xhosa.1464.legalmar08
ABAFOTIWEYO BAYABONISA NJE
iingxaki zomthetho
Ukusela emsebenzini
INGXAKI: Ndingumanejala wecandelo lakwaHR kwinkampani endiyisebenzelayo. Ndijongene nengxaki yabasebenzi abeza emsebenzini benxilile kungenjalo abasela utywala emsebenzini. Umphathi owongameleyo uthi mabagxothwe ngoko nangoko kodwa mna andivumelani naye. Kufuneka ndenze ntoni"
ICEBISO LAKWASCORPION:
Ukusuka ugxothe kuba uyalelwa ngumphathi owongameleyo okanye nawuphi na umqeshi, kuyaphikisana nemithetho ebekiweyo yengqesho neyabasebenzi, i-Employment Act (BCEA) kunye neLabour Relations Act. Iinkcukacha zesiganeko ngasinye maziphandwe, kukhutshwe izityholo kuze emva koko kwaziswe umsebenzi lowo uchaphazelekayo usuku okuza kuhlala ngayo intlanganiso yokwaluleka.
Luyimfuneko uphando olwenziwa ngumntu othembekileyo nonolwazi olwaneleyo, umntu onakho ukumbona aqiniseke umsebenzi ophantsi kweempembelelo zotywala.
Kolu phando kumelwe kuqwalaselwe indlela isiganeko esenzeka ngayo.
Njengomsebenzi ofika enuka utywala, kusenokuba akanxilanga okanye ke akaselanga ngaphezulu komlinganiselo osemthethweni oyi-0.05%. Umntu owenza uphando kufuneka abenakho ukugqiba ukuba umsebenzi ukulungele ukusebenza kusini na.
Omakuqwalaselwe koku - ingaba unuka utywala" Ingaba indlela athetha ngayo iyakrokrisa" Ukuba isigqibo asinakwenziwa ngezi zinto imvume yokuhlolwa kwegazi lakhe phambi kwengqina inganceda.
Ukuba umsebenzi wayesele evumile ukuba uyakulwenza oluvavanyo kwisivumelwano sakhe somsebenzi esibhaliweyo awasityikitya ngemini yokuqeshwa kwakhe akavumelekanga ukuba aphikisane noku. Kodwa ke nokuba kunjalo ukuba akafuni awunalungelo lakumnyanzela.
Ngokunjalo ke nakumsebenzi orhaneleka ukuba usebenzise iziyobisi, kusetyenziswa le nkqubo yokuba kuqwalaselwe imeko. Njengokuthi umsebenzi wasegadini akanakohlwaywa ngokufanayo nomsebenzi ongumqhubi wemoto okanye umqhubi wefoklifti.
Nokuba umsebenzi ochaphazelekayo ukwesiphi na isikhundla inkcaza eyiyo yamangqina mayibhalwe phantsi abizelwe entlanganisweni yokwalulekwa. [x]
Niziphathelwe yiBONA nabeScorpion Legal Protection
Sizamile ukuqinisekisa ukuba ufumana iingcebiso ezizizo. Kodwa ke ityala netyala lifuna ukuphandisiswa kwaye abeScorpion Legal Protection (Pty) Ltd, igqiza labacebisi neBONA nabashicileli bayo abanakubekwa tyala ngelahleko engafunyanwa ngumntu osebenzise iingcebiso zalo mhlathi.
Thumel' ingxaki yakho yomthetho kule dilesi BONA Legally Yours, Box 32083, Mobeni 4060 - uya kufumana ithuba lokuxoxa negqwetha imizuzu engama-30 kwii-ofisi zalo naphi na kweli okanye uthethe nalo ngomnxeba.
