XHOSA.1422.sis sarah
Akayondoda yokwenene
Ndinengxaki yendoda endithandana nayo. Yandixelela ukuba ayiyondoda yokwenene kodwa iyazama ukundonelisa ngokwesondo. Sele indilobola le ndoda ngoku ndiyazibuza ukuba ndiza kukwazi na ukumelana nale meko andizunqwenela ukuva into eyenziwa ngamadoda okwenene emva kokuba sitshatile. Ndicela undincede kuba ndiyayithanda le ndoda kuba iyinto yonke kum.
nguJMS, eThekwini
Yingxaki le ukuyo yaye kufuneka wenze isigqibo sokuba uza kukwazi na ukumelana nayo ubomi bakho bonke - okanye uza kube ucinga ukuba njengokuba utshate nale ndoda nje uphoswa yintoni phandl' apha"
Awucacisanga ukuba yintoni kanye kanye ingxaki yale ndoda kwezesondo. Kufuneka ucingisise ukuba yintoni ebalulekileyo kuwe. Luthando lwakhe" Okanye bubudoda bakhe" Xa uhlala ucinga ukuba amadoda okwenene enza ntoni na loo nto ixela ukuba uthando lwenu aluyi ndawo.
Andifuni kuhlalisana naye
Ndingumama wabantwana abane oneminyaka engama-38 ubudala. Ndifuna umntu endiza kuthandana naye oza kundondla nabantwana bam kodwa angandakheli umzi kuba ndinawo endihlala kuwo nabantwana bam. Ndiya kukonwabela ukuba andityelele kodwa angezi ukuza kuhlala nathi. Ndicela undicebise.
nguDHN, Intuthuko
Ucinga ukuba ikho indoda eza kuvuma ukukondla nabantwana bakho isakugqiba ingafuni kuhlala nawe" Andiboni njalo mna!
Kulula kuwe ukutsho into oyifunayo nongayifuniyo kodwa ndicinga ukuba ulinde de umfumane umntu oza kukuthanda ze kamva uqale ukujonga ukuba ufuna ntoni na okanye yintoni ongayifuniyo. Kungenzeka ufumane umntu oza kufuna ukuphila naye ubomi bakho bonke yaye loo nto ingenza ukuba nifune ukuhlala kunye... Linda de kube kukho into eyenzekayo.
Ndiyarhawuzelelwa yaye ndiyaqaqanjelwa
Ndinama-39 eminyaka ubudala yaye ndinengxaki yokungakwazi ukubamba ilindle nomchamo. Indiqale ekuqaleni konyaka le ngxaki ndaza ndaya ekliniki. Ndineenyanga ezingaphaya kwezintathu ngoku ndiwasebenzisa amayeza endiwanikiweyo kodwa iyaqatsela le ngxaki. Ilungu lam langasese libuhlungu yaye xa ndichama ndiyarhawuzelelwa. Ndithini" Ndicela uncedo.
nguSMM, eCarltonville
Andikwazi ukukunceda kwingxaki yezempilo kodwa ndingakucebisa ukuba ucele ugqirha wakho akuthumele kugqirha oqeqeshelwe olu hlobo lwezifo. Uphathe namayeza owasebenzisayo ukuze ugqirha azi ukuba ngawaphi la mayeza angakuncediyo.
Khawuleza uye kugqirha nanjengoko usithi le ngxaki yakho iyaqatsela.
Wathembisa ukulinda
Ndinama-30 eminyaka umama wabantwana bam yena unama-27. Ndagwetywa iminyaka engama-20 ngo-1999. Ndamxelela ukuba azifumanele mntu wumbi kuba ndingafuni ukuba ahlale iminyaka emininzi ngolu hlobo elinde mna. Kodwa wandithembisa ukuba uza kundilinda. Wandityelela ngo-2001 eze kucel' uxolo kuba equlethe umntwana weny' indoda. Wathi usandithanda kodwa mna andisamthembi. Ndimxolele bethu"
nguMS, eJohannesburg
Wamxelel' umama wabantwana bakho ukuba azifumanele eny' indoda kuba usazi ukuba ukulinda ama-20 eminyaka lo gama wena usentolongweni lixesha elide kakhulu elo. Wathembisa ukukulinda kuba mhlawumbi kwakuyinto efanelekileyo awayenokuyitsho ngoko.
Kutheni ngoku ungasamthembi nje" Kungenxa yokuba ephule isithembiso okanye kungenxa yokuba enomntwana weny' indoda"
Wawusazi ukuba kuza kuba nzima kuye ukukulinda iminyaka engama-20, ngoku ngaba wothuswa yindlela eyenzeke ngayo yonke le nto"
Ndicinga ukuba kubhetele umxolele. Usemtsha yaye kufuneka aqhubeke nobomi. Mhlawumbi uya kuthi xa sel' uphumile entolongweni nibonisane ngekamva lenu nobabini xa eza kube engekatshati.
