsiXhosa

		

Imiceli-mngeni abajongene nayo abalimi abasaphuhlayo



Imiyalelo: 

Folio strap: Uphuhliso lwamafama

Byline: NguJane McPherson, umphathi wenkqubo yaseGrain SA yeNkqubo yoPhuhliso lwamaFama



Umsebenzi wokufama wasoloko wabandakanya ukusebenza nzima. Into enokuthethwa malunga nabalimi kukuba abakoyiki ukusebenza nzima. Nangona kunjalo, kwezi ntsuku, umsebenzi wokulima ukutya okuziinkozo ufuna ngaphezu kokusebenza nzima kuphela.



Sichonge imibandela ethile eyenza inkqubo yophuhliso ihambe kade. Yile elandelayo:



Ukungabikho kwenzuzo kumsebenzi wokuvelisa izityalo eziziinkozo

Xa uqalisa nayiphi into entsha, kukho ithuba apho ungasebenzi ngokufaneleke ncam – kuba njalo nakubalimi. Iimpazamo azinakuthinteleka. Kwithuba langoku, iindleko eziphezulu zamagalelo, zidibene namaxabiso aphantsi okuthengisa izityalo eziziikozo, aziniki nomncinci umda wempazamo. Abalimi, ukuba bayaphumelela mhlawumbi, bafumana iinzuzo ezincinci kakhulu kanti abakwazi nokwandisa imali kwiitrektara nakwizixhobo. Baqhuba ngokusebenza ngemali encinci. Oku kubabeka emngciphekweni kwaye kunexabiso eliphezulu. Ukuze bafumane imali-mboleko, abalimi kufuneka bathathe i-inshorensi nto leyo engamanzithinzithi.



Unqongophalo lolwazi, ubuchule namava

Umsebenzi wokufama yindima ebanzi kakhulu kwaye kufuneka ube nengqiqo yemibandela emikhulu neyahluka-hlukeneyo. Ulwazi lwezifundo kuphela alulingenanga – abalimi bafunda ngamava kwiminyaka ngeminyaka. Kwimo ekubhekiselelwe kuyo yaseMzantsi Afrika, abalimi abasaphuhlayo baseziidyongo kulo mdlalo inkoliso yabo kanti ke imithetho yalo mdlalo inobugocigoci – ukusebenza ngendlela encomekayo kufuna ukomelela! Ngenxa yomda wengeniso ophantsi koxinzelelo olukhulu, ngenene akukho mda wokwenza impazamo. Uwafumana njani amava kwaye ingubani oya “kukuganga” xa usiwa?



Ukunqaba kwemali-mboleko 

Abalimi abasaphuhlayo bafumana ubunzima obuya ngokwanda bokufikelela kwiimali-mboleko zemveliso. Oku kwenziwa ngamanqaku amabini aselekhankanyiwe; umda wenzuzo mncinci kanti imingcipheko iphezulu. Iyaqondakala into yokuba ababoleki bemali abanakulahlekelwa yimali – kufuneka bayandise ngobulumko imali yabaxumi. Kwithuba langoku, sithembele kakhulu kwinkxaso yeLand Bank malunga nemali-mboleko yemveliso – lugunyaziso lwabo ukubolekisa ngemali kubalimi abasaphuhlayo. Nangona kunjalo, iLand Bank kufuneka inciphise umngcipheko wayo – yiloo nto kufuneka ubudlelwana obulungileyo phakathi kweLand Bank nenkqubo yethu.



Unqongophalo lweetrektara nezixhobo ezaneleyo

Iminyaka yeenzuzo ezincinci ibe nesiphumo sokwetha kwemeko yentlaninge yeetrektara nezixhobo – kufuneka ube nemali ukuze ukwazi ukuyandisa ngokusebenzisa oomatshini



Izithintelo malunga nomhlaba nokufikelela emhlabeni 

Kukho abalimi abanofikelelo emhlabeni ngenjongo yokulima izityalo kodwa kube kungekho nzuzo khona yokutyala izityalo namhla (njengesiphumo seendleko zegalelo/ixabiso lemveliso/isakhono somhlaba). Bakhona nabathile abanomhlaba olungileyo osenokuba awubiyelwanga ngenxa yoko ube awuwulungelanga umsebenzi wokufama ngempumelelo. Kukho nabo bafuna izixa ezikhulu zekalika nee-phosphate ukuze balungise umhlaba. Kukho abalimi abanesakhono abangakwaziyo ukufikelela emhlabeni ngokuncediswa yimibandela yezemihlaba (leyo yingxoxo-mpikiswano yelinye ithuba). Zininzi iinguquko zeengxaki eziphethelene nomhlaba – zonke ezo zinto zenza ukuba uphuhliso lomlimi luthande ukuba nzima ngakumbi.



Kungenxa yezi zithintelo zingentla esithi siqhube umba wophuhliso lomlimi kwiiprojekthi neenkqubo ezahluka-hlukileyo. Siyinika ngeentlobo ezilandelayo inkonzo kubalimi:

Ngokuzidibanisa nqo nabantu – amaqela ofundo-nzulu, iimvavanyo zemiboniso, iintsuku zabalimi, ukhutshiswano lonyaka lwabalimi kunye nenkqubo yabalimi eseyikwibanga eliphambili;

Izifundo zoqeqesho;

Usasazo olubhaliweyo; kananjalo

Irediyo.

