Bread (Maize) 	 									Xhosa

Isonka sethu semihla – sisenokungaphindi sibe sesemihla ngemihla



Instructions: 

Folio strap: 

Byline: NguJane McPherson, umphathi wenkqubo yaseGrain SA yeNkqubo yoPhuhliso lwamaFama

Add a pic of bread with the heading

Photos:

Photo 1: NguSamuel Moloi (2009 Umlimi woNyaka), ufumene isivuno sengqolowa esimangalisayo seetoni ezi-3.5 ngehektare nganye kweli xesha lonyaka.

Photo 2: Kuhlanganiswa ingqolowa kaSamuel Moloi.



Kumazwe amaninzi ehlabathini, abantu sebesibona njengelungelo isonka hayi njengenyhweba. Kunjalo nalapha eMzantsi Afrika, apho kwiminyaka emininzi abalimi baseMzantsi Afrika bebevelisa yonke ingqolowa esiyidingayo ukuqinisekisa ukuba sihlala sikhona isonka ezishelfini. 

Kumaxesha onyaka amabini adlulileyo, abalimi bengqolowa bebesoloko bejongene nengxaki yokuba bengakwazi ukuvelisa ingqolowa kwaye bafumane nenzuzo – iindleko zamagalelo ziphezulu kakhulu, kanti ixabiso lemveliso liphantsi. 

Abalimi bakwishishini, kwaye njengalo naliphi ishishini, ukuze uphile, kufuneka ufumane inzuzo. Isixa semali osichithela ekuveliseni isityalo kufuneka sibe nganeno kwisixa semali osifumana xa uthengisa isityalo. Ngelishwa, kwiminyaka edlulileyo, iindleko zamagalelo, umzekelo, oomatshini bezolimo, i-diesel, isichumiso, imbewu, izitshabalalisi zokhula nezitshabalalisi zezonakalisi-zityalo, i-inshorensi yezityalo, isivuno nothutho sezinyuke kakhulu. Kanti naxa kunjalo, ixabiso lengqolowa lihlile. Abalimi bethu bafanele ukujongana nenyaniso yokuba abasayi kukwazi ukuphinda balime ingqolowa. 

Kweli nqaku, ndijolise kwimveliso yengqolowa kumhlaba owomileyo. Ngokuqinisekileyo, imeko yabalimi abankcenkceshayo yahlukile. Aba balimi bakholisa ukutyala izityalo ezibini ngonyaka, kwaye badla ngokuqiniseka ngezivuno eziphezulu ngokuncomekayo. Inzuzo efumaneka kwizityalo ezinkcenkceshwayo isoloko ingaphezulu kunaleyo efunyanwa emhlabeni owomileyo okanye kwizityalo ezixhomekeke emvuleni. Nangona kunjalo, kufuneka ikhunjulwe into yokuba asinguwo wonke umhlaba onokulinywa, ngenxa yesizathu sokuba ilizwe lethu alinamanzi awoneleyo. Masinganeliseki yimeko yabalimi abankcenkceshayo – khumbula ukuba uninzi lwabo lusebenzisa umbane ukumpompela amanzi emasimini abo. Kananjalo sonke siyazi ngamaxa anokuba khona okunyuswa okukhulu kwamaxabiso andululwa angabakwaEskom. Ukuba la maxa okunyuswa kwamaxabiso anokuphunyezwa, oku kuya kuzichaphazela kanobom iindleko zomsebenzi wemveliso, ngokwenza njalo abalimi abathile bathinteleke ekuveliseni izityalo. 

Kutheni abalimi besancekelele ukulima ingqolowa? 

Abalimi baqala ukulima ingqolowa yasebusuku ebusika kwifusi lasehlotyeni kwiFree State eseMpumalanga kwiminyaka yee-1950’s. Okwangoku, iindleko bezimalunga neetoni eziyi-0.5 ngehektare nganye kwaye ngokusebenzisa izenzo ezilungileyo zomsebenzi wokufama, abalimi baye bakwazi ukufumana izivuno zetoni e-1 ngehektare nganye. Ezi zivuno azibonakali zincomeka kakhulu, kodwa khumbula ukuba kuloo minyaka, ukwandisa imbewu bekungenziwa kangako, kwaye sincinci kakhulu isichumiso esifakwayo. Nangona kunjalo, abalimi bakwazi ukwenza inzuzo. Kwiindawo ezininzi zaseFree State, imihlaba ikufanele ukulondolozwa kokufuma emhlabeni. Imvula ena xa sekuza kuphela ihlobo neyasekwindla amanzi ayo ayagcineka emhlabeni, ize ingqolowa isebenzise oko kufuma ukuze ikhule de kufike iimvula zasentlakohlaza. 

