Activities (Maize) (1825 Words)						Xhosa



Imisebenzi yokuFama – uzama ukwenza ntoni kanene?



Imiyalelo: 

Folio strap: Ulawulo

Byline: NguJane McPherson, umphathi wenkqubo yaseGrain SA yeNkqubo yoPhuhliso lwamaFama 



Kusenokwenzeka ukuba zininzi izizathu zokuba ufune ukusebenzisa umhlaba onako ukuwusebenzisa. Umnqweno wakho wokufama usenokubandakanya oku:



Ukuvelisa ukutya kosapho;

Ukuyila ingeniso; kananjalo

Ukusebenzisa umhlaba wokulima ofikelelekayo;



Ukufama kubhekiselele ekuvelisweni kokutya neentsinga. Ukuze wenziwe ngempumelelo umsebenzi wokufama, kufuneka ulwazi nengqiqo ephangaleleyo ngezityalo, ngezilwanyana, ngomsebenzi woomatshini nolawulo.



Izityalo

Iinxalenye ezahluka-hlukeneyo zezityalo zisenokusetyenziswa ngeenjongo zokurhweba – iingcambu (njengakwiminqathe), amagqabi (njengasemakhaphetshwini) iziqhamo (njengakwiipesika) okanye imbewu (njengasemboneni). Izityalo zisenokusetyenziswa ngokungqalileyo ngabantu okanye zizilwanyana, okanye iimveliso zisenokuqhutyelwa phambili zisiwe kwesinye isimo.

Kukho iintlobo-ntlobo zezityalo ezilinywayo nezilinyelwa ukurhweba:

Izityalo eziziinkozo, umzekelo umbona, ujongilanga, amazimba, amandongomane kananjalo neembotyi zesoya;

Imifuno, umzekelo iitapile, iitumato, iminqathe, itswele nebhitruthi;

Iziqhamo, umzekelo eze-citrus – iiorenji, iilamuni kunye neenartyisi;

Iziqhamo ezivuthulukayo (deciduous) – iiapile, ii-cherry, iipesika neeapelkos;

Amadlelo, umzekelo i-eragrostis, i-smutsvingergras, ilusini ne-seradella;

Iziselo, umzekelo iti nekofu;

Iintsinga, umzekelo umqhaphu ne-flekisi (flax); kananjalo

Icuba. 



Ngokwesiseko, izityalo zifuna umhlaba, amanzi, ubushushu, ukukhanya kunye nezondlo ukuze zikhule. Ngebakala lokukhula, izityalo zineengcambu, iziqu kunye namagqabi. Zona zisebenza njengefektri encedisa isityalo ukuvelisa imbewu yaso (ngenjongo yokwenza imveliso). 



Izilwanyana 

Iintlobo-ntlobo zezilwanyana zasefama zigcinwe njengomthombo:

Ubisi (iibhokhwe zokusengwa okanye iinkomo zobisi);

Inyama (iinkomo zenyama, iigusha neebhokhwe, imfuyo yokojiwa);

Iintsinga (iigusha zoboya, iibhokhwe zoboya be-angora);

Izikhumba neemfele (iigusha zohlobo lwe-karakul);

Amaqanda (izikhukukazi ezibekelelayo); kananjalo

Izitsali (amahashe, iidonki kunye neenkabi).



Izilwanyana zisebenza ngenene njengefektri encinci, zijike ezikutyayo (okukholisa ukuveliswa efama zikwenze oko zifuyelwe kona njl.njl.(inyama, ubisi, iwulu njl.njl.). Enyanisweni, ubukhulu becala bomsebenzi wokulima ongowona-wona ufanele ukujoliswa ekuvelisweni kokutya kwezilwanyana (umzekelo, umlimi ofama ngeenkomo zenyama unokubonwa njengomvelisi wengca, kuba ngaphandle kwengca, akanakukwazi ukuba nayo nayiphi inyama yokuthengisa). 



