Access (Maize)										Xhosa



Ufikelelo emhlabeni nakwingqesho yomhlaba



Instructions: 

Folio strap: Ingqesho yoMhlaba

Byline: NguJane McPherson, ngumphathi wenkqubo waseGrain SA yeNkqubo yoPhuhliso lwamaFama



Phantse wonke umsebenzi wokufama ubandakanya ukusetyenziswa komhlaba. EMzantsi Afrika sineentlobo eziliqela zamalungiselelo engqesho yomhlaba. Umxokomelwano ngamnye unezinto zawo ezinamandla nezinobuthathaka. Asilonyanzelo ukuba nohlobo olunye kuphela lomxokomelwano, kodwa okubalulekileyo kukuwazi nokuwuqonda umxokomelwano osebenza phantsi kwawo. 



Enye yezinto ezibalulekileyo ofanele ukuba nayo yimephu yefama, njengoko kulapho uqalisa khona ukwenza isicwangciso sakho. Xa ungenakukwazi ukufikelela kwimephu (njengoko kunjalo kwimihlaba ethile edityanelwayo), kufuneka ufumane umntu oza kukulandela umkhondo wefama yakho ngeGPS, yona eza kubonisa indawo ekuyo kanye-kanye intsimi yakho, kananjalo nobukhulu obuchanekileyo bomhlaba. Khumbula ukuba kubalulekile ukubazi ubukhulu bomhlaba kuba zonke izibalo ezingqonge ulwabiwo-mali lwakho zixhomekeke kwinani leehektare elibandakanyekayo. 



Omnye wemibandela emikhulu malunga namalungiselelo engqesho kukuba ukuboleka imali kuthetha ukuba umntu kufuneka anikele ngokhuselo lwayo. Ukuba akunaso isiqinisekiso sobunini bempahla (title deed), akunako ke ngoku ukusebenzisa umhlaba njengokhuselo. Oku kusenokubonakala kuyinto ebuyisela umva, kodwa khumbula, ukuba uthatha isibophelelo sempahla yakho uze ubhalise isibophelelo ukuze iziko lezemali lixhamle, ufumana imali-mboleko, kodwa ukuba kuthe nangasiphi isizathu ungakwazi ukubuyisa le mali-mboleko – baya kuyithengisa impahla yakho ukuze bafumane isixa semali oyikwelitayo. Lo mgaqo-siseko uyavakala kuqoqosho lommandla wentengiso ekhululekileyo kumxokomelwano wolawulo ngokwemali (yona esebenza kulo lonke ihlabathi). Kodwa wena njengomlimi osaphuhlayo kufuneka ufunde ukuba ngumlimi ongazibeki sichengeni sezinto zonke. Esi sesinye sezizathu sokuba ndikholwe ukuba kubhetele uqale kancinci ngaphandle kokwenza iimali-mboleko ezinkulu – ukuze xa izinto zingahambanga kakuhle, ungalahlekelwa yinto yonke. Phantsi komxokomelwano womhlaba odityanelwayo, apho iinkokeli zomthonyama zilawula umhlaba khona, unokuqalisa kumhlaba omncinci owunikwe yinkosi uze uthi xa sowuphumelela, ‘uqeshe’ umhlaba kubamelwana bakho abangalimiyo bona. Khumbula, kaloku asinguye wonke ubani ongumlimi, okanye ofuna ukuvelisa izityalo. Sinemizekelo emininzi yabalimi abaphumelelayo abarhwebayo abasebenza emhlabeni odityanelwayo kwaye babe bengenahektare enye. 



Ingqesho yomhlaba



Isiqinisekiso sobunini (Title deed)
 

 

 
Imvume yokusebenzisa umhlaba wohlanga?
 

 

 
Isivumelwano sokuqeshisa ngokwasemthethweni?
 

 

 
Umxokomelwano we-PLAS wemiBandela yezemiHlaba 
 

 

 
Umhlaba ongengowakho (ongokaMaspala) 
 

 

 


Imimandla ethile ifaneleke kakhulu kwiintlobo ezithile zokufama. Imvula, imihla yokuqala neyokugqibela yeeqabaka ezilindelekileyo kunye nobunzulu bomhlaba zibonisa oku. Kwakhona kubalulekile ukwazi ukuba ingaba umhlaba uyafikelela na kunkcenkcesho okanye akunjalo – khumbula ukuba umsebenzi wokufama wonkcenkcesho ufuna ukulawulwa kanobom, kodwa unomngcipheko onganeno njengoko ukwazi ukunkcenkceshela isityalo nanini xa ufuna. Malunga nezinye iintlobo zomsebenzi wokufama, ufikelelo embaneni lubaluleke kakhulu. Ixabiso lokubiyela liphezulu – xa ungakwazi ukugcina imfuyo ngaphandle kwentsimi yakho, akusayi kukwazi ukulima izityalo ngemfuneko. 



Ulwazi jikelele ngentsimi yakho



Ingingqi
 

 

 
Eyona dolophu ikufutshane
 

 

 
Izixa zobukhulu befama (iihektare)
 

 

 
Igama lefama
 

 

 
I-Eskom (Inombolo yendawo)
 

 

 
Ubukhulu besiGuquli 
 

 

 
Unkcenkcesho (ihektare)
 

 

 
Isakhono sokuthwala ingingqi yokutyisa impahla/iihektare
 

 

 
Imvula yonyaka (mm)
 

 

 
Amaqondo obushushu elona liphantsi nelona liphezulu
 

 

 
Umhla wokuqala weqabaka
 

 

 
Umhla wokugqibela weqabaka
 

 

 
Ukubiyela – (ukuchaza ukuba ingaba amasimi neekampi zibiyelwe na, kunye nemeko yesibiyeli)
 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 


Ubucukubhede bomhlaba

Imephu yafama – qiniseka ukuba unemephu yefama uze uziqhelanise noMntla, uMzantsi, iMpuma neNtshona. 

