

Calculate										Xhosa



Bala iindleko phambi kokutyala



Imiyalelo: 

Folio strap: Ulawulo

Byline: Ulwazi lufunyenwe kwincwadi yoqeqesho yakwaGrain SA: Intshayelelo yomsebenzi wokuvelisa ujongilanga

 

Makukhunjulwe ukuba umsebenzi wokufama xa kuthethwa gabalala ujoliswe ekuyileni iinzuzo. Kufuneka izixa ezikhulu zemali ukuze kutyalwe oojongilanga kanti iindleko ezinxulumene nokuveliswa kwembewu kajongilanga ngomnye wemiba yolawulo lwefama yezityalo eziziinkozo. 



Phambi kokutyala isityalo kuyimfuneko ukubala iindleko eziya kubakho ukuze kubalwe emva koko ukuba ingeniso ingaba ngakanani. Kulo nyaka kubekho ukwanda okube kukhulu kakhulu kwiindleko zamagalelo malunga nemveliso yezityalo eziziinkozo kwaye kubalulekile ukuba amafama enze izibalo zawo ngokuqaphela okukhulu. 



Iindleko zahlulwa ngokwezintlu ezimbini ezahlukeneyo – iindleko ezingqalileyo okanye eziguquguqukayo kunye neendleko ezisisigxina esisentloko. 



Iindleko ezisisigxina esisentloko

Ezi ziindleko ezinxulumene nokuqhutywa komsebenzi wokufama uphelele – ziindleko ezingenakungqaliswa ekutyalweni kweso sityalo sithile singqalileyo. Ezi ndleko zibandakanya iintlawulo zokubala, iintlawuliso zebhanki, imivuzo neentlawulo, ukuzoba, umbane, iilayisensi nentlawulo zeenkonzo, ukukhanda nolondolozo, inzala kwiimali-mboleko, iindleko zezithuthi kunye nezinto zokubhala. Ezi ndleko zisenokwahluka kakhulu ukusuka kumfama othile ukuya komnye oko kuxhomekeke kubukhulu befama, umthwalo we-dept kunye nesimbo neendleko zolawulo. 



Iindleko ezingqalileyo/eziguqu-guqukayo

Ezi ziindleko ezinokunxulunyaniswa ngokungqalileyo nesityalo esityalwayo. Ezi ndleko zibandakanya izinto ezifana ne-diesel, isichumiso, imbewu, imichiza, ukuvuna, ukuthengisa nabasebenzi bamathuba athile. Kwiziganeko ezininzi, ezi ndleko zithelekiseka ngokwehektare nokuba kungayiphi indlela oko kuxhomekeka kuhlobo lokufama nesivuno esinokubakho sesityalo esicwangciselweyo.



Kubaluleke kakhulu ukwenziwa kocwangciso olufanelekileyo lwezemali phambi kokutyala nasiphi isityalo. Kuphucuke kakhulu ukulungiselela nokutyala indawo encinci kakuhle ukuze kufumaneke ithuba elilelona libalaseleyo lokufumana isityalo. Imingcipheko kumsebenzi wokufama umbona ikwiqondo eliphezulu kakhulu kangangokuba asiyongqiqo intle ukuzibeka esichengeni – imozulu ayikwazi kucingeleka kwangethuba elingaphambili kangangokuba kusuka kungakwazeki ukusebenzisa iindlela ezishunqulelayo. Kukholisa ukuvela iindleko ebezingakhange ziqwalaselwe ngethuba lokwenza izicwangciso zokutyala izityalo – apha ngezantsi kukho umzekelo weentlobo zokulima ezinokufuneka ngethuba lenkqubo yokuveliswa kwesityalo.