Abalimi bebelima ingqolowa njengesityalo esilinywa sodwa kwiminyaka emininzi, de ihabile (oats) ezikhulela endle yaba yingxaki emasimini. Njengoko ihabile njengqolowa ziyelelene kakhulu, bekuyinto engakwaziyo ukwenzeka ukutshabalalisa ihabile ngaphandle kokonakalisa ingqolowa. Abalimi banyanzeleka ukuba bazikise kwimveliso yombona baza emva koko bafakela ujongilanga njengezityalo ezijikeleziswa nengqolowa. Ukusuka kwisityalo sasebusika ukuya kwesasehlotyeni, kuze kuphinde kubuyelwe umva kwakhona, kwaba nezinto ezininzi eziluncedo. Ezona zibaluleke kakhulu mhlawumbi kuzo yaba kukutshatyalaliswa kokhula. Ihabile yona njengoko ikhula ebusika ikwazile ukutshabalaliseka emasimini angenanto anayo phambi kokuba kuqaliswe ngokutyala izityalo zasehlotyeni kanti ukhula lwasehlotyeni kube lula ukulutshabalalisa emasimini engqolowa kuba inkoliso yalo lunamagqabi abanzi, lo gama ingqolowa inamagqabi amxinwa, ngoko ke ukutshatyalaliswa kokhula ngemichiza kuye kwalula xa kuthelekiswa nezinye iimeko. 

Abalimi baphuhlise isixokelelwano sefusi nokujikeleziswa kwezityalo – into efana nengqolowa, ingqolowa, umbona, umbona oojongilanga kunye nengqolowa. Umlimi ngamnye unesixokelelwano sakho sefusi nokujikeleziswa kwezityalo, kuxhomekeka kwimeko yakhe yena ngokwakhe, kodwa isimbo besiphantse ukufana. Ezinye izityalo nazo, bezibandakanywa – ubukhulu becala izityalo eziyifula yokutya kwempahla. 

Ngoku abalimi bajongene nengxaki – kufuneka babe nesityalo sasebusika kumjikelo, kodwa abasayilimi ngenzuzo ingqolowa. Baza kwenza ntoni ngoku? 

Ingaba abemi baseMzantsi Afrika bayayidinga phofu ingqolowa? 

Lo ngumbuzo omhle ekufuneka sizibuzo wona – urhulumente naye ufanele ukuwubuza lo mbuzo. Kutheni sizikhathaza ngabalimi bethu? Ngubani oza kukhathala xa beyeka ukulima ingqolowa? 



Yinyaniso into yokuba ihlabathi selilincinci – urhwebo lwempahla lwenzeka kummandla wentengiso yehlabathi. Ewe, yinto enako ukwenzeka ukuba uMzantsi Afrika uthenge yonke ingqolowa owuyifunayo emazweni angaphandle omelene nawo anjengeLesotho, iSwaziland neBotswana. Nangona kunjalo, xa kuthengwa ngaphandle kufuneka kuqatshelwe imiba elandelayo: 

Ingaba uMzantsi Afrika unemali eyaneleyo yamazwe athile angaphandle ukuze ukwazi ukuhlawula impahla evela ngaphandle? Khumbula, ukuba ukuze ufumane imali yokuthenga kumazwe angaphandle, kufuneka nawo ube nempahla oyithengisela amanye amazwe afuna ukuthenga. 

Ingaba amazwe athengisayo aya kuba nengqolowa eyaneleyo na yokuthengisa eMzantsi Afrika ngayo yonke na iminyaka? Futhi kuya kwenzeka ntoni xa enze isigqibo sokusebenzisa ingqolowa eseleyo ekwenzeni i-ethanol (umzekelo) endaweni yokuyithengisa emazweni angaphandle? 

