Assets (Maize)								 	Xhosa



Impahla yexabiso neemfanelo – ingaba ungumnini okanye unetyala?



Imiyalelo: 

Folio strap: Ukongezelelwa kwexabiso

Byline: NguJane McPherson, umphathi wenkqubo yaseGrain SA yeNkqubo yoPhuhliso lwamaFama



Njengosomashishini nomlimi, kufuneka ube nengxelo ecacileyo yempahla yexabiso neyeemfanelo onazo. Ingaba yintoni onayo, kwaye iyintoni onetyala layo? 



Umsebenzi wokufama ulishishini kwaye ukulima izityalo kubandakanya izixa ezikhulu zemali. 

Kukholisa ukuba umlimi kufuneke ukuba makaboleke ezinye okanye zonke izinto eziligalelo. 

Amaziko abolekisayo afuna ukufumana umfanekiso opheleleyo weshishini lomlimi – afuna ukwazi iinkcukacha ncam zazo zonke iintlobo zempahla yexabiso (ezibekwe ixabiso lokwenene) ngokunjalo nazo zonke iimfanelo. Kaninzi abalimi bayavakalelwa xa kufuneka bekhuphe ezi nkcukacha, kodwa amaziko ezemali analo ufikelelo kuzo zonke iingxelo zezemali (njengoko kuxelwe kuMthetho oMiselweyo ngamaTyala), kanti xa ungayichazi yonke inyaniso, aya kuzifumanela bonke ubucukubhede ukuze ngolo hlobo ulahlekelwe kukuthenjwa mhlawumbi nemali-mboleko leyo obunokuyifumana. 

Ukuba kufuneka ube ngumlimi olondolozekayo, kufuneka uzinike inkonzo efanelekileyo zonke iimali-mboleko zakho – ubeke wonke umfanekiso etafileni uze uvumele abo banobuchule obufunekayo kwimicimbi yemali ukuba bakuncedise. 



Ubhaliso lweMpahla yeXabiso namaTyala



IMPAHLA YEXABISO

 
 

 
Umhlaba 
 

 

 

 
 
 

 
Iitrektara nezixhobo zokusebenza
 

 

 

 

 

 
Imfuyo
 

 

 

 

 

 
Abantu abanamatyala Ngoku 
 

 

 

 

 

 
 ISIXA ESIPHELELEYO SEMPAHLA YEXABISO
 

 

 


IIMFANELO

 
 

 
Iimfanelo zethuba elide 
 
 
 

 

 
 
 

 
Iimfanelo zethuba eliphakathi
 
 
 

 

 
 
 

 
Ishishini lezolimo
 

 

 

 

 

 
Iakhawunti yeBhanki 
 

 

 

 

 

 
ISIXA ESIPHELELEYO SEEMFANELO


 

 

 


