Calibration (Maize)	 								 	Xhosa

Afakwa njani amaqondo kwisixhobo sokutyala?



Imiyalelo:

Folio strap: Ukusetyenziswa koomatshini

Byline: Ulwazi lufunyenwe kwizifundo zoBhambathiso kwezoLimo



Kufuneka kuthathwe amanyathelo alandelayo ukuze isixhobo sokutyala sifakwe amaqondo:



Chonga zonke iinxalenye zesixhobo sokutyala ezisetyenziselwa ukufaka amaqondo (amazinyo evili, iigiyeri kunye neepleyiti). 

Qiniseka ngento esasazwa sisixhobo sokutyala malunga nembewu kunye nesichumiso xa kusetyenziswa imimiselo yangoku. 

Linganisa umgama ophakathi kwemilinganiselo yesixhobo sokutyala ukuze ubazi ububanzi obuphakathi kwemiqolo – oku kuya kwenza ukuba ukwazi ukubala inani lemiqolo ngehektare nganye. (Umzekelo, ukuba isithuba phakathi kwemiqolo ngu-0,9 m, kukho i-100 m kububanzi behektare enye. 100 m /0,9 m = 111 imiqolo ngehektare nganye). 

Phawula umgama we-10 m.

Qiniseka ukuba kukho imbewu kunye nesichumiso kwiifanele (qiniseka ukuba ubukhulu bembewu oyisebenzisela ukwenza amaqondo bubukhulu obuchanekileyo obulungele iipleyiti ezikhethiweyo – mayibe yimbewu enye kuphela efanele ukukwazi ukugqitha emngxunyeni osepleyitini ngexesha)

Bophelela isingxobo seplastikhi phezu kombhobho osasaza isichumiso ukuze sibambe isichumiso kwixesha lamva lokulinganisa ubunzima. 

Vumela itrektara nesixhobo sokutyala ukudlulela ngaphaya kwe-10 m ngokungathi besityala (ngamanye amazwi, ivili lokuqhuba isixhobo sokutyala malisebenze nangona iinxalenye ezisebenza emhlabeni ziya kuba ngaphezulu).

Imbewu:

Bala inani lembewu esasazwe kumgama we-10 m.

Phinda-phinda elo nani ngo-10 ukuze ubale oko ubunokukusasaza kwi-100 m (ukhumbule ukuba ihektare ngu-100 m x 100 m). 

Ngoku phinda-phinda elo nani ngenani lemiqolo kwi-100 m (kumzekelo wethu, imiqolo ibiyi- 0,9 m ububanzi nto leyo ethetha ukuba bekukho imiqolo eli-111 kwi-100 m). 

Umzekelo, kukho iipete ezingama-30 kumgama we-10 m. Oku kulingana neepete ezingama-300 kumgama we-100 m. Imiqolo ili-111 kwihektare, x 300 = 33 300 yezityalo nehektare nganye). 

Ukuba impendulo oyifumanayo ingaphezulu kuleyo uyifunayo, lungelelanisa amazinyo amavili ezixhobo zokutyala ukuze intsimbi ejikelezisa ipleyiti ijike ingangxamanga. (Okanye wenze ngandlela yimbi, xa ufuna uchatha wezityalo). 

Phinda-phinda oku de ufumane isiphumo osinqwenelayo. 

Isichumiso:

Linganisa ubunzima besichumiso esiqokelelwe engxoweni kumgama we-10 m.

Phinda-phinda oku ngo-10 ukuze ubale oko ubunokukusasaza kwi-100 m (ukhumbule ukuba ihektare ngu-100 m x 100 m) 

Ngoku phinda-phinda elo nani ngenani lemiqolo kwi-100 m (kumzekelo wethu, imiqolo ibiyi- 0,9 m ububanzi nto leyo ethetha ukuba ibiyi-111 imiqolo kwi-100 m). 

Umzekelo, kukho i-100 g (0,1 kg) kumgama we-10 m. Oku kulingna ne-1000 grams (1 kg) kwi-100 m. Imiqolo ili-111 kwihektare, x 1000 = 1110 grams ngehektare nganye / 111 kg ngehektare). 

Ukuba impendulo oyifumeneyo ingaphezulu kuleyo ubuyifuna, lungelelanisa amazinyo amavili kwisixhobo sokutyala ukuze intsimbi ejikelezisa ipleyiti ijike ingangxamanga. Okanye wenze ngandlela yimbi, xa ufuna uchatha kwii-kilogram). 

Phinda-phinda oku de ufumane isiphumo osinqwenelayo.

