Profit (Maize)										IsiXhosa



Ingaba abalimi kufuneka befumene inzuzo?



Imiyalelo: 

Folio strap: Ukongezwa Kwexabiso

Byline: NguJenny Mathews, usihlalo weNkqubo yaseGrain SA yoPhuhliso lwamaFama.

 

Uninzi lwabalimi luthi inzuzo asisosizathu ekuphela kwaso sokwenza umsebenzi wokufama. Bathi banothando lomhlaba nezithuba ezikhulu ezivulekileyo, okanye bonwabela ukuzimela abakunikwa ngumsebenzi wokufama okungekhoyo eofisini okanye kumaqonga okusebenza amaqumrhu nakwimigaqo-nkqubo. Kodwa abalimi abanakuze bayiphike into yokuba iinzuzo zibalulekile kumashishini abo ngeendlela ezininzi ezahluka-hlukeneyo.



Okokuqala inzuzo sisalathiso sempumelelo yemisebenzi yabalimi kwaye, ngokusekwe kwiinzuzo, umlimi uyakwazi ukwenza isicwangciso sokukhula okanye amalinge ophuhliso exesha elizayo, nto leyo eyomeleza impumelelo yakhe yethuba elide. Iinzuzo zikwanika umvuzo wexesha lonyaka lokusebenza nzima. Xa umlimi ekwazi ukulinganisa iimbuyekezo zemali ezinika ithemba ngokotyalo-mali aqalise ngalo kwifama yakhe, adibanise nokusebenza kwakhe kananjalo nolawulo lwalo lonke ixesha lonyaka, oko kuyamkhuthaza ukuba aphinde enze utyalo-mali kwishishini lomsebenzi wokufama.



Imingcipheko

Bonke abalimi bayayazi imingcipheko exhaphake kumsebenzi wokufama. EMzantsi Afrika sizizisulu zeemeko zemozulu eguqu-guqukayo, nemikhwa yeemvula ezingalungelelaniyo nezingathembekiyo ezenza ukuba icandelo lezolimo libe sisisulu seempembelelo zembalela. Le mingcipheko iyaziwa, kanti abavelisi abangabaphathi abalungileyo benza izicwangciso baze bahlale bezilungiselele xa kunokwenzeka ezi ziganeko. 



Kukho imibandela enokulawulwa ngumlimi efana nokusebenzisa iindlela zokufama “ezizezona zilungileyo”: iinkqubo zokulungiswa komhlaba nezokufakwa kwesichumiso, ukunkcenkceshwa kwamasimi apho kunokwenzeka khona, ukuthengwa kodidi lwembewu nesichumiso nokulawulwa kokhula nezitshabalalisi-zezityalo kulo lonke ixesha lonyaka. Omnye umbandela womsebenzi wokufama onokulawuleka lulwazi lomlimi. Uninzi lwabalimi luqalisa ngemfundo esisiseko baze emva koko bafumane uqeqesho lohlobo olulodwa lwezolimo kumaziko oqeqesho okanye ngezintlu zezifundo ezifutshane ezifana nezo zifumaneka simahla kwiNkqubo yoPhuhliso lwamaFama yaseGrain SA. Ukufunda ngamava nako kudlala indima enamandla amakhulu kubomi bomlimi kwaye ufunda ukuyazi ifama yakhe nobugoci-goci bayo obungafani nobunye.



Abalimi bokutya okuziinkozo bajongene nemeko emandundu

Ingxaki kukuba kwixesha langoku umsebenzi wokufama ufumana amava emeko emandundu malunga nenzuzo! Akuzange nanini kwithuba langaphambili ukuba kungancedi nganto ukulima izityalo. Ngoku, ngaphezu kwalo naliphi elinye ixesha langaphambili, umlimi ngamnye unoxanduva lokulawula ishishini lakhe ngokuqaphela ukuze aphumelele kanti oku kuthetha ukuba asoloko ezazi iindleko zeshishini lakhe kananjalo athelekise isakhono sengeniso seshishini ngalinye ngokwahluka kwalo okanye umsebenzi owenziwa efama, nesivuno esinokufumaneka kwimisebenzi yakhe yokufama. Akulunganga ngokwaneleyo ukuba ngumlimi olungileyo oyaziyo eyona ndlela ifanelekileyo yokusebenza umhlaba, ongumkhandi onesandla okanye oyichanayo impahla efunekayo – kuninzi okufuneka ngaphezu koko!



Njengabalimi, ingaba sizigcina sixakekile okanye ingaba siqhuba ishishini elinenzuzo? 

