Business (Maize)									Xhosa

Yintoni efunekayo ukuqhuba ishishini?



Instructions: 

Folio strap: Ulawulo

Byline: Ulwazi luhlanganiselwe ngokusebenzisa incwadi yoqeqesho ngoLawulo lweFama ukwenzela iiNzuzo nguMarius Greyling 



Ukuhlanganisela uludwe lwezinto ezifunekayo ukuqhuba ishishini kusenokuba yinto equkanisa kakhulu kwaye noludwe luyahluka-hluka. Iimfuno okanye imithombo iphenjelelwa yimibandela efana nohlobo lweshishini, ubukhulu, ixesha, njl.njl.



Malunga neshishini lokufama uludwe luya kuqulatha iimfuno ezifana nomhlaba, amanzi, amadlelo, izindlu, iindibano-miboniso, indawo yokusenga, izixhobo zokunkcenkcesha, izithuthi, oomatshini, iitrektara, izixhobo zokusebenza, abasebenzi okanye abaqeshwa, imali nabaphathi. Ngokubanzi le mithombo yobutyebi efunekayo ihlelwa ngokolawulo, umhlaba, inkunzi yokuqalisa ishishini kunye nabasebenzi.



Imithombo ekubhekiselelwe kuyo yile (ikwaziwa ngokuba yimibandela yemveliso):

Umhlaba – ubandakanya umhlaba ngokwawo, ithafa, amadlelo, izakhiwo nezinye izakhiwo ezisisigxina ezifana neentlanti, iishedi, izindlu zezilwanyana kunye nezibiyeli.

Inkunzi yokuqalisa ishishini – yona ibhekiselela kwimali ngokwayo nenye impahla yexabiso efana nezithuthi, iitrektara, iinkomo neegusha.

Abasebenzi – kuxelwa abantu abasebenza efama phantsi komthetho womnini/umphathi.

Ulawulo – umntu okanye abantu abathatha izigqibo malunga nokuqhutywa kweshishini.



Ngaphandle kwabasebenzi, abangenakuze babe ngabeshishini, eminye imibandela yemveliso nako konke okubandakanyekayo, kunokuba kokweshishini okanye kunokubolekwa okanye kuqeshwe kwenye indawo. Xa umhlaba, inkunzi yokuqalisa ishishini nolawulo lubolekiwe okanye luqeshiwe, imibandela yemveliso ibizwa ngokuba yimibandela yangaphandle. Umbandela sukuba ungowenye indawo. Enye indawo okanye umnini makahlawulwe ngokusetyenziswa kwempahla – ngamanye amazwi kukho iindleko okanye inkcitho ebandakanyekayo. Iindleko zibizwa ngokuba ziindleko zempahla yangaphandle kanti ngendlela engqalileyo zibizwa ngokuba:



Yirente – intlawulo yokusetyenziswa komhlaba wangaphandle kananjalo nenye impahla yexabiso;

Inzala – intlawulo yokusetyenziswa kwenkunzi yangaphandle yemboleko yokuqalisa ishishini; kananjalo

Umvuzo – Intlawulo yokusetyenziswa kolawulo lwangaphandle.


Qaphela ukuba abasebenzi, nangona bengasayi kuba ngabeshishini, ababonwa njengempahla yangaphandle. Ngoko ke, iindleko ezibandakanyeka kwintlawulo yabasebenzi – imivuzo nako konke okubandakanyeka kuyo asizozindleko zempahla yangaphandle. Abasebenzi babonwa njengemveliso eqhelekileyo kunye/okanye inkcitho yokuqhuba ishishini. Umqeshwa unika izakhono kunye/okanye iintlobo zobuchule bakhe kunye/okanye ulwazi kwishishini alihlawulelwayo.

		 



