Focus (Maize) 	 										Xhosa

Ugqaliselo lweNkqubo yoPhuhliso lwamaFama yaseGrain SA 



Imiyalelo: 

Folio strap: Inkqubo yoPhuhliso lwamaFama

Byline: NguJane McPherson, umphathi wenkqubo yaseGrain SA yoPhuhliso lwamaFama

Grabber: Uphuhliso lumalunga nabantu – luphathelelene nomntu.



EMzantsi Afrika, baninizi abalimi abakwaziyo ukurhweba ngokufama, abavelisa nasiphi isityalo kananjalo nabakhulisa naluphi uhlobo lwemfuyo. Asisileli ngolwazi malunga nendlela yokufama – into nje efunekayo kukugqithiselwa kweentlobo zobuchule nolwazi kubalimi abamnyama ukuze bakwazi ukufama ngendlela elondolozekayo nekwaziyo ukuzimela. 

Imigaqo-siseko yophuhliso olulondolozekayo nokuphila kakuhle kwabantu basemaphandleni okulondolozekayo kubandakanya ugqaliselo kwimithombo yokusebenza/yezinto ezixabisekileyo anazo umntu othile, kwaye ngokusebenzisa ungenelelo olundululweyo, indlela ekunokwandiswa ngayo izinto ezixabisekileyo esezikhona. Ezi zinto zixabisekileyo ziyahluka-hluka – ezentlalo, ezemali, eziphathekayo eziyindalo nezimalunga nabantu. Ukuze uphuhliso lulondolozeke, malwakheke phezu kwezinto ezixabisekileyo ezikhoyo, ezisetyenziswa ngabantu ukuze kuyilwe ukutya nengeniso. Iimpilo zabantu eziphuculiweyo ziba nesiphumo sengeniso ethe chatha, ukwanda kwempilo-ntle, ukucutheka kokuba sisisulu, ukuphucuka kokhuseleko lokutya kunye nokusetyenziswa okulondolozeka ngakumbi kwemithombo yendalo. Inkqubo yophuhliso yakha imiba yokomelela kunye nezinto ezixabisekileyo, zinto ezo abanako ukufikelela kuzo abantu. 

Oonobangela bokuhlupheka bayahluka-hluka kwaye kukho imiba ekholisa ukuba khona kumjikelo wesiqhelo wokuhlupheka – ingeniso ephantsi, imveliso ephantsi, unqongophalo lolwazi. 

Unqongophalo lolwazi nezobugcisa zale mihla

Abantu abahluphekileyo bakholisa ukukhetheka kwezobugcisa zale mihla nakwizenzo zomsebenzi wemveliso zale mihla baze baqhube ngokwenza izinto ngaloo ndlela inye indala kuba bekude namathuba aphucukileyo neendlela zale mihla zokwenza izinto. Abantu banomkhwa wokungayamkeli inguquko kuba besoyika abangakwaziyo. Kulula ukuqhuba ngokwenza into enye endala ngendlela enye endala, kuba sukuba usazi ukuba iyasebenza. Khumbula ukuba kaloku into abangayaziyo yeyokuba zikhona ezinye iindlela eziphucukileyo zokwenza izinto. Bathanda ukuziqhelanisa nezenzo ezicutha imingcipheko yokusilela. Umzekelo abakwazi kukhe bazame isityalo esitsha, kuba besoyika ukulahlekelwa lukhuselo lokutya kwasekhaya. Ngokusebenzisa iinkqubo zethu zoqeqesho nophuhliso, kufuneka sityhilele abantu ngeendlela eziphucukileyo zokwenza izinto, kodwa ngaxeshanye, kufuneka sibakhusele kwintsilelo, njengoko ukusilela kusenokuba namandla eempembelelo ezimbi kukhuseleo lokutya kwasekhaya. 



Izithintelo zezinto eziphathekayo

Imida kwizinto eziphathekayo isenokubagcina abantu behluphekile, umzekelo, imbalela, izitshabalalisi-zityalo, izikhukula, ukugecwa kwamahlathi, ukutyisa impahla okugqithiseleyo, ukhukuliseko, isimo esicekethekileyo sezondlo zomhlaba kunye nobumuncu bomhlaba. Ukuba uhluphekile, akukwazi kuba kwisimo sokuqaphela imiqathango – usenokuba akwazi nto ngeinshorensi yezityalo kwaye usenokungakwazi ukufikelela kuyo. Ukuba isichotho esitshabalalisayo sibethe amasimi ezityalo, isityalo sisenokutshatyalaliswa ngokuphelela kwaso ukuze abalimi basale bengenakutya. 



