Yenza isicelo somyalelo wokukhusela ukuxhatshazwa kubundlobongela basekhaya
Iinkonzo zabantu
Iinkonzo zemibutho
Iinkonzo zabantu bamazwe angaphandle
Khetha ulwimi
Isicelo sokuguqulwa okanye ukushenxiswa komyalelo
Bhala ingxelo efungelweyo malunga nokwaphulwa komy
Yenza isicelo somyalelo wokukhusela ukuxhatshazwa
Shicilela eli phepha/Printa eli phepha
Yongeza kwimiba ethandwayo
Beka njengephepha lokuqala
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
Ikhasi lokuqala
Iinkonzo zabantu
Ubudlelwane kunye nobume beemvakalelo zesondo
Ubundlobongela basekhaya
Yenza isicelo somyalelo wokukhusela ukuxhatshazwa
Yenza isicelo somyalelo wokukhusela ukuxhatshazwa kubundlobongela basekhaya
Inkcazelo
lulo naluphina uhlobo loxhaphazo olubandakanya ukuxhatshazwa ngokwasemzimbeni, ngokwesondo, ngokwasemoyeni, ngokwasengqondweni okanye ngokoqoqosho ukuthi gqolo ubandezelwa kwaye ukhathazwa ukonakalisa impahla nezinto zomntu ukuchwechwela nokulandela umntu ngokungayekiyo ukungena endaweni (kwipropati) yomntu ngaphandle kwemvume yakhe nakuphina ukuziphatha okuxhaphazayo okanye okunempatho exhaphazayo xa oko kuziphatha kubangela ulwenzakalo okanye kungabangela ulwenzakalo kwimpilo yakho, ukhuseleko lwakho okanye kwintlalontle yakho.
Ukubangaba ezi ntlobo zoxhaphazo zenzeka kuwe okanye nakubanina omaziyo, ungenza isicelo somyalelo wokukhusela ukuxhatshazwa. Umyalelo wokukhusela ukuxhatshazwa kubundlobongela basekhaya ngumqulu okhutshwa yinkundla onqanda umxhaphazi ekubeni:
enze isenzo sobundlobongela basekhaya agaye uncedo lomnye umntu ukuze enze nasiphjina eso senzo angene kwindawo ekuhlala kuyo ummangali nomtyholwa angene kwindawo engqalileyo yaloo ndawo kuhlala kuyo ummangali nomtyholwa;
angene kwindawo ekuhlala kuyo ummangali;
angene kwindawo yengqesho yommangali;
anqande ummangali oqhele ukuhlala kule ndawo yabo okanye owayeqhele ukuhlala kuyo, ekubeni angene kuyo okanye ekubeni asale kule ndawo yabo okanye kwinxenye engqalileyo yale ndawo bahlala kuyo; okanye enze nasiphina esinye isenzo esichazwe kumyalelo wokukhusela ukuxhatshazwa.
Ngubani ongenza isicelo somyalelo wokukhusela ukuxhatshazwa?
Nawuphina umntu okhathalele impilo nentlalo yommangali. Aba bantu balandelayo bangenza izicelo ngemvume ebhaliweyo yommangali, ngaphandle kokuba ummangali ngumntwana ongekabinamalungelo okuzithabathela izigqibo ngokwasemthethweni, ngumntu ododobeleyo ngokwasengqondweni okanye ongekho zingqondweni, okanye ukubangaba inkundla yanelisekile ukuba akanako ukunika imvume eyimfuneko:
Unompilo
Ipolisa
Unontlalontle
Utitshala
Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi yiya kwiSebe lezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko.
Inkqubo emayilandelwe
Yenza isicelo somyalelo wokukhusela ukuxhatshazwa kwiNkundla kaMantyi ekufuphi kwindawo ohlala kuyo nosebenza kuyo, naninina, ngexesha leeyure zokusebenza kwenkundla, nasemva kweeyure zokusebenza kwenkundla kunye nangeeholide zoluntu okanye ngeempelaveki.
Imiba esisekelwe kuyo isicelo
Uhlobo lomyalelo ekwenzelwa wona isicelo
Igama lesikhululo samapolisa apho ummangali kungahle axele khona ukwaphulwa komyalelo wokukhusela ukuxhatshazwa ekwenziwa isicelo sawo.
Xa isicelo siziswe ngomnye umntu egameni lommangali, ingxelo ebhaliweyo nefungelweyo kufuneka ichaze:
Izizathu zokuba lo mntu ungomnye abenenkathalo ebambekayo kwintlalontle yommangali
Umsebenzi owenziwa ngomnye lo umntu kunye nokuba lo mntu usizisa ngabuni okanye ngasikhundla sini isicelo
Imvume ebhaliweyo yommangali, ngaphandle kwaxa ummangali:
Qinisekisa ifom nomabhalana wenkundla, uze ke uyihambise.
Wakube ufumene ifom, umabhalane uyakuthumela isicelo sakho kumantyi, oyakuthi ke yena abeke umhla wokuba ubuyele enkundleni, ukuze isicelo sakho siqwalaselwe.
Kwakhona, umantyi uyakulungisa isaziso sokuxelela umxhaphazi ngomyalelo wokukhusela ukuxhatshazwa kwanokuba aye nini enkundleni.
Emva kokuvela enkundleni, umantyi angawunika umyalelo wokukhusela ukuxhatshazwa.
Imithetho esetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Kwiimeko zonxunguphalo, le nkonzo ifumaneka iiyure ezingama 24 ngemini (iiyure zonke zemini)
Umyalelo wokukhusela ukuxhatshazwa ungafunyanwa kwangaloo mini, kodwa ngokubanzi, oku kuxhomekeke ekubeni inzima kangakanani na imeko yakho.
Umyalelo usebenziseka ude ucinywe ngulo mntu uxhatshazwayo.
Ukubangaba umxhaphazi ufaka isibheno, umyalelo uyaqhubeka ukusebenza ude ucinywe yiNkundla yeZibheno.
Iindleko
Le nkonzo ayihlawulelwa
Ifowuni:
Ifeksi:
I-adresi yendawo:
I-adresi yokuposa:
Ifowuni:
Ifeksi:
I-adresi yendawo:
I-adresi yokuposa:
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
IiMeko neMiqathango yokuSetyenziswa