Kuxhomekeke kwiintlobo-ntlobo zemibandela ezifana nohlobo lwefama, imozulu, ukukhetha komvelisi, imimandla yentengiso yendawo njl.njl. umvelisi kufuneka enze isigqibo sokuba zeziphi izilwanyana afuna ukuzigcina. Izinto ekukhethwa kuzo zibandakanya:

Iinkomo – ezobisi, ezenyama okanye ezezo zinto zombini;

Iigusha – inyama yegusha, uboya okanye ezezo zinto zombini;

Iibhokhwe – iibhokhwe zobisi, ezoboya be-angora okanye ezamabhulu;

Iinkuku – ezamaqanda okanye ezenyama; kananjalo

Amahashe needonki – ubukhulu becala ezokutsala. 



Ukusebenzisa oomatshini 

Ukwenza wonke umsebenzi efama ngaphandle koomatshini (ngezandla) kusenokucothisisa kanti nexabiso lako libe phezulu. Inkqubo yokusebenza ngoomatshini ijoliswe ngenene kwisakhono sokwandisa – ukwenza izinto ngokukhawulezisa nangendlela ephucukileyo. 



Umthombo wamandla okutsala usenokuba ziinkabi, amahashe, iidonki, okanye iitrektara. Ezi zinto zisenokusetyenziselwa ukutsala izixhobo zokulima umhlaba, ukutyala izityalo, ukutshabalalisa ukhula, ukuvuna izityalo okanye uthutho. Uhlobo lwesitsali esikhethwayo luya kuxhomekeka kwimithombo yobutyebi bomvelisi ngokunjalo nakubukhulu nakuhlobo lomhlaba osetyenzwa ngumvelisi. 



Ulawulo

Ulawulo lunokuchazwa njengobumbano lwayo yonke imiba yokusetyenziswa kwemithombo yobutyebi ekhoyo (umhlaba, izityalo, izilwanyana, ukusetyenziswa koomatshini nemali) ngenjongo yokuphumeza iinjongo zokuvelisa ukutya, ukuyila ingeniso okanye ukusebenzisa umhlaba okhoyo. 



Xa umsebenzi wokufama uza kuba nempumelelo, zonke iintlobo-ntlobo zemithombo yobutyebi mazisetyenziswe ngobuchule – zona zibandakanya imali, abantu, umhlaba, iziyalo, izilwanyana, oomatshini nemimandla yentengiso. 



Ulawulo lwemali nogcino-zincwadi lubaluleke kakhulu kulawulo lwefama kwaye oku kufuneka kwenziwe rhoqo ngokukhathala okukhulu. Ukuba awufumani nzuzo ngokufama into enokwenzeka kukuba akunakuqhuba ngokufama ithuba elide, ngaphandle kokuba unenye indlela yengeniso exhasa umsebenzi wokufama.



Nceda zinike ixesha lokuphengulula imibuzo engezantsi – zibuze umbuzo ngamnye uze ucinge ngokuthembeka ngempendulo. Xa ingacacanga kuwe into ofuna ukuyiphumeza, amathuba okungaphumeleli maninzi – xa ungazazi apho uya khona, akululanga ukufika kwindawo onqwenela ukufika kuyo! 	



Imibandela ekufuneka iqwalaselwe 

Imibandela elandelayo mayiqwalaselwe phambi kokwenza izigqibo ngohlobo lwezityalo eziza kulinywa, imfuyo eza kugcinwa, okanye ngokuba yeyiphi imidibaniso enokwenziwa.



 Okulindeleke kumvelisi

Kutheni usenza umsebenzi wokufama na?

Ingaba ifama iza kuba inguwo kuphela umthombo wengeniso na?

Bangaphi abantu abaza kuxhomekeka kule fama ngokuphila kwabo?

Ingaba uza kuzenzela wonke umsebenzi?

Ingaba imveliso iza kusetyenziselwa ukuba utye wena ngokwakho okanye iza kuthengiswa?

Ingaba likhona naliphi ishishini olithanda ngokudalwa?

Ingakanani inzuzo onokuyilindela kumsebenzi wakho wokufama?