Ukufuthaniselwa kukuthandwa kwemimiselo 

Kufuneka sikhumbule ukuba abantu ngabantu ngabanye kwaye kufuneka bakwazi ukulilawula ingomso labo. Umntu makaxhotyiswe ukuze athathe izigqibo ezikhatshwa lulwazi nokuze aqonde iziphumo ezithile zokukhetha kwakhe. Kaninzi, abantu abakwizikhundla zegunya bafuna ukuthathela abanye izigqibo nokulawula iimpilo zabanye. Naluphi uphuhliso malusuke ezantsi lunyuke luye phezulu. Abantu ekufuneka benento abayizuzileyo mabaluqonde ungenelelo, mabayifune inkxaso kwaye bazinxanelwe iinzuzo. Iinkqubo neeprojekthi ezisuswa phezulu ukuya ezantsi zidala uxhomekeko kwiziganeko zongenelelo ezivela ngaphandle. 





Uxhomekeko lwamazwe eHlabathi lesiThathu 

Sakuba siyiqondile kwaye siyamkele into yokuba umntu ngamnye unoxanduva lobomi bakhe, siya kuqonda ukuba “ukunika abantu intlanzi” asisosisombululo sophuhliso. Uphuhliso olulondolozekayo lumalunga nokuxhotyiswa kwabantu ukuze bakwazi ukuzimela. Ukutya okunikwa abantu kudala uxhomekeko kwaye enyanisweni, kuthintela abantu ukuba bangakhuli bafikelele ekubeni bakwazi ukuzenzela ngokwabo nokuzimela. 



Ukuxhatshazwa ngabantu bendawo abahluzekileyo 

Kwiqela ngalinye labahlali, kuya kusoloko kukho abantu abakwizikhundla zokulawula kanti kulusizi ukufumanisa ukuba abo bakwiindawo zamalungelo awodwa ngabo abacinezela nabaxhaphaza abantu abasweleyo.



Imibandela yoqoqosho

Mininzi imiba yezoqoqosho eyahluka-hlukileyo egcina abantu behluphekile, umzekelo ukuswela imali egciniweyo neyinkunzi yokuqalisa ishishini, ukuswela ukufumana imali yetyala, ukuswela oosomashishini abaqalayo, ukuswela indawo yokugcina, ukuswela izixhobo nezinto zokusebenza, unyuso-maxabiso, ummandla wentengiso osesizikithini, ukuswela inkxaso-mali yezityalo, amaxabiso aphantsi anikwa abalimi, ukuswela uqhagamshelwano nothutho nokungazinzi kwamaxabiso empahla.



Kukho amaphondo athile ezweni lethu esinokuthi afana nencwadi yezifundo zofundo-nzulu ngokuhlupheka okubambelelayo. Abantu bafane basinde, kodwa bahlala behluphekile, nokuba banalo ufikelelo kwimithombo elungileyo yendalo. Imimandla emikhulu yala maphondo inemihlaba enzulu, ubushushu obaneleyo neemvula ezaneleyo ezifanele ukunika imveliso yezityalo elungileyo yokutya okuziinkozo nembewu yeoyile. Nangona kunjalo, iliqela imiba ethintela inkqubela: 

Ukuswela, okunesiphumo sokuba sisisulu kuza noloyiko lokuswela ukhuseleko lokutya kwasekhaya. Abantu boyika ukutshintsha kuba befana besinda nje kuphela; 

Unqongophalo kwesakhiwo esisisiseko – ngakumbi imigaqo, izisele zokugcina ukutya okuziinkozo kunye nezomisi zokutya okuziinkozo; 

Unqongophalo lwezixhobo ezifanelekileyo zezolimo – iitrektara, ngakumbi izixhobo zokulima okwenziwa kuqala, izixhobo zokutyala, izitshizi ze-boom, izixhobo zokuvuna neenqwelo zokulayisha;

Imithombo ecekethekileyo yamagalelo kwezolimo;

Ufikelelo olunyiniweyo kwimali-mboleko yemveliso;

Ufikelelo olunqongopheleyo kwimimandla yentengiso;

Ukusiwa kweenkonzo okusilelayo ngamasebe karhulumente;

Umoya woluvo loxhomekeko (olwaqala kurhulumente wangaphambili nesixokelelwano soonomgogwana bakamasiziphathe nezicwangciso eziphenjelelwayo ezifana Nesicwangciso Sentlaninge Sokutya saseMpuma-Koloni); 

Unqongophalo lolwazi neentlobo zobuchule;

Unqongophalo lwabantu abayimizekelo emihle – bonke abalimi bavuna kancinci okanye bangabalimi abazisebenzelayo; kananjalo 

Uxhomekeko kubabhambathiswa bezolimo abandisa imingcipheko yomsebenzi wemveliso ngenxa yenkonzo esilelayo nokwanda kweendleko zokwenza imveliso. 



NjengeNkqubo yoPhuhliso lwamaFama yaseGrain SA, ugqaliselo lwethu lukwimveliso yombona. Umbuso usenokuhla umile – kukuba kutheni kugqaliselwe emboneni? Izizathu zezi zilandelayo: 

Umbona kukutya okungundoqo ngoko ke ukuphuculwa kwemveliso kunegalelo kukhuselo lokutya kwalapha kwaye kaloku sekukho ummandla wentengiso osowukho wombona (ukusuka kwibanga lombona osathambileyo ukuya kwiinkozo). 