Isoyikiso esikhulu kwimpumelelo yomsebenzi wokufama yile nto maxa wambi ebizwa ngokuba “lungonyamelo lokuxheshekileyo”. Ngelishwa oku luphawu olukhulu lomsebenzi wokufama osoloko unemibandela efuna ingqalelo exheshekileyo nokukwazi ukumelana nemo yonxunguphalo imihla ngemihla kanti imiceli-mngeni yosuku ngalunye iba yindlela ekwenziwa ngayo izinto. Ukuchitha ixesha elininzi kule mibandela yemihla ngemihla kusenokuba yingozi xa sijonge ekuphileni kwithuba elide leshishini lokufama xa kusenza umlimi ukuba atyeshele isicwangciso esibalulekileyo nomba wolawulo lomsebenzi wokufama.



Ulawulo lwefama ngumsetyenzana ongqalileyo ojongene nokwenziwa kwesicwangciso nolungiselelo. Lufuna ixesha nokuqeqesheka “kunokuziva wonwabile” kuphela. Umlimi wenene ngamnye uyonwaba xa iitrektara zakhe zikulungele ukubaleka kwimihlaba elindileyo echumileyo – kodwa oko akusoloko kuyinto elungileyo enokwenziwa! Umzekelo, kweli xesha lonyaka 2010 - 2011, abalimi bombona kufuneka beqwalasele ngokuqaphela ukuba ingaba ukutyala umbona kuya kuba luncedo na kuba iingcali zezoqoqosho zakwaGrain SA zicebisa ukuba isixa esiyintsalela sokutya okuziinkozo esikhoyo kwithuba langoku siya kuwagcina ephantsi amaxabiso ukuze imida yenzuzo ibe sezantsi ngokugqithisileyo okanye ingabikho kwaphela ngaphandle kokuba kunokwenzeka ummangaliso onokuguqula umfanekiso okhoyo.



Umlimi ngamnye kufuneka achithe ixesha esenza uphando ngesakhono sefama yakhe. Uhlola intsimi yakhe, imeko yakhe yemali nemingcipheko abona ukuba unako ukuyithatha, abasebenzi aya kubafuna iindleko eziphathelene nabo kananjalo uqwalasela izakhono kunye namandla akhe afana odwa. Le ngqalelo imalunga nokubeka umgangatho wezoqoqosho kwindawo yokuqala nokwenza eyona nto ilungileyo ifanele ukwenziwa ukuqinisekisa ezona nzuzo ziphezulu zinokufumaneka. Khumbula ukuba ukulondolozeka kuxhomekeke kwiinzuzo! 



Eyona miba iphambili yoshishino efuna uqwalaselo nocwangciso yile: 



Imveliso

Zeziphi izityalo ezahluka-hlukeneyo endiza kuzivelisa? Ndiza kulima yiphi imidibaniso? Yindawo engakanani yefama ekulungele ngokubalaseleyo ukulinywa kwezityalo? Singakanani isakhono endinaso sokugcina imfuyo? Ingaba kukho inkqubo enokufanela le fama endinokuyiqhuba ukuze ndongeze ixabiso lemveliso endiyilimayo?



Inkxaso yemali

Ndiza kuzilima njani ezi zityalo? Ingaba ndinayo imfanelo yayo nayiphi inkxaso yomsebenzi wemveliso? Ingaba iincwadi zam zigcineke zicocekile kwaye zichanekile? Zinako na ukundibonakalisa emehlweni omxhasi-zimali ndinobungcali kwaye ndithembekile? Ingaba kufuneka ndithenge okanye ndiqeshe iitrektara, izixhobo zokusebenza okanye naziphi ezinye izixhobo? Yeyiphi imibandela enokuphembelela iindleko zam zamagalelo?



AbakwaGrain SA baneengcali kwezoqoqosho abaqwalasela ukuhla nokunyuka kwamaxabiso kananjalo imikhwa yommandla wentengiso kwaye bazisa abalimi msinyane kangangoko malunga neenguquko ezinokuchaphazela ishishini. Abalimi kufuneka babe neendlela zokuhlala benxulumene nolwazi lomzuzu ngamnye! Nanku umzekelo wolwazi olunikwa amalungu akwaGrain SA rhoqo kwileta yeendaba zeveki:





Ukunyuka kwamaxabiso eziniki-mlilo ngoEpreli 

UPetru Fourie (ingcali yezoqoqosho kwezolimo: Amagalelo Nemveliso, kwaGrain SA) 



