Banner											Xhosa



Leliphi iqela lofundonzulu elibe nebhanile egqwesayo?



Instructions:

Folio strap: Amaqela ofundonzulu

Byline: NguJane McPherson, umphathi wenkqubo yakwaGrain SA yenkqubo yoPhuhliso

Insert: Ukhutshiswano lweSizwe lweBhanile eGqwesileyo yeQela loFundonzulu!



Omnye wemisebenzi eyilwayo ebalulekileyo yethu kwiNkqubo yoPhuhliso lwamaFama kukusekwa nokunika inkonzo kumaqela ophononongo. 



Umququzeleli ngamnye wophuhliso lwephondo kufuneka aseke kwaye anike inkonzo kumaqela ofundonzulu angama-25 kwindawo anika kuyo inkonzo:

UTonie Loots kwinxalenye eseMntla-Ntshona kwiphondo laseMntla-Ntshona

UAmos Njoro kwiindawo Ezisembindini zaseMntla-Ntshona nezaseMntla-Free State

UJohan Kriel kwiFree State iphelele

UJerry Mthombothi eMpumalanga, kananjalo 

UPhilip Olivier eMpuma-Koloni. 



Injongo yamaqela ofundonzulu yile: Kukukhuthaza uphuhliso lwamafama, anofikeleleko kumhlaba olinywayo, ukuze aseke amaqela ofundonzulu adibana rhoqo ngenjongo yokufikelela kuqeqesho nakulwazi olunxulumene neshishini lombona. 



Kulo nyaka, okokuqala, uJohan Kriel uqalise ukhutshiswano phakathi kwamaqela ofundonzulu ukuze kufunyaniswe ibhanile egqwesayo. Ezi bhanile zisetyenziswa kwintlanganiso nganye yeqela lofundonzulu nangeentsuku zamafama, ukuze kunikwe amafama uluvo lokungabi lilolo. Iifoto ezikhaphayo zinika ufifi lomgangatho weebhanile. 



Njengoko olu khutshiswano seluqhutywe eFree State kuphela, eli nqaku lazisa olu luvo kwamanye amaphondo.



Sinethemba lokufumana iibhanile zeefoto kubaququzeleli bamaphondo – yanga ingaphumelela ibhanile egqwesileyo! 