Imisebenzi enokufuneka: 

Ukusasazwa kwekalika;

Ukusebenzisa ikhuba lezikotile emasimini;

Ukukrazulwa kwamasimi;

Ikhuba elitshwezayo;

Ikhuba;

Ukulungiswa komandlalo wezithole;

Ukutyala;

Ukutshiza ngezibulali zokhula nangezibulali zezitshabalalisi zezityalo;

Ukufaka komaleko ongaphezulu (ukufaka izichumiso);

Ukulima;

Ukutshiza okongezelelwayo kwezibulali zokhula nangezibulali zezitshabalalisi zezityalo;

Ukuvuna; kananjalo

Ukuthuthwa kwesityalo esiziinkozo. 



Itheyibhile 1: Umzekelo weendleko ezingqalileyo xa kunxulunyaniswa nokutyalwa kukajongilanga. (Sebenzisa amaxabiso angawo akamva xa ubala iziganeko eziyimizekelo yethuba langoku.)



Iindleko zomsebenzi wemveliso kwiCentral Free State ngowe-2007/2008 en 2008/2009
 
 
 
 
 
 
 

 
Ulwabiwo-mali ngala maxesha 
 
Oktobha 2007
 
4 Matshi 2008
 
 22 Epreli 2008
 

 
 
 
2007/2008
 
2008/2009
 
2008/2009
 

 
 
 
 
 
 
 
 
 

 
Isivuno Ekujoliswe Kuso (iitoni/iihektare) 
 
1,50
 
1,50
 
1,50
 

 
 
 
 
 
 
 
 
 

 
Iindleko ezingqalileyo (R/ha) 
 
 
 
 
 
 
 

 
Imbewu
 
144,00
 
165,60
 
165,60
 

 
Isichumiso
 
744,50
 
1 181,35
 
1 411,65
 

 
Ikalika
 
140,53
 
140,53
 
140,53
 

 
Isiniki-mandla
 
439,31
 
586,41
 
719,36
 

 
Ukukhanda
 
328,91
 
328,91
 
328,91
 

 
Izibulali zokhula
 
132,32
 
272,00
 
272,00
 

 
Izibulali zezitshabalalisi zezityalo
 
51,72
 
54,90
 
54,90
 

 
I-inshorensi yamagalelo
 
81,90
 
157,37
 
157,37
 

 
Ukubiyela
 
96,96
 
145,00
 
162,78
 

 
Ukuvuna
 
 
 
 
 
 
 

 
I-inshorensi yezityalo 
 
159,60
 
306,66
 
306,66
 

 
Inzala kwiindleko zemveliso 
 
129,99
 
233,66
 
269,68
 

 
Iindleko ezingqalileyo ezisisixa esipheleleyo (R/ha) 
 
2 449,74
 
3 572,39
 
3 989,44
 

 
 
 
 
 
 
 
 
 

 
 Iindleko ezisisigxina esisentloko zesixa esipheleleyo (R/ha) 
 
1 106,83
 
1 244,63
 
1 244,63
 

 
 
 
 
 
 
 
 
 

 
Iindleko zomsebenzi wemveliso zesixa esipheleleyo phambi kokuthengisa 
 
3 556,57
 
4 817,02
 
5 234,07
 

 


Itheyibhile 2: Isivuno esinokubakho kunye nenzuzo/ha kumaxabiso ahluka-hlukileyo/iitoni.




 
R 3 250/t
 
R3 500/t
 
R3 750/t
 
R4 000/t
 
R4 250/t
 
R4 500/t
 

 
1,00
 
R3 250
 
R3 500
 
R3 750
 
R4 000
 
R4 250
 
R4 500
 

 
1,50
 
R4 875
 
R5 250
 
R5 625
 
R6 000
 
R6 375
 
R6 750
 

 
2,00
 
R6 500
 
R7 000
 
R7 500
 
R8 000
 
R8 500
 
R9 000
 

 


Kwibanga langoku, umsebenzi wokuvelisa oojongilanga unomtsalane ongummangaliso – khangela ubone ukuba ingaba mhlawumbi unako na ukutyala oojongilanga kunezinye izityalo ezilinywa kwindawo yakho. 

