Politicians (Maize) 									IsiXhosa



Imini abathethe ngayo abalimi nabezopolitiko…



Imiyalelo: 

Folio strap: Ukongezwa kwexabiso

Byline: NguJenny Mathews, usihlalo weNkqubo yaseGrain SA yoPhuhliso lwamaFama.

3.	Photo: NguNks Jane McPherson, uGq Willie Kotzé, uMoss Malo, uMonica Mpetshu-Matamba, uTom Gwala, uSamuel Moloi, uElias Monaisa, uWilliam Matasane, noNksk Jenny Mathews abebeye kwiNkomfa yaseAgri SA yoPhuhliso lweMpahla yoRhwebo namaFama ebibanjwe kwisiXeko saseKapa kutshanje. 



Iqela laseGrain SA loPhuhliso lwamaFama beliye kwiNkomfa yaseAgri SA yoPhuhliso lweMpahla yoRhwebo namaFama, ebibanjwe ngowama-25 nama-26 Februwari 2010 kwisiXeko saseKapa.



Sekubaluleke kakhulu ngoku ukuba sijolise ingqalelo yabezopolitiko kwimeko emandundu yezoqoqosho ezijongene nayo ezolimo eMzantsi Afrika kuba asinakuqhuba ngokulima izityalo ezingasiniki nzuzo – kananjalo ngokuqinisekileyo asinakuncedisa kwinkqubo yenguquko neyokubuyiselwa kwemihlaba ngokuthi sibone nje kuphela ukuhlala kwabalimi abatsha kwiifama zabo kodwa babe bengakwazi kulima ukuze bafumane inzuzo eya kubenza babe ngabalimi abalondolozekayo, naborhwebo oluphilayo! Ngoko ke, abalimi baye kwisiXeko saseKapa ngethemba lokufikelela kwiindlebe zabaqulunqi bemigaqo-nkqubo. Ngokuba bebelapho – nathi ngokunjalo!



Iqela laseGrain SA loPhuhliso lwamaFama belimenywe ukuba libonise ngeefoto nezilayidi zomsebenzi eliwenza kulo lonke eli lizwe kanti iMaize Trust inike inkxaso kolu hambo lwaseKapa lwegqiza labameli abasixhenxe labalimi abasaphuhlayo. Igqiza lethu belimelwe nguNks Jane McPherson, uGq Willie Kotzé, uMoss Malo, uMonica Mpetshu-Matamba, uTom Gwala, uSamuel Moloi, uElias Monaisa, uWilliam Matasane, noNksk Jenny Mathews.



UMphathiswa uTina Joemat-Pettersson ebesisithethi esiphambili kusuku lokuqala lwenkomfa. UMphathiswa uyibalule indima yemibutho yempahla yorhwebo kuphuhliso lwecandelo “elibone abalimi abarhwebayo bebambe izandla zamahlakani asaqalayo ngobubele kananjalo ewaxhobisa ngezakhono zobuchule nangolwazi oluxabisekileyo.” Uqinisekise abameli-zingxoxweni ukuba uphuhliso lweendawo ezisemaphandleni nokubuyiswa kwemihlaba yimiba ephambili kurhulumente kwaye ukhuselo lokutya nokudalwa kwamathuba emisebenzi yeyona mibandela kujoliswe kuyo leyo. Uphawule ukuba umba ekujoliswe kuwo licandelo wokudalwa kwamathuba emisebenzi usemva kakhulu kwaye oku kufuneka kuqwalaselwe. Inkonzo yakhe iya kujolisa kananjalo kuphuhliso lwabanini bemihlaba emincinci nakubalimi borhwebo lo gama ngaxeshanye evumile ukuba bayiphawule into yokuba kubekho ukwetha kotyalo-mali kweli candelo ngoko ke urhulumente kwixesha langoku wenza isicwangciso sesakhiwo esisiseko sotyalo-mali kunye neSebe lezoThutho. Uphinde wathi baziphawule iingxaki ezivela njengesiphumo esiyinyaniso sokuba abalimi bethu abafumana uncedo oluncinci nabangalufumaniyo kwaphela, kufuneka bekhuphisene nabanye abalimi bamazwe aphuhlileyo abafumana iinkxaso kurhulumente. Iingxaki ezizingisileyo zonqongophalo lwemali eyinkunzi yokuqalisa ishishini zidibene ngengxaki eyandayo yokunyuka kweendleko zamagalelo okuqalisa, nekhokelele ekubeni imihlaba emikhulu ihlale ingasetyenziswa, inganiki mveliso kananjalo ityeshelwe, yimibandela leyo eyaziwayo ngabaqulunqi bemigaqo-nkqubo kwaye bathembisa ngenkxaso ethe vetshe kubanini bemihlaba emincinci nabalimi abatsha. 





