xhosa.1429.yourlifeguide_health
Enye incwadi
yakho yobomi!
KUNGAYISINDISA impilo yakho neyabantwana bakho ukwazi imbali yempilo yosapho. "Kubalulekile kuba izifo ezithile zihamba ngofuzo kwaye xa ungawazi umngcipheko wezempilo ojongene nawo awusokuze ukwazi ukuzinonophela ngendlela eyiyo," utshilo uGqr. James Arens weProsono Medical Scheme.
Iigenes owazifumana ebazalini bakho ngexesha owakhawulwa ngalo ziyayichaphazela indlela ojongeka ngayo kwaye ziye zikubeke emngciphekweni wezigulo ezithile. Oogqirha bahlohlwa elona nyathelo libalulekileyo lokwazi isifo ngokufunda ngembali yempilo yosapho lwesigulane eso. Yiyo loo nto kufunwa yonke le ngcombolo ngoogqirha, ziikliniki neezibhedlele.
Kodwa abantu abaninzi abayazi okanye abasayikhumbuli kakuhle ingcombolo yempilo yabo. Ungayifumana ngolu hlobo:
1 YENZA Incwadi Yempilo Yobomi Bosapho: Bhala ngembali yempilo yakho kunye neyamalungu osapho ohlala nawo kwincwadi encinci ekuthiwa yinotebook okanye yiringbinder.
Ukuba usebenzisa iringbinder, bhala ilungu ngalinye kwiphepha elitsha. Ukuba usebenzisa inotebook, bhala wena kuqala, ushiye amaphepha amahlanu ulungiselela ukongeza kuwo, bhala inkcukacha zeqabane lakho emva kwaloo maphepha. Yenza kanjalo nakumntwana wakho wokuqala, njalo-njalo. Shiya iphepha lokugqibela, ulishiyela inyathelo lesi-3 elingezantsi.
Bhala phantsi umntu ngamnye, igama, usuku lokuzalwa kunye nesini.
2 BHALA into oyaziyo: Kumntu ngamnye bhala phantsi:
Amayeza neepilisi azisebenzisayo nemiyalelo yazo. Ungazilibali ezithengwe ezivenkileni, nokuba uzisebenzisa kangakanani na.
Ukugula okumandla, umonzakalo, utyando, uvavanyo neX-reyi. Bhala isivakalisi sibe sinye okanye zibe zibini ucacise ezi zinto zikhankanyiweyo nganye-nganye.
Bhala izinto ezikwalayo okanye ezikugulisayo.
Ugonyo, uquka nogonyo lokhuselo-zifo lwabantu abadala ingakumbi olweyellow fever nolominxano-mihlathi.
Umlinganiselo wokutshaya, utywala okanye iziyobisi (njengentsangu).
Ukuba ubuhlala endaweni enye isithuba esingangonyaka nangaphezulu, ungacela ugqirha okanye ikliniki ikuncede ugcwalise izikhewu ezishiyekileyo zezinto osele uzilibele.
3 TYHILA ngasemva, ucinge mandulo: Tyhila iphepha lokugqibela leringbinder okanye lenotebook yakho ubhale amalungu osapho akufutshane kuwe. UGqr. Arens weProSano uthi abona bantu babalulekileyo kwimeko yakho yempilo zizalamane zegazi.
UGqr. Shadrack Magwaza, ongumongameli weSA Academy Of Family Physicians uthi, "ukubhubha kwelungu losapho liselincinci libulawa kukugula, kudla ngokubonisa izifo ezifuzwayo."
Phantsi kwegama ngalinye bhala usuku lokuzalwa nazo zonke izigulo zabo kunye nonyaka abafumanisa ngawo ukuba banezi zifo. Iswekile iyakuba ifunyanwe kwangoko xa ungaphantsi kwama-20 eminyaka, ihayi-hayi kwama-40, umhlaza kwama-50 ukanti isitrowukhu xa ungaphantsi kwama-60.
4 HLOLA imvelaphi: Ukuba awunalo ulwazi olubhekelephi ngelungu losapho elabhubha kudala, cela ingcombolo kumntu osaphilayo. Mcacisele ukuba ufuna ukwazi ukuze ugcine wena nosapho lwakho nisempilweni.
Bhala ubuhlobo obukhoyo phakathi kwabazali bakho ngaphandle kokuba betshatile (mhlawumbi ngabazala); ubhale imvelaphi nohlanga abaphuma kulo umntu ngamnye. Kaloku ezinye izifo zoyamaniswa nohlanga oluthile.
5 HLALA usazi: Sebenzisa le ncwadi ukuze uhlale usazi ngempilo yosapho lwakho. Yithathe uyise ekliniki, ngaloo ndlela uyokwazi ukunika ugqirha okanye umongikazi iinkcukacha ezaneleyo.
Bangakunika ingcombolo ngeziphumo zesifo sakho bakunike nemiyalelo engakunceda uhlale usazi. Xelela amalungu osapho akufutshane indawo oyibeke kuyo le ncwadi ukuze bayiveze koogqirha nakwaboncedo lokuqala xa unokufumana ingozi. [x]
Umbhali: Patricia McCracken
EMINYE IMIJELO: samedical. Org; familydoctor.org; aafp.org; mayoclinic.com
IMPILO YAKHO
Amanyathelo amahlanu angakwenza ukhathalele impilo yakho bhetele
