Profits (Maize)									IsiXhosa



Ukongeza ixabiso – ingaba oku kunako ukwandisa iinzuzo?



Imiyalelo: 

Folio strap: Ukongezwa Kwexabiso

Byline: NguJenny Mathews, usihlalo weNkqubo yaseGrain SA yoPhuhliso lwamaFama 



Ukuqhutywa kokongezwa kwexabiso maxa wambi sisicwangciso sobuqili esiphumeza abalimi ekwandiseni imida yenzuzo yabo nesigcina imisbenzi yabo yokufama isempilweni. Ngokubanzi, ukongeza ixabiso okanye “ulongezo-xabiso” kukuqhubela phambili imveliso ukuze kongezwe ixabiso elithe chatha kuyo.



Yintoni ulongezo lwexabiso?

Ukongeza ixabiso lesityalo kuthetha ukuzibandakanya kwitsheyini yexabiso ngokuqhubela phambili imveliso yefama ngendlela ethile okanye nokuba kungayiphi indlela. Oku kukholisa ukufuna ukuba umlimi enze utyalo-mali kweminye imisebenzi efana nokuqesha uncedo olongezelelweyo, okanye athenge ezinye izixhobo, ngoko ke kufuneka izibalo zenziwe ngokuqaphela ukuze kufumaneke iinzuzo emva kwenkqubo yokongezwa kwexabiso. Ngaphaya koko, ezi zibalo akufuneki zenziwe kanye kuphela – amaxabiso angazinzanga nobume beemeko zemimandla yentengiso eguqu-guqukayo yemimandla yentengiso enza izibalo zihle zinyuka ukuze ke ngoko maxa wambi inkqubo yokongeza ixabiso ibe nenzuzo, lo gama ngamanye amaxesha kusuka kungabi njalo.



Kutheni abalimi kufuneka bezibandakanyile kwinkqubo yokongezwa kwexabiso?

Kaninzi abalimi ngabamkeli bamaxabiso kunokuba babe ngababeki bamaxabiso. Oku kuthetha ukuba ngabathengi bemveliso yasefama abamisela imali eya kuhlawulwa kwaye umlimi akanagunya lesigqibo sokuthetha-thethana ngentengiselwano ephucukileyo. Njengesiphumo, abalimi mabakhangele iindlela abanokufumana ngazo isabelo kwixabiso elongezelelwa kwisityalo sabo emva kokuba sishiye ifama ngokugcina inkqubo yemveliso kwifama nakwingingqi iphezulu kangangoko xa isaphucukile ngokoqoqosho.

 

 Ukongeza ixabiso lombona

Amaxabiso ombona ethuba langoku ka-2010 aphantsi kakhulu kwaye abalimi bombona kufuneka beqwalasele ukuba ingaba ikhona na indlela abanokuphucula ngayo ingeniso enokufumaneka yesityalo. Umzekelo, kunokwenziwa isibalo esilula sokufumanisa inzuzo enokufumaneka ngokongeza ixabiso ngokusila umbona ube ngumgubo wombona.



Masenze isibalo ngokucingela ekubeni itoni enye yombona omhlophe inokuthengiswa nge- R1 000. Endaweni yokuthengisa le toni inye yombona kwimbumba yamaqumrhu ezityalo eziziinkozo yendawo leyo, uMnumzana uMlimi unokuguqula umbona omhlophe ube ngumgubo wombona osetyenziswa ngabantu. Oku unokukwenza ngokuzisilela ngokwakhe okanye ngokusa umbona kwilitye lokusila elikufutshane lokuwuqhubela phambili aze emva koko aye kuqokelela umgubo lowo wombona obekelelweyo.



Indlela Yokuqala Enokukhethwa

UMnumzana uMlimi unokuqwalasela iinzuzo zethuba elide zokusila umbona kwifama eyiyeyakhe ukuze yena ngokwakhe abe nguMnumzana uMnini-litye Lokusila. Kufuneka aqwalasele okulandelayo:

Ingaba unaso isithuba kwifama yakhe okanye kungafuneka ukuba aqeshe indawo na?

Yeyiphi imithetho yeempilo afanele ukuyithobela kwaye inganeendleko ezingakanani?