Kwintetho yakhe uMphathisa uthe isebe linenjongo yokubanceda abalimi ngokusebenzisa izixokelelwano ezahluka-hlukeneyo zokubanika inkxaso ukuze kuthinteleke ukuthinjwa kodwa uthe abalimi baya kunikwa ithuba leminyaka emithathu lemfesane kanti ngelo xesha kufuneka bebonise ukuba amashishini abo emi kakuhle. Olu luphawu olukhuthazayo lokuzinikela oluvela kurhulumente kodwa kukho inkxalabo yokuba lo gama abalimi bengekakwazi ukulima nakuphi ukutya okuziinkozo okanye imbewu yeoyile ngendlela ebanika inzuzo, ukulondolozeka kwabo kwixesha elide kuya kuhlala kusetha.



UMphathiswa uthe umsebenzi wokukhupha imveliso kwezolimo uya ngokuhla ungangxamanga kwaye uMzantsi Afrika uya ngokuthenga iimveliso zezolimo kwamanye amazwe. Umbuzo omawuphakanyiswe ngulo: Kutheni sithenga imveliso enokwenziwa ngabalimi bethu apha emihlabeni eyiyeyethu ngokusebenza abaxhasi bethu bezinto ezisetyenziswayo ngaloo ndlela kufumaneke namathuba emisebenzi? Ukuthengwa kwamanye amazwe kwenyama yenkomo, inyama yamathole enkomo, eyenkuku namaqanda ngokuqinisekileyo kuyanda. Oku kuthetha ukuba sihlawula abalimi bamazwe angaphandle ngemveliso enike abemi bamazwe abo amathuba emisebenzi kwaye asebenzise iinkxaso zabo zokutya okuziinkozo. Ezi ntengo zakwamanye amazwe zikwathetha ukuba sichitha umqukuqelo wemali esesandleni ngaphandle kwemida yethu kunokuyigcina ngaphakathi kwelizwe lethu ukuze kuncedakale ityathanga lexabiso lezolimo ngokwenza njalo sivuselele uqoqosho lwethu oluqhwalelayo lwasemaphandleni.



UMnu Gugile Nkwinti, uMphathiswa woPhuhliso Lwasemaphandleni Nokubuyiswa Kwemihlaba,ebesisithethi esisentloko kusuku lwesibini, lona obelujoliswe kwimibandela emalunga nophuhliso lwabalimi abatsha. Uthe ukholelwa ekubeni mkhulu umsebenzi ekusafuneka wenziwe ukuqinisekisa ukugqithiselwa komhlaba ngempumelelo, utsho esithi kufuneka kunikwe ingqalelo yohlobo olulodwa kubalimi abatsha asebesezifama nabatsala nzima ukuzuza impumelelo. UMphathiswa uNkwinti uphawule ukuba ezolimo ezisekwe kakuhle zidlala indima ebalulekileyo ekubekeni iliso nokuqeqesha abalimi abatsha. Igqiza laseGrain SA labameli-zingxoxweni lifumene ithuba lokuthetha ngemiqobo ebathintela kwimpumelelo yabo kwaye baphefumle kanobomi ngezinto ezibakhathazayo ngakumbi xa bekuthethwa ngokusilela kokugqithiselwa kwemihlaba kuba ukunika abantu umhlaba akulingenanga baze baqhuba bathi indlela enika uncedo kuwo onke amacala efama nganye ifuna uphuhliso nenkxaso kwithuba elide lexesha. Omnye umbandela oxhalabisayo kukunikwa kweefama ngokwamaqela kuba ekugqibeleni iba ligcuntswana elizimiselayo nelizinikelayo labalimi abasebenzela abanye abaziindlalifa “abagwenceli-simahla”.



UMphathiswa uyincome kakhulu indima yeGrain SA kangangokuba ucele intlanganiso negqiza labameli-zingxoxweni, nto leyo enika ithemba lokusondeza isebe lakhe kufutshane neqela elisebenza kunye laseGrain SA kwaye sihleli kwelo themba lokuba oku kuya kuba neempembelelo ezilungileyo kwixesha elizayo.