Ingaba zanele iinqanawa ezikhoyo ukuthuthela ingqolowa eMzantsi Afrika?

Ingaba amazibuko ethu anako ukuqhubela phambili yonke ingqolowa ekuza kufuneka ithengwe ngaphandle neyakwanelisa iimfuno zalo lonke ilizwe kunye nezamazwe amelene nawo? 

Zona iindlela zethu ingaba ziya kukwazi ukumelana nothutho lweenkozo ezisuswa elunxwemeni? 

Kuya kwenziwa ntoni ngabantu abasebenza kwiifama apho kulinywa khona ingqolowa? 

Kuya kwenzeka ntoni ebantwini abaqeshwe ngamashishini omanyano nakwizisele ekufuneka zigcine ingqolowa? 



Sinabemi basemaphandleni abaninzi kodwa abasweleyo xa kuthelekiswa nabanye – kufuneka sikhuthaze uphuhliso loqoqosho kwimimandla esemaphandleni. Umsebenzi wokufama yeyona ndlela incomekayo yokuphumeza oku. Abalimi bethu kufuneka bafumane inzuzo ukuze bakwazi ukuqhuba ngokulima. 

Sithini ngophuhliso lwabalimi abamnyama? 

Thina sonke sisebenza nzima ngokuguqula ezolimo eMzantsi Afrika – baninzi abalimi abamnyama ekufuneka belime ingqolowa njengenxalenye yomjikelo wabo wokujikelezisa izityalo. Okwangoku, sikwazile ukunika aba balimi inkxaso ukuze babe nemveliso kuba besikelelwe ngobonelelo oluvela kwiWinter Cereals Trust nakwiSebe lezoLimo laseFree State. Ukuba kufuneka sincedise abalimi abamnyama ngendlela elondolozekayo, kubaluleke kakhulu ukuba siqwalasele ukufumaneka kwenzuzo kwimveliso yengqolowa. 



Sithini ngempahla ethengwa ngaphandle? 

Kwamanye amazwe ehlabathi, iimeko zokulima ingqolowa zilungile noko – imihlaba ithande ukuphucuka neemvula zingaphezu kwezalapha (maxa wambi imvula ilindeleka ngaphezulu), kude kuwe ikhephu elinika ukufuma engqoloweni ngethuba leenyanga zasebusika (ingqolowa eselula ayifane yonakaliswe yingqele). Kwakhona amanye amazwe aneendleko zokukhupha imveliso eziphantsi – amaxabiso awo e-diesel nesichumiso, umzekelo aphantsi kunawethu. La mazwe ayakwazi ukuvelisa ingqolowa ethe chatha kunaleyo ayifunayo ukuze akwazi ukuthumela kwamanye amazwe leyo egqithisileyo. Ewe, uMzantsi Afrika ungakwazi ukuthenga ingqolowa emazweni angaphandle – kodwa khumbula imibuzo esizibuze yona?



Yintoni isisombululo?

Sikholelwa ekubeni esinye sezisombululo kukumisela irhafu yokuthenga ingqolowa kumazwe angaphandle. Ukuba kuthengwa ingqolowa kumazwe angaphandle, abo bathenga le ngqolowa mabahlawule irhafu yohlobo olulodwa lwayo. Le rhafu iya kuba ngumthombo wengeniso yelizwe, kwaye iya kusebenza njengenyusa uxinzelelo kwixabiso leli lizwe lengqolowa. Khumbula ukuba xa umsili efuna ukuthenga ingqolowa, ujonga umgangatho wayo kunye nexabiso. Xa sithetha gabalala, umgangatho wengqolowa yaseMzantsi Afrika mhle kakhulu, kodwa ixabiso liyanyuswa aze umsili athenge ingqolowa ethengwe ngaphandle. Ukuba umsili bekufuneka ehlawule isavenga ngengqolowa ethengwe ngaphandle, mhlawumbi ebeya kucinga ngokuthenga ingqolowa yalapha. Oku bekuya kuncedisa abalimi ngokunyusa ixabiso elifunyanwa ngumlimi ngesityalo sakhe.



