Chemicals (Maize)										Xhosa



Cinga phambi kokufaka imichiza



Instructions: 

Folio strap: Ukutshabalalisa ngemichiza

Byline: NguCorné Louw, ingcali yeqoqosho kwezolimo: Imveliso/Amagalelo, eGrain SA 

Photos:	

	Photo 1: Oku kwenzeka xa utshiza umbona ngesitshabalalisi sokhula phambi kokuba kululungele   ukutshizwa.

	Photo 2: Qiniseka ukuba ulandela imigaqo-siseko xa ufaka izitshabalalisi zokhula.



Imichiza yezolimo inako ukutshabalalisa isityalo, endaweni yokusikhusela, xa ingafakwanga ngokweengcebiso ezimiselweyo kwaye ngokuqaphela okuyimfuneko. Ngokulandela imigaqo-siseko esisiseko xa ethenga naxa efaka imichiza, umlimi unako ukuthintela umonakalo omkhulu onokwenzeka kwisityalo sakhe.



Xa ufaka imichiza, qaphela okulandelayo:

Ingaba iarhente yezolimo ibhaliselwe uhlobo oluthile lwesityalo (eMzantsi Afrika) nokutshabalalisa uhlobo oluthile lokhula, umngundo okanye uhlaselo?

Ingaba umthamo ocetyisiweyo womchiza ufakwe njengoko umiselwe?

Ingaba iimeko zemozulu ngethuba nasemva kokuwufaka ziyavumelana na neemeko ezimiselweyo?

Ingaba ixesha lokuwufaka liyafana na nelimiselweyo, umzekelo ekuseni okanye seliza kutshona ilanga?

Ingaba imeko yentsimi apho kulinywe khona isityalo iqukiwe kwisakhelo seemfuneko, umzekelo ukufuma komhlaba kunye nohlobo lomhlaba?

Ingaba amanyathelo okutshabalalisa ohlaselo kwibakala lokukhula agcinwe njengoko kumiselwe kwimiyalelo yokuwusebenzisa?

Iziphumo ezilandelayo – ingaba isitshabalalisi sibonisa ukuba asinabungozi kwisixokelelwano sokujikelezisa izityalo – ngamanye amazwi, kwisityalo esilandelayo?

Ingaba isitshabalalisi sezolimo sinako ukuxutywa nezinye izitshabalalisi – umzekelo isitshabalalisi esithile nezinye izitshabalalisi kunye/okanye ezinye izitshabalalisi zezinambuzane nezemingundo.



Ukucutha imingcipheko engaphaya kwekhoyo nenxulunyaniswa nokufakwa kwemichiza, iGrain SA icebisa ukuba abalimi mabaqinisekise ukuba baqaphela okulandelayo xa bethenga imichiza:

Iarhente mayiqinisekise ukuba iqhumrhu alimeleyo lililungu le-CropLife SA;

Iqumrhu elithengisayo malibe lilungu le-ACDASA;

Iarhente mayibe nesibonakaliso soqeqesho lwayo (sokuba enyanisweni iphumelele ngempumelele kwiimviwo ze-); kananjalo

Iingcebiso mazenziwe ngokubhala kwaye zisayinwe yiarhente.



Kwakhona abalimi mabaqaphele ukuba ukushenxa endaweni kunokubakho xa kufakwa imichiza, ngakumbi ngokuphathelelene nesitshizi, kwaye kufuneka kunqandwe kangangoko. Kunokwenzeka umonakalo omkhulu xa le michiza isuke yahlala emhlabeni/emasimini akufutshane anezityalo ezingakwazi kumelana nayo.



Ukhuseleko lokutya lubaluleke ngokugqithiseleyo. Ngokufaka imichiza ngokuchanekileyo nokugcina irekhodi yezi zihlandlo zokuyifaka, abalimi baya kuba sebephumelele kwidabi elilelona libi lemibandela yokhuselo lokutya.

