xhosa.1446.driving
Fika ukhuselekile apho uya khona
Xa ukuba nomonde kusindisa ubomi
NGOKUTSHO kwabaququzeleli bephulo lokhuseleko ezindleleni, iArrive Alive, ukuqhuba ngesantya esiphezulu kubangela ezona ngozi zininzi ezindleleni, ukanti ukuqhuba unxilile kubangela ingozi enye kwezintlanu. Nokuthwala kwemoto ngokugqithisileyo nako kuyazibangel' iingozi, ukanti nokuqhuba kakubi kubangela phantse isiqingatha seengozi.
Zimbalwa gqitha "iingozi" eziziingozi zokwenene, apho bekungekho nto inokwenziwa ukuthintela ingozi. Phantse zonke "iingozi" zingathintelwa xa abantu bezikhathalela iimoto zabo kwaye beqhuba ngenkathalo.
Nanga amacebiso aza kukugcina ukhuselekile kwezi holide xa uthabatha uhambo olude...
tUngangxameli ukukhawuleza ufike apho uya khona, phumla rhoqo.
tUngabaphenduli abaqhubi abanomsindo nabathukayo endleleni.
tUngaseli xa uza kuqhuba.
tUngaqhubi umgama omde wedwa xa kukho umntu okwaziyo ukuqhuba ohamba naye ongakuphumza.
tXa nisuka nihamba qinisekisa ukuba bonke abantu abasemotweni bawafakile amabhanti okhuseleko.
tUngabeki izinto kwifestile engasemva kuba zingenzakalisa abantu abakwisitulo esingasemva semoto xa ubamba iziqhoboshi ngamandla.
tXa ungaboni kakuhle ngaphambili, thoba isantya ukhanyise izibani ubethe neehazathi ukuze ulumkise abanye abaqhubi.
tKubalulekile nokuqwalasela imeko yezulu neyendlela oza kuhamba kuyo. Indlela yegrabile, ukuchitheka kwedizili okanye imvula ingayityibilikisa imoto uze ungakwazi ukuyilawula.
tSoloko uzijonga izipili ezikubonisa iimoto eziza ngasemva, oko kuya kukunceda ubone iimoto eziza ngesantya emva kwakho uzidedele.
tKhumbula isantya esimiselweyo kuloo ndlela kufuneka uhambe ngaso phantsi kweemeko ezithile. Xa zininzi iimoto endleleni, okanye kusina kuze kungabonakali kakuhle, isantya esikhuselekileyo singaphantsi kweso sibhaliweyo.
tSoloko uzigadile izinto ezingalunganga ezingenziwa ngabany' abaqhubi, ulumkele abantu abahamba ngeenyawo nezilwanyana ezisecaleni kwendlela.
Ngaphezu kwawo onke la macebiso, eyona nto ibalulekileyo kukusebenzis' ingqondo nokuba nomonde ukuze wena nosapho lwakho "nifike niphila."
BONA XHOSA - December 2005
Shiya isithuba esaneleyo kwimoto ephambi kwakho!
Xa imoto ihamba ngesantya esingu-100km/h ibe ineziqhoboshi ezisebenza kakuhle iya kuthabatha umgama oziimitha ezili-163 ukuze ime. Xa uhamba ngo-130km/h imoto iya kuthabatha iimitha ezingama-263 ukuze ime. Ukanti xa uhamba ngo-140km/h kuya kuyithabatha iimitha ezingama-301 ukuze ime.
Kulungele ukuphepha into ephambi kwemoto yakho endleleni, ungasoloko uthembele ekubambeni ngamandla iziqhoboshi.
Kwakhona, shiya isithuba esaneleyo kwimoto ephambi kwakho - ukuyilandela kufutshane akuyi kukwenza ukhawuleze ufike apho uya khona, koko kungakwenza ungafiki.
Amacebiso angakunceda ukhuseleke ezindleleni ngezi holide
Ungazifumani sele ukwimeko enje kwezi holide...