Ukuba abalimi bethu bekufuneka bafumane inzuzo ngengqolowa yabo, bebenokulima ingqolowa ethe chatha. Bekungasayi kubakho mfuneko yokuba uMzantsi Afrika usebenzise imali exabiseke kangako yokuthenga ingqolowa ngaphandle, kwaye uqoqosho lwalapha lwasemazweni asemaphandleni beluya kuvuseleleka, izithuba zengqesho bezinokudaleka, abalimi bebeya kukwazi ukuhlawula abasebenzi babo uchatha njl.njl. Zininzi iinzuzo ebeziya kufunyanwa lilizwe.



Yintoni enokwenziwa yirhafu yokuthenga ngaphandle kwixabiso lesonka?

Ukuba siqwalasela amaxabiso alandelayo:

Kwilofu yesonka, ama-20% - 25% exabiso olihlawulayo lixabiso lengqolowa ekwilofu leyo;

Kwingxowa yomgubo wombona, ama-35% - 45% exabiso olihlawulayo lixabiso lombona.



Ukuba ilofu yesonka yiR8.00c (umzekelo), ixabiso lengqolowa kuloo lofu mhlawumbi limalunga ne-R2.00. Ngoku irhafu yokuthenga kumazwe angaphandle ingade ifikelele kwi-5% (mali leyo enokuba ninzi gqitha!). Oku kunokongezelela i-10c kwixabiso lelofu yesonka. Lo asingomahluko mkhulu wexabiso kumthengi, kodwa mhlawumbi lingamnceda umlimi wombona ukuba angawi!



Ukushishina kubandakanya imingcipheko – onke amashishini anamaqondo athile emingcipheko. Kodwa malunga nomlimi, imingcipheko mikhulu:

Umjikelo wokuvelisa izityalo mde ( ukusuka ekulungisweni komhlaba ukuya ekuvuneni):

Isityalo siba sesichengeni semozulu (iimbalela, izikhukula, izichotho, iqabaka, ikhephu kunye nemimoya); kananjalo

Abalimi ngabathabathi-maxabiso – umlimi akakwazi kwenza isigqibo ngento afuna ukuyifumana ngetoni yakhe yengqolowa njengoko konke ukutya okuziinkozo kuthengiswa kwindaliso ukuze ixabiso elifunyanwa ngumlimi ibe lelo libekiweyo. Kwiziganeko ezininzi, umlimi unyanzeleka ukuba amkele ixabiso elingaphantsi kwiindleko angene kuzo ngokuvelisa isityalo eso.



Ukuba ungumbhaki wezonka, uthenga umgubo wengqolowa, uze wenze isigqibo ngexabiso oya kulibiza ngamaqebengwana asongiweyo esonka. Ukuba umxumi akazimiselanga kuhlawula elo xabiso, uyayeka ukuthenga umgubo wengqolowa uyeke nokubhaka de ixabiso liphucuke. Akuba umlimi enze isigqibo sokutyala isityalo, akanakuyeka inkqubo yokulima engayigqibanga kuba elinde ukuphucuka kwexabiso – kaloku sukuba selechithe imali kufuneke ke ukuba makavune isityalo asithengise.



Abalimi bethu sibaxabisile – basebenza nzima, bathatha imingcipheko kwaye basinika ukutya nengqesho njengabantu baseMzantsi Afrika. Khumbula, sinokuthenga ukutya ngaphandle kuphela xa amanye amazwe enentsalela, naxa ilizwe lethu linemali yokuthenga kumazwe angaphandle ukuze likwazi ukuhlawula amazwe angaphandle. Ukuba iimeko azintlanga kwamanye amazwe athumela ngaphandle, baya kuzigcinela bona ukutya ukuze ke ngoku thina singakwazi ukukuthenga. Ukuba amanqanaba otshintshiselwano achasana nexabiso lerandi, ilizwe lethu alisayi kuba nemali yokuhlawula ukutya okuziinkozo okuthengwa emazweni angaphandle ngelo xesha abantu bethu baya kulamba, njengasemazweni amaninzi aseAfrika. Abalimi bethu ngabemi baseMzantsi Afrika abaxabisekileyo nabasebenza nzima kwaye kufuneka sizame kangangoko sinako ukubagcina bevelisela isizwe ukutya. Kwixesha elizayo uthenga ilofu yesonka – khumbula abalimi bengqolowa abachithe imali kuba befuna ukuba wena mawutye. 