Ngokweenkcukacha zakutshanje ezivela kwaCentral Energy Fund (Ingxowa-mali Esesizikithini Samandla , ixabiso lepetroli lisenokunyuka ngeesenti ezingama-51,5 ngelitha nganye ngomhla wesi-7 Epreli, ukuze ixabiso le-diesel linyuke ngeesenti ezingama-54,5 ngelitha nganye. Ezi ziganeko zokunyuka ezilindelekileyo zisenokunxulunyaniswa ubukhulu becala nokunyuka kwerhafu kunye nerhafu yeNgxowa-mali Yeengozi Zeendlela (Road Accident Fund - RAF), eziza kuqalisa ngoEpreli, njengoko izibalo ze-Central Energy Fund kwithuba langoku zibonisa imbuyiselo enganeno kumaxabiso eziniki-mlilo. Irhafu ye-diesel iya kunyuka ngeesenti ezili-17,5 ngelitha nganye, lo gama irhafu ye-RAF iza kunyuka ngeesenti ezisi-8 ngelitha nganye. Njengoko ezi ziganeko zokunyuka ziya kubanga ukunyuka kwisaphulelo somlimi kwi-diesel, iimpembelelo kwintsalela yexabiso lomlimi le-diesel ziya kunyuka zibe ziisenti ezingama- 42,5 ngelitha nganye.

 

(Isicatshulwa esivela kwiLeta Yeendaba yakwaGrain SA iveki ye-10 - 12/03/2010)



Ukuthengisa

Kubaluleke kakhulu ukujolisa ishishini kwiimfuno zommandla wentengiso nemali ummandla wentengiso ofuna ukuyichitha ngemveliso. Akulunganga ngokwaneleyo ukusebenza nzima umntu achithe imali eninzi elima imveliso ethandekayo kanti ekugqibeleni uya kufumanisa ukuba isezantsi imfuno ebangwa ngemveliso yakhe. Okanye mhlawumbi afumanise ukuba ixhaphake kakhulu imveliso leyo ngoko ke amaxabiso athengisekayo abe phantsi kakhulu, ngolo hlobo umsebenzi owenziwe ngazo zonke iinyanga efama ube ubuyinkcitha-xesha kube kungekho kwanzuzo efumanekileyo! Kufuneka kunikwe ingqalelo ngokuqaphela isiphetho semveliso ngengqiqo yokuba imveliso iya kufunwa ngabasebenzisi nokuthi unganika inkxaso yayo ngexabiso abanothakazelelo lokulihlawula bakwazi ukufumana inzuzo efanelekileyo!



Abalimi bombona kuya kufuneka baqwalasele konke abanokukhetha kuko kwixesha elizayo lonyaka. Amaxabiso ommandla wentengiso aphantsi kakhulu kwaye aya kuhlala ephantsi ngolu hlobo de kubuye imbuyekezo enempilo ethe chatha elungeleleneyo phakathi kwenkxaso nemfuno ebangwayo. Ukusetyenziswa kombona ngaphakathi eMzantsi Afrika kunokuba ziitoni eziqhelekileyo ezizigidi ezili-9 ngonyaka kanti ingqikelelo yesi sityalo yakutshanje ibeka isivuno sethu kwiitoni ezizigidi ezili-12,8. Ngamanye amazwi, silima umbona ogqithisileyo nto leyo eyenza ukuba ummandla wentengiso uphuphume kanti isiphumo soko ngamaxabiso aqhubayo ngokuba phantsi emveliso yethu side sifumane imfuno ebangwayo enyukileyo yombona. 



Ukwandisa imfuno ebangwayo yeemveliso zethu kufuneka siqwalasele okulandelayo: 

Ukwandisa iintengiso zombona ezithunyelwa kumazwe angaphandle;

Ukunciphisa ukulinywa kombona ukuze kuphele ukungxalwa kwemimandla yentengiso;

Ukuqalisa ngokuguqula intsalela yokutya okuziinkozo kube yi-ethanol; kananjalo

Ukuyeka ukuthenga kumazwe angaphandle inyama yehagu, inkuku namaqanda kodwa kwandiswe imveliso yethu yezi mveliso. 



Ngamawaka-waka abalimi (abakhulu nabancinane) nezigidi zeehektare ebezinokuziswa kwimveliso xa imimandla yentengiso yombona ibinokwandiswa ukuze kwande imfuno ebangwayo ukuze ngolo hlobo kunyuke amaxabiso. Abalimi ngoosomashishini ngoko ke inzuzo ibalulekile kubo ukuze balondolozeke. 