Ingaba kufuneka ufumane naluphi uqeqesho ukuze uphucule ulwazi lwakho neentlobo zobuchule ezinxulumene nomsebenzi wokufama?



Ukuqesha umhlaba

Kutheni kubalulekile ukuba umhlaba oqeshiweyo ube nokhuselo?

Ingaba unofikelelo ngokwasemthethweni emhlabeni?

Ungakufumana njani ukufikelela emhlabeni?

Ingaba ngumhlaba wakho?

Ingaba ulilungu leqela elingabanini bomhlaba?

Ukuba ulilungu leqela, ingaba iqela libhaliswe ngokwasemthethweni njengantoni?

Ingaba ninomthetho-siseko / i-deed ye-trust okanye efana nayo elawula ubudlelwana phakathi kwamalungu eqela?

Ingaba akhona amalungu eqela angasabandakanyekiyo emsebenzini wokufama?

Kuya kwenzeka ntoni ukuba loo malungu eqela angasenanxaxheba abuyela efama?

Ingaba unemvume yokusebenzisa umhlaba wohlanga?

Ingaba unayo imvumelwano yokuqesha ngokwasemthethweni?

Lithini ithuba lemvumelwano yokuqesha?



Ubukhulu bomhlaba

Zingaphi iihektare onokufikelela kuzo?

Zingaphi iihektare zamadlelo endalo?

Zingaphi iihektare zedlelo elisekiweyo?

Zingaphi iihektare zomhlaba olimekayo?

Zingaphi iihektare zomhlaba onkcenkceshwayo?

Ifama inesakhono esingakanani sokuqulatha?



Ufikelelo emhlabeni

Ingaba umhlaba ufikeleleka lula ukusuka endleleni?

Ukuba uvelisa ukutya okunobunzima obuphezulu (iinkozo okanye izixa ezikhulu zemifuno) ingaba iilori ziya kukwazi ukuthutha imveliso?

Ingaba umhlaba ukufutshane kwindawo enihlala kuyo xa ubusela bunokuba yingxaki?

Ingaba umhlaba ukhuselwe ngezibiyeli ezomeleleyo?



Iintlobo zemihlaba

Zinjani iintlobo zemihlaba eninazo?

Singakanani isiqulatho sodongwe olusemhlabeni?

Buthini ubunzulu bomhlaba?

Linjani ithambeka lomhlaba?



Imvula

Ingakanani imvula eniyilindela ngonyaka ngamnye?

Imvula niyilindela nini?

Zeziphi iinyanga enikholisa ukufumana imbalela ngazo?



Ubushushu

Ingaba indawo yenu iba neqabaka ebusika?

Iqabaka yokuqala yonyaka niyilindela nini?

Ningayilindela nini iqabaka yokugqibela yonyaka?



Ufikelelo ekusebenziseni oomatshini

Ingaba unazo iitrektara nezixhobo ezizezakho?

Unako ukuqesha itrektara nezixhobo xa ungenazo ezizezakho?

Ingaba izixhobo ofuna ukuziqesha zinokufumaneka xa uzifuna, okanye uma emgceni womkrozo xa ixesha onyaka lisiza?

Ukuqesha izixhobo kuya kuba neendleko ezingakanani?



Ufikelelo kwimimandla yentengiso

Ingaba unawo ummandla wentengiso yemveliso ofuna ukuyivelisa?

Ngoobani abathengi bemveliso ofuna ukuyivelisa?

Ingaba uyanxibelelana nabathengi abathile?

Lithini ixabiso langoku lemveliso ofuna ukuyivelisa?

Uza kuyisa njani imveliso kummandla wentengiso?

Ingaba uyayiqonda imigangatho yodidi lwemveliso onenjongo zokuyivelisa?

Ingaba unawo nawaphi amava ngobhambathiso kummandla wentengiso?



Ufikelelo kunkcenkcesho

Ingaba unalo ufikelelo emanzini okunkcenkcesha?

Ingaba ubhalisile kwibhodi yamanzi yendawo yakho ukuze ukwazi ukusebenzisa amanzi?