Kubalulekile ukuqinisekisa ukuba intsimi nganye nekampi nganye inenombolo. (Oku kuya kusetyenziswa emva kwexesha ukwenzela iintwana zomhlaba ohlalutywayo nesicwangciso sokusetyenziswa komhlaba). 

Qwalasela ubukhulu bentsimi nganye nekampi nganye (kwakhona, kubalulekile oku ukwenzela ukwenza isicwangciso sokusetyenziswa komhlaba kunye nolwabiwo-mali). Ukuba olu lwazi alufumaneki emephini, kuya kufuneka ukuba ukuqinisekise oku. 

Iimephu kumhlaba odityanelwayo azisoloko zikhona. Ukuba usebenza emhlabeni odityanelweyo, imephu yeGPS iyimfuneko kwaye inika imilinganiselo yentsimi ethile. 



Umhlaba olimekayo 



Igama lefama 
 
Inombolo yefama
 
Ubukhulu
 
Uhlobo lomhlaba
 
Ubunzulu bomhlaba 
 
Imeko (Imo yangoku nesityalo esisentsimini) 
 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 


Iingongoma eziphambili:

Zahluka-hlukile iindlela zokufumanisa ubukhulu bentsimi – usenokuhamba-hamba ubala amanyathelo akho, usenokusebenzisa ivili okanye usebenzise indlela yevili letrektara kodwa eyona ndlela ichanekileyo kukusebenzisa iGPS. 

Uhlobo lomhlaba lusenokuba ludongwe, uvunduvundu okanye umhlaba oyisanti.

Ubunzulu bomhlaba kukuvavanya naziphi iimaleko ezinokuthintela ukukhula kweengcambu – oku kunokuqinisekiswa ngokusebenzisa isigqobhozeli somhlaba okanye ngokwemba umngxuma wokubonisa imbonakalo. 

Kuyimfuneko ukufumanisa imeko yangoku yomhlaba, njengoko oko kuya kunika iimpembelelo malunga nendlela onokusetyenziswa ngayo kwikamva eselikufutshane. 

Kuya kusoloko kukho umhlaba omoshakeleyo – wona ubandakanya iindlela, izidibi kunye nomhlaba ekwakhiwe izakhiwo kuwo. 



Iintwana zomhlaba ovavanywayo (kumhlaba olimekayo)

Kubalulekile ukuba iintwana zomhlaba olingwayo zithathwe qho kwiminyaka emibini obona buncinane. Umsebenzi wokufaka isichumiso ngomnye oneendleko eziphezulu kumsebenzi wokuvelisa izityalo kwaye kufuneka kugqalwe ukuba kufakwe isichumiso esichanekileyo kwintsimi nganye. 



Umlimi kusenokufuneka ukuba ahlawule ukuhlalutywa kwentwana yomhlaba. Le yimali echithwe kakuhle kakhulu. 

Kufuneka usebenzise indlela echanekileyo yokuthatha iisampulu zomhlaba. 

Kufuneka uthathe iisampulu zomhlaba ongaphezulu nongaphantsi. 

Isampulu nganye mayiphawule ngokucacileyo ngegama nedilesi yomlimi, igama lefama, ngokunjalo nenombolo yentsimi. (Oku kunokubanga iziphumo ezinobuzaza xa kungenziwanga kakuhle). 

Iisampulu mazithunyelwe ukuze ziye kuhlalutywa – amaziko alandelayo aneelabhoratri: 

I-ARC (Glen, Cedara, Dohne, Umhlaba, Amanzi neMozulu ePitoli, Iziko eliNcinci leziTyalo eziziiNkozo eBethlehem); kananjalo

I-Omnia (kunye namanye amaqumrhu ezichumiso). 

Khumbula ukucela ukuba isiqulatho sodongwe naso sifunyaniswe. 

Cela ingcebiso yesichumiso kwangalo elo xesha. Ulwazi olulandelayo luya kunikelwa: 

Isityalo ekufuneka sityalwe entsimini; kananjalo

Isivuno ekujoliswe kuso seso sityalo.



Amadlelo ayindalo nalawo asekiweyo 



Igama lefama 
 
Inombolo yekampi
 
Ubukhulu
 
Uhlobo lwedlelo 
 
Isakhono sokuthwala 
 
Imeko (imo yangoku yedlelo) 
 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 




Unkcenkcesho namalungelo malunga namanzi 



Unkcenkcesho (ihektare)
 

 

 
Uhlobo lonkcenkcesho 
 
Iseti elukhuni
 

 

 
Imigca yokurhuqa
 

 

 
Isizikithi ekujikelezwa kuso
 

 

 
Okunye 
 

 
Umthombo wamanzi 
 

 

 
Isakhono somngxuma ogrunjiweyo (borehole) 
 

 

 
Lubhaliswe kwibhodi yamanzi 
 

 

 
Ungasebenzisa amanzi angakanani?
 

 

 
Irhafu (levies) ehlawuleka ngomhlaba
 

 

 