Usibonisa emasikwenze
XA uJackson Mathebula wayethenga imoto yakhe yokuqala wayenonyana oneminyaka emibini. Namhlanje loo nkwenkwana ingutata otshatileyo onabantwan' abathathu, kodwa uMathebula usahamba ngaloo moto eyiToyota Stout owayithenga ngo-1965.
Kwiminyaka engama-40 eqhuba iveni yakhe, uMathebula uthi akazange wehlelwa yingozi - kwaye engazange afumane itikiti lesohlwayo sesantya.
Ukwaneqhayiya lokuba akazange akhe aqhube iveni yakhe eselile kwaye akazange wayiboleka omnye umntu, ukanti esona santya siphezulu awakhe wahamba ngaso ngu-80 km/h.
"Isantya siyabulala. Xa kukho apho ndiya khona, ndihamba kwangoko ukuze ndingangxami ndize ndizibeke esichengeni sengozi," utsho uMathebula.
UMathebula uneminyaka engama-75 nabantwana abali-12 kwaye akaseli akatshayi. Wayithenga iveni yakhe emva kokuvula ivenkile yakhe yokuqala eDan Village ngaseTzaneen ngo-1964. Usayisebenzisa kwishishini lakhe nasekuhambiseni iqela lakhe lebhola emidlalweni. Iveni yakhe sele imse kwiindawo ezikude eziquka iJohannesburg, iPretoria, iPolokwane, iMusina naseNelspruit eMpumalanga.
UMathebula uthi akulobhaqo ukuba agcine iveni yakhe ihamba amashumi amane eminyaka. "Akukho mfihlelo yokugcina imoto ikhuselekile yaye ihamba ixesha elide. Kufuneka uyiseyivise rhoqo, yaye mayingaqhutywa nje nangubani na kuba imoto ephathwa zizandla ezininzi ayihlali ixesha elide.
"Iimoto zihamba ngesantya esiphezulu kwaye abaqhubi bazo abanamonde. Abazithobeli izantya ezimiselweyo, ukanti inkoliso yabo baqhuba benxilile.
"Yiloo nto sineengozi ezininzi kangaka - isantya nokuqhuba unxilile kuyabulala," utshilo. [x]
Neville Maakana/NewsFirst
Gcina imoto yakho ikhuselekile
Wakhathalele amavili neziqhoboshi zemoto yakho ukuze nazo zikukhusele nosapho lwakho.
Umoya osemavilini ubalulekile. Amavili anomoya osezantsi okanye apontshwe kakhulu aphela ngokukhawuleza. Enjalonje akancamatheli endleleni njengaxa epontshwe ngokufanelekileyo.
Wajonge rhoqo amavili emoto yakho, xa ephela ngokungalinganiyo yiya kutshekitsha iwheel-alignment yemoto.
Neziqhoboshi zemoto yakho mazitshekitshwe - xa ungazitshintshi iziqhoboshi zakho uya kuva ingxolo yokukhuhlana kweentsimbi ize imoto ingakwazi ukuma xa ubamba iziqhoboshi.
Kuhambo olude awubi sengozini kuba kwenzeke ingozi kuphela. Ukufelwa yimoto kwanti kungabeka wena nosapho lwakho esichengeni sokuhlaselwa ngababulali, abaphangi, izidlwengu namasela.
Jonga imibhobho yamanzi yeradiator nefanbelt, uze uzitshintshe xa kukho imfuneko. Uzigcine ezindala ukuze zikuncede xa kungenzeka ubesengxakini.
BONA XHOSA - December 2005
kubhale kwafota uGAVIN FOSTER
NGASENTLA: "Andikuvumeli ukucaphuka endleleni. Xa abanye abaqhubi bendigxolisa okanye bendibethela ihuthara, andibaphenduli, ndisuka ndibancumele nje ndiqhubeke nohambo lwam," utsho uJackson Mathebula ofotwe neveni yakhe yeminyaka.