Mangakanani amanzi onokuwasebenzisa?

Ingaba ungakanani umhlaba obhalisele ukuwunkcenkcesha?

Ukuba usebenzisa amanzi e-borehole (umngxuma wesitsali-manzi), ingaba uwubhalisile umngxuma wakho wesitsali-manzi?

Singakanani isakhono sokuqulatha somngxuma wesitsali-manzi?

Isityalo ofuna ukusivelisa sifuna amanzi angakanani?



Imithombo yemali

Ufuna ukutyala ntoni?

Uyazazi iindleko ezingqalileyo ngehektare nganye ukuba ziya kuba yimalini (i-diesel, imbewu, isichumiso, izitshabalalisi zokhula, izitshabalalisi zezinambuzane, i-inshorensi yezityalo?

Ingaba uyazazi iindleko ezisisigxina zonyaka ngamnye (umbane, inzala, imivuzo kunye neentlawulo, ukukhanda nokulondoloza njl.njl.)?

Ingaba unayo imali ekhoyo efunekayo?

Usifakile isicelo semali-mboleko?

Ingaba isantya senzala oza kusihlawula kwimali-mboleko singakanani?

Ingaba imali iya kuba khona nini?

Kwizixa zesiqhelo sesivuno, ingaba uya kukwazi ukufumana inzuzo kwisityalo?

Uza kukwazi njani ukuphila ngeli xesha singekavunwa isityalo?



Uthutho

Ingaba unayo indlela yothutho lwezinto eziligalelo ukuze zize efama?

Unayo indlela yothutho lokusa imveliso kummandla wentengiso ukusuka efama?

Zithini iindleko zothutho?

Ingaba uziqukile ezi ndleko kwisicwangciso sakho?



Ufikelelo kwizinto eziligalelo

Ingaba uyazazi izinto eziligalelo ozifunayo ukuze uvelise isityalo?

Ungazithenga phi izinto eziligalelo?

Uza kuzithutha njani ezi zinto ziligalelo?

Lithini ixabiso lezi zinto zegalelo xa uthelekisa nabanye ababoneleli?

Ingaba uyazazi izixa zegalelo ngalinye oya kulifuna?

Ingaba wenze isicwangciso ngokuqaphela?



Ukuba kufutshane ekhaya

Ukude kangakanani emhlabeni owulimayo?

Uza kukwazi ukuya kaninzi kangakanani efama?

Ingaba ukhona umntu oza kuba nomthwalo wokuqwalasela ifama ngalo lonke ixesha?

Zingakanani iindleko zokuya nokubuya kwakho efama?



Ubukho bolondolozo lweenkozo

Zakuba zivuniwe iinkozo, uza kuzigcina phi?

Lingakanani ixabiso lolondolozo?

Iinkozo zinokulondolozwa kwisiqulatho esingakanani sokufuma?

Uza kusomisa isityalo ukuze sifikelele kwisiqulatho sokufuma esichanekileyo?

Ingaba unesicwangciso sokuthengisa isityalo kwangoko okanye unesicwangciso sokusilondoloza uze ulindele ixabiso eliphucukileyo?



Ufikelelo kwiinkonzo zenkxaso

Unalo ufikelelo kwinkxaso evela kubaphathi besolulo bendawo yakho beSebe lezoLimo?

Ngabaphi abanye abantu abanokukunika inkxaso?

Ingaba unalo uqhagamshelwano nabavelisi borhwebo bendawo abanokukuthakazelela ukukunika inkxaso nokukuncedisa?



Imisebenzi yokufama yeli lizwe ngokubanzi

Zeziphi iintlobo zokufama ezenziwa ngabavelisi abarhwebayo kweli lizwe?

Ingaba unabo oqhagamshelana nabo phakathi kwabavelisi bendawo yakho onokuxoxa nabo ngemibandela ezizihloko ekunokuxoxwa ngazo?



Izinto ezinokwenzeka zokongezelela ixabiso

Ingaba unako ukongeza ixabiso lesityalo osivelisayo?