Zeziphi izixhobo anokufanela ukuba nazo kwaye ingaba inkcitho iya kufaneleka na kwithuba elide elizayo umzekelo, amatye okusila, izikali, izixhobo zokubhola umhlaba, izixubanisi noomatshini bokuthunga iingxowa njl.njl.?

Loluphi uhlobo lokubekelela olunokufuneka kwaye angazithenga phi iingxowa?

Zingangakanani iindleko zoyilo lwe-logo, ukufakwa kweeleyibhile nokufakwa kohlobo?

Ingaba kungafuneka iqela elandisiweyo labasebenzi?

Umgubo wombona uza kuthengiswa phi?



Okufanele ukuphawulwa kukuba esi sicwangciso-buqili sesethuba elide esibophelela uMnu Mlimi kwinkqubo yokusila. 



Indlela Yesibini Enokukhethwa

Enye indlela enokubakho kukuba uMnu Mlimi ase umbona wakhe omhlophe kumsebenzi wokusila okufutshane ukuze uqhutyelwe phambili ngokwenziwa ngumgubo wombona. Le ndlela engabopheleliyo ithetha ukuba usenokukhetha ukwenza oku xa amaxabiso ombona ephantsi kangangokuba anqwenele ukufumana indlela yokuphakamisa umda wenzuzo kwisityalo okanye usenokuthengisa umbona wakhe ungaqhutyelwanga phambili xa ixabiso lommandla wentengiso lamkelekile. Ayifuni tyalo-mali lwemali yokuqalisa ishishini kodwa iyalongeza ixabiso. Umlimi ngamnye kusafuneka enze umsebenzi wakhaya wokucinga malunga nendawo yakhe ahlala kuyo. 



UMnumzana Mnini-litye Lokusila wam ubale ukuba iindleko zam ngoMeyi 2010 ziya kuba zilapha:

Ama-20% elahleko yokusila kuba amakhatshu nezinambitho ezijengqa-jengqiweyo zigcinwa njengenxalenye yentlawula kaMnu Mnini-litye lokusila.

Oku kuthetha ukuba ndiza kufumana ama-800 kg omgubo wombona kwi-1 000 kg yombona wam.

Kukwakho intlawulo eyongezelelweyo yama-R320 yemali esesandleni eyongezelelweyo yokusila yeenkonzo ezinikwa nguMnu Mnini-litye lokusila.



Izibalo zifana nezi:

Umbona oli-1 000 yeetoni kuthatyathwe ama - 20% elahleko yokusila (ama-200 kg yamakhatshu nezinambitho ezijengqa-jengqiweyo) = 

KUPHELA 	ngama-800 kg omgubo wombona 

Kodwa ama-800 kg omgubo wombona ngeengxowa zobukhulu obufaneleke ncam endizifunayo nendicela uMnu Mnini-litye lokusila ukuba afake kuzo umgubo wombona wam, zinokuthengiswa ngemali eyiyona iphantsi ye-R2,20 ngekhilogram.



Umgubo wombona – 800 kg x R2,20/kg 					= 	R1 760 

Kuthatyathwe Intlawulo Yokusila						= 	R 320

Imali esepokothweni evela kwakuyo loo toni enye yombona		=	R1 440

Inzuzo evela kwinkqubo yexabiso elongeziweyo ngetoni 

nganye esiliweyo							 =	 R 440 



Zininzi nezinye iinzuzo ezivela ngenxa yesi sicwangciso-buqili:

Kuvuseleleka umsebenzi wezoqoqosho wengingqi;

Umlimi ufumana inzuzo kwisabelo sommandla wentengiso obanzi;

Uqoqosho lwasemaphandleni luyazuza; kananjalo

Kuvela imisebenzi yendawo leyo.



Mininzi neminye imiba enokuphengululwa malunga nokongezwa kwexabiso. Kunenzuzo engakanani ukusebenzisa umbona kaMnu Mlimi kwizabelo zokondla iinkuku, iihagu, iigusha okanye iinkomo? Zeziphi izinto eziluncedo kubalimi bombona xa kunokukhuthazwa ukuguqulelwa kombona kwishishini le-ethanol? Ingaba uMnu Mlimi uya kufumana imali ethe vetshe ngesityalo sakhe sombona ekupheleni kwetsheyini yexabiso azibandakanye kuyo? Siza kumana siziqwalasela ezi nkqubo kwixesha elizayo.