Umbona ulinywa ngabalimi beli lizwe ngoko ke kukho umdla nolwazi olusisiseko ekunokwakhelwa phezu kwalo. 

Inkoliso yombona usetyenziswa apha kweli lizwe, uze ugcinwe ngabalimi njengezikhwebu – ukuze kuthintelwe imfuno yothutho, eyokomisa neyokulondoloza.

Umbona sisityalo ekulula ukusilima xa kuthelekiswa nezinye kwaye umsebenzi omninzi unokwenziwa ngesandla (ukuba abekho oomatshini). 

Xa kunokubakho intsalela encinci yombona, isenokusetyenziswa likhaya liphelele – ngabantu, ziinkomo, ziigusha, ziinkuku kanti naziihagu. Ubukho bombona owaneleyo ekhaya kuphucula umgangatho wobomi ngakumbi. 





Kutheni uphuhliso lwabalimi luthatha ithuba elide kangaka? 

Akukho nto ilula malunga nomsebenzi wokufama, kaloku abalimi balawula indima ebanzi lo gama bezibeka kweminye imingcipheko emikhulu. 

Iindleko eziphezulu zamagalelo namaxabiso aphantsi okutya okuziinkozo kwenza ukuba kube nzima ngokugqithiseleyo ukufumana inzuzo kwizityalo ezixhomekeke emanzini emvula kwiindawo ezininzi zaseMzantsi Afrika. 

Iindleko zoomatshini ziphezulu kakhulu. 

Abalimi abanamava ngokurhweba batsala nzima – ngoko ke kuya kubekela phi kubalimi abasaphuhlayo? Batsala nzima nangaphezulu. 



Ingaba sikholelwa ekubeni yintoni enokunceda kuphuhliso lwabalimi? 

Bonke abadlali beendima mabasebenze ngengqiqo bazabalazele ukuphuhlisa abalimi – umsebenzi wokufama , ubukhulu becala uphathelelene nomlimi ngaphezu komhlaba.

Qalisa ngezityalo ezilula wandule ukuya kweziyimiceli-mngeni ngakumbi. 

Vumela umlimi ukuqalisa ngento anayo – kukhuseleke ngakumbi ukuqalisa kancinci emhlabeni omncinci. (Khumbula ukuba untu ofuna ukusebenzisa umhlaba wakhe ukwazile ukuphila kwada kwalapha ngayo nayiphi ingeniso anayo. Xa enokwenza inzuzo encinci ngehektare nganye emhlabeni okhoyo, leyo yimali eyongezelelweyo, abengekhe waba nayo. Ngokuqala kancinci nangokuthintela imingcipheko, ngokwenza into elungileyo ngendlela elungileyo, umlimi unako ukukhula ngokwezakhono zobuchule nangokuzithemba). 

Musa ukunyanzela umlimi ukuba asebenzise umbhambathiswa, kodwa mncedise ukuba alondoloze izixhobo zokusebenza kwaye alime oko anako ukukufeza yena ngokwakhe. Kuya kuba bhetele ukuba umlimi aqeshise umhlaba angenakuwusebenzisa, lo gama ekhula kwishishini lakhe. 

Kuncomeka kakhulu ukusebenzisa umntu ongumcebisi – kodwa mayingabi nguye nabani! Umcebisi ngumntu obonakala enomdla ngenene kuphuhliso lomcetyiswa, nothatha ixesha egqithisela ulwazi neentlobo zobuchule kwaye abe nomonde nenkxaso. Ubudlelwana phakathi komcebisi/umcetyiswa mabulunge – kusekwe ekuthembaneni nasekuhloniphaneni kanti kubaluleke kangangoko ukuba omabini amaqela akonwabele ukubandakanyeka kubudlelwana obo, kuba kaloku buyiloo nto – bubudlelwana. EMpuma-Koloni kunzima ukufumana abacebisi, njengoko benqabile abalimi abakhe baba ngabarhwebi kwiindawo ezisemaphandleni. 

Gcina abalimi benolwazi kwaye bezibandakanya kwaye musa ukuthatha izigqibo ezibachaphazelayo bona bengekho – “akukho nto eyenzelwa thina, singekho”.

Ncedisa abalimi ukwenza uhlalutho olupheleleyo lwefama – intsimi yabo, izixhobo zokusebenza, oomatshini, imfuyo, amatyala, izinto ezixabisekileyo njl.njl. Kufuneka sincede abalimi ngako konke abakuko kanti nabo kufuneka bekuqondile okubandakanyekayo. Umzekelo, ukuba umlimi unamandla azii-kW ezingakanani kwaye ingakanani intsimi anokuyilawula ngeso sakhono? 

Qinisekisa ukuba umlimi uyinxalenye yenkqubo yoqeqesho nophuhliso. Ukuba ngumlimi onesakhono sokurhweba esifezeke ngokupheleleyo yinkqubo yexesha elide kwaye amaziko ahluka-hlukileyo amaninzi anokuba negalelo kule nkqubo. 







