Tractors (Maize) 									IsiXhosa



Uludwe lwakho lokuqwalaselwa itrektara – inxalenye 2



Imiyalelo: 

Folio strap: Ulondolozo

Byline: Ulwazi lufunyenwe kwizifundo Ngezakhono Zobuchule Ezisebenzisekayo

Use photos as supplied in article 4-9



NgoMeyi 2010 kuhlelo lwePula Imvula sidwelise iqela lezinto ofanele ukuzenza phambi kokuba usebenzise itrektara yakho. Itrektara yinto ebalulekileyo efama, kwaye xa ungayiphathi kakuhle itrektara yakho, iindleko ziya kukutyabula. Inxalenye 2 yeli nqaku iza kulandela.



Qwalasela izikhonkwane ezi-3 ezithi khinkxi kwiindawo ezintathu

Qiniseka ukuba unazo zonke iisayizi ezichanekileyo zeepeni nezikhonkwane.



Qwalasela uqhagamshelo oluphezulu

Qiniseka ukuba uqhagamshelo oluphezulu lugrisiwe nokuba kusetyenziswe isayizi echanekileyo yezikhonkwane.



Qwalasela i-drawbar

Qiniseka ukuba zonke iibholiti kwi-drawbar ziqinisiwe kwaye zisebenzisa isikhonkwane esichanekileyo se-drawbar.



Iinkqubo ezilandelayo zokuqalisa mazilandelwe phambi kokuba uqalise itrektara yakho. 



Yiba soloko uhleli esihlalweni phambi kokuqalisa kwetrektara

Yazi imiqathango yokhuselo lwetrektara nganye. Ezinye iitrektara zifuna ukuba ucinezele iklatshi phantsi lo gama isibambo segiyeri sikunyutrali.



Itrektara mayiduduziswe imizuzu embalwa kuqwalaselwe zonke iigeyiji nezikhanyisi ezilumkisayo kwiphaneli yezixhobo. Ukuba kukho into engalunganga yikhande phambi kokuqhubela phambili. Ungaze ureve itrektara ngaphandle kwemfuneko.



Yiba soloko usebenzisa itrektara kwigiyere echanekileyo kwaye ungaze uvumele injini ukuba isebenze nzima.



Vumela itrektara ukuba iduduze umzuzu omnye okanye emibini ukuze i-turbo iphole phambi kokucima injini. Zalisa itanki yakho ye-diesel emva komsebenzi wosuku ukuthintela ukujika komphunga wamanzi ube ngamathontsi kwitanki yakho ye-diesel. 















