Iipemethe yokuhlala isigxina abalingane bomtshato
Iinkonzo zabantu
Iinkonzo zemibutho
Iinkonzo zabantu bamazwe angaphandle
Khetha ulwimi
Iipemethe yokuhlala isigxina abalingane bomtshato
Isicelo sabantu abadla umhlalaphantsi
Shicilela eli phepha/Printa eli phepha
Yongeza kwimiba ethandwayo
Beka njengephepha lokuqala
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
Ikhasi lokuqala
Iinkonzo zabantu bamazwe angaphandle
Ukuhlala eMzantsi Afrika
Iipemethe yokuhlala isigxina abalingane bomtshato
Isicelo sepemethe yokuhlala isigxina - abalingane bomtshato
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
Le nkonzo isebenziseka kumntu welizwe langaphandle onobudlelwane bobulingane obusisigxina nommi okanye umhlali osisigxina waseMzantsi Afrika.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Nabo ubudlelwane bobomi besigxina obuphakathi koogxa besini esinye nabezini ezahlukeneyo, bukwavumeleka, kodwa, endaweni yesatifiketi somtshato, abo gxa kufuneka ukuba bavokothekise ubizo lwabo lokuhlalisana kunye nokuxhasana kwabo ubuqu nangokwemali, ngokuthumela incwadi ebhaliweyo nefungelweyo (i-affidavit).
Ukuze iSebe lezeKhaya linike ipemethe yokuhlala isigxina kumlingane welizwe langaphandle wommi okanye womhlali osisigxina waseMzantsi Afrika, eli Sebe kufuneka laneliseke ukuba bukho ubudlelwane bobulingane obusekwe ngentembeko nangenene.
Ngugxa womtshato welizwe langaphandle, omnye kuphela ongenza isicelo sobume ngenxa yokuba etshate ummi okanye umhlali osisigxina waseMzantsi Afrika.
Kufuneka ube utshate nommi okanye umhlali osisigxina waseMzantsi Afrika ngokomthetho wentlalo yabemi okanye ngokomthetho wesiko lesiqhelo isithuba seminyaka emihlanu.
Izicelo zingenziwa kuyo nayiphina i-ofisi yezeKhaya okanye kwindlu yozakuzo yaseMzantsi Afrika okanye kwiziko elimele uMzantsi Afrika ukubangaba wenza isicelo ukwilizwe langaphandle.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Akukho xesha libekiweyo kule nkonzo.
Entla
Iindleko
Le nkonzo ayihlawulelwa.
Entla
Entla
Nceda ukhethe iphondo
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
IiMeko neMiqathango yokuSetyenziswa
