Iinkonzo zabantu
Iinkonzo zemibutho
Iinkonzo zabantu bamazwe angaphandle
Khetha ulwimi
Shicilela eli phepha/Printa eli phepha
Yongeza kwimiba ethandwayo
Beka njengephepha lokuqala
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
Ikhasi lokuqala
Iinkonzo zabantu
Ukujongana nomthetho
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
IPolisa eliNgesosigxina elikuDidi A - Kwiinkqubo zemisebenzi yobupolisa:
o eli polisa lisebenza kuyo yonke imiba yeenkqubo zemisebenzi yobupolisa nokuba kukwinqanaba lasesikhululweni samapolisa, elommandla okanye kwelephondo, kodwa ingeyiyo imisebenzi yobuchule obuthile o lingayinxiba iyunifom o liyakuqeqeshwa kwimiba efanelekileyo yeenkqubo zemisebenzi yobupolisa.
IPolisa eliNgesosigxina elikuDidi B - Kwiinkonzo zenkxaso:
o eli polisa lenza imisebenzi engqalileyo yenkxaso kwi-administreyshini kwinqanaba lelizwe, elephondo, elommandla okanye elesikhululo samapolisa, kwaye alinakusebenza kwiinkqubo zemisebenzi yobupolisa.
o alinxibi yunifom o xa kuyimfuneko, liyakuqeqeshwa kwimiba efanelekileyo yasemthethweni, yomgaqo kunye nemiyalelo ebandakanyeka kwimisebenzi engqamene nalo.
IPolisa eliNgesosigxina elikuDidi C-Imisebenzi yobupolisa enobuchule obuthile:
o liyakwenza imisebenzi engqalileyo kwicandelo lalo lobuchule bobungcaphephe o ngemvume yenkumanda yalo, lingayinxiba iyunifom o kufuneka liqeqeshwe kwimiba efanelekileyo yasemthethweni, yomgaqo kunye nemiyalelo ebandakanyeka kwimisebenzi engqamene nalo.
o eli polisa lisebenza kwimiba yeenkqubo zemisebenzi eyayamene nobupolisa becandelo kwimimandla yasezilalini neyeedolophu kwicandelo elingqalileyo kwinqanaba lasesikhululweni samapolisa; liyakwenza imisebenzi kuphela kwimimandla echaziweyo kwicandelo elingqalileyo ngokubona kwenkumanda o lingayinxiba iyunifom, kuxhomekeke kwindlela elisetyenziswa ngayo
Kufuneka liqeqeshwe kwimiba efanelekileyo yobupolisa becandelo kunye nakwinkqubo yemisebenzi okanye kwinkqubo yemisebenzi yobupolisa eyayamene nemisebenzi yalo. Kuyakufuneka uqeqesho olongezelelweyo ukubangaga libandakanyeka kwiinkqubo zemisebenzi yobupolisa becandelo.
Ipolisa elingesosigxina elityunjelwe kudidi oluthile lingatshintshelwa kulo naliphina olunye udidi ukubangaba liyahambisana nazo zonke iimfuneko zelo didi lingqalileyo kwaye liqeqeshiwe okanye lizimisele ukuya kuqeqesho olufunekayo kolo didi.
ubengumhlali osisigxina waseMzantsi Afrika ubeneminyaka eli 18 nangaphezulu ubudala, kwaye ubengaphantsi kweminyaka engama 70 ubudala ugcwalise uxwebhu lwemibuzo yempilo njengoko kuqulungqwe nguMkomishina weLizwe ungabinanto ethe gqwithi engqondweni, isifo okanye ubuthathaka obungaphazamisana nokwenza imisebenzi yakho ngokufanelekileyo ubengumntu oziphethe kakuhle, kwaye ke kuyakufuneka kufunyanwe imbali yakho yokuziphatha kakuhle ugqibe ngempumelelo uvavanyo lokusebenza kwengqondo oluqulungqwe nguMkomishina waMapolisa eLizweni okungenani ubene-senior certificate okanye iikhwalifikheyshini ezilingana naso kwaye unike ubungqina ngokwemiqulu kufuneka ukwazi ukuthetha, ukufunda nokubhala nge-English okungenani, njengelinye leelwimi ezigunyazisiweyo uvume ukunyatheliswa iminwe (iifingaprinti) kwaye ube awuzange wafunyaniswa unetyala lesenzo sobugebenga okanye awukho phantsi kotshutshiso ngesenzo sobugebenga uzimisele ukuya kuqeqeshwa uzimisele ukwenza isifungo sesikhundla ungabinemivambo ebonakalayo;kwaye ngokulicebo elihle, ubenelayisensi yokuqhuba, nangona nje ingeyomfuneko ekumele iqale ifezekiswe ngamapolisa angesosigxina phambi kokuba angenele lo msebenzi.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Yiya kwisikhululo samapolisa esikufuphi kuwe
o isithembiso sokuzinikela (Isihlomelo C)
o uxwebhu lwemibuzo yempilo, (Isihlomelo E)
Imvume esuka kubazali bakho okanye kumlondolozi wakho (SAPS 30) ukubangaba uneminyaka yobudala engaphantsi kwama 21
Phatha le miqulu ilandelayo:
o ikopi eqinisekisiweyo yencwadi yakho yesazisi o ikopi eqinisekisiweyo yelayisensi yokuqhuba, ukuba unayo o iikopi eziqinisekisiweyo zeekhwalifikheyshini zakho zemfundo.
Umntu oyekisiweyo emsebenzini kumqashi wangaphambili ngenxa yobuthathaka bempilo
Umntu owayekade elilungu leNkonzo yaMapolisa aseMzantsi Afrika, esathi saliwa isicelo sakhe sokuphinda angene kule nkonzo umntu onomsebenzi othile okanye onesikhundla kwiqela lezopolitiko unondaba osisigxina okanye ummeli weenkonzo zosasazo lweendaba umfundi wesikolo unogada/igosa eliyisetyhorithi ilungu leNkonzo yaMapolisa kaMasipala.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Ukubangaba ufunyaniswe ufanelekile, isicelo sakho siyakuvunywa nguMkomishina woMmandla kwaye uyakufungiswa. Awuyikuvunyelwa wenze imisebenzi yobupolisa phambi kokuba ugqibe ngempumelelo uqeqesho lwakho. Emva koko ke, uyakunikwa isatifiketi esigunyazisiweyo sokufakwa emsebenzini.
Entla
Iindleko
Le nkonzo ayihlawulelwa.
Entla
Entla
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
IiMeko neMiqathango yokuSetyenziswa