Ufuna ndilale kowabo
Ndine-18 yaye ndithandana nendoda enama-20 eminyaka ubudala. Siyathandana kakhulu yaye yiyo ethathe ubuntombi bam kulo nyaka. Ingxaki yam ke kukuba ngoku ifuna ndiye kulala nayo ubusuku bonke kowayo. Ndiyoyika ukuyenza loo nto mna kuba abazali bam asoze bayivumele into enjalo. Bangqwabalala kakhulu yaye bafuna ndibuye ekhaya qho ngaphambi kwentsimbi ye-9 ngokuhlwa.
Ndiyixelele le ndoda ngale ngxaki kodwa ithi yona ifuna ndiye kulala kowayo qha yaye ithi kufanel' ukuba ngoku bayilindele loo nto ntonje abasoze bandixelele.
Ndithe mayilinde kodwa ithi ukulinda akwenzi mahluko. Ndiyafuna ukuya kulala kuyo kodwa ndoyika abazali bam.
nguGNT, ePaarl
Xa uhlala nabazali kufuneka umamel' imithetho yabo. Xa besithi yiba sekhaya phambi kweye-9 ngokuhlwa loo nto intama ukuba abafuni ukuba ungalali ekhaya - njengokuba icinga le ndoda.
Andazi ukuba ninexesha elingakanani nithandana kodwa ndiyaqonda ukhe walinda ngaphambi kokuba ulale nayo.
Xa ikuthanda nyhani iza kuyiqonda imeko ophantsi kwayo yaye ayizi kukufaka uxinzelelo oluza konakalis' ubudlelwane bakho nabazali bakho.
Ndiyathemba ukuba niyazikhusela xa nisabelana ngesondo kuba ugawulayo uyalugqib' ulutsha yaye ndiqinisekile ukuba nawe awufuni kuba lixhoba!
Umama okhathazekileyo
Intombi yam yamithiswa yindoda engayazi kakuhle. Yathi xa iyixelela ukuba ikhulelwe le ndoda yayixelel' ukuba mayohlukane nayo. Sele ezelwe ngoku umntwana yaye ndifuna ikhule izazi ukuba izalwa phi na. Xa ndiyifowunela le ndoda ndifun' ukuthetha nayo ayifuni kundimamela isuke ivale iselfowuni yayo. Ndithini"
nguNGM, eSipingo
Ndiyathemba ukuba intombi yakho ifunde isifundo sokuba ingaphinde ilale nomntu engamaziyo ingakumbi njengokuba nogawulayo ehlasele kangaka nje.
Le ndoda kufanele imondle umntwana wayo kodwa makhulu amathuba okuba imphike lo mntwana nto leyo ingakhokelela kuvavanyo lwegazi oluza kubonisa ukuba inguyise womntwana ngenene.
Ndikucebisa ukuba ufune iingcebiso zomthetho. AbakwaScorpion Legal Services bangakucebisa yaye ungabatsalela kule nombolo 011-842-8994.
Kumba womnombo womzukulwana wakho khauzibuze lo mbuzo: xa le ndoda ingamfuni lo mntwana ngaba kubalulekile ukuba asisebenzise isiduko sikayise"
Akakagqibi ukundilobola
Ndihlala nendoda endincuma nayo kodwa ayikagqibi ukundilobola.
Ayindiniki impendulo xa ndiyibuza ukuba uza kugqiba nini ukundilobola. Ndicinga ukuba unobangela woko kukuba andikabi namntwana wayo yaye ngoku iyathandabuza ukunditshata. Ndicela undicebise.
nguZC, kwaMsomi
Awutsho ukuba ninexesha elingakanani nithandana kodwa ndiyarhana ngathi seninexesha elide. Xa ingakuphenduli indoda yakho kubhetele ubuze ebantwini abadala ukuze wazi ukuba kuqhubeka ntoni na.
Xa le ndoda yakho ingakwazi ukuthetha nawe ngemiba ebalulekileyo ngoku ucinga ukuba iza kutshintsha nisakutshata"
Unxibelelwano nokunyaniseka sisiseko somtshato oqinileyo yaye ndithi mhlawumbi inganguwe othandabuzayo ukutshata nale ndoda.
Okwesibini: ngaba sikho isizathu sokuba ikutshate ekubeni ihlala nawe yaye iphatheke okomntu otshatileyo"
Ndicinga ukuba ininzi into ekusafuneka niyilungise nale ndoda.
Indoda ekrele-krele
Ndinama-21 eminyaka ubudala. Intombi endincuma nayo ayifuni ukuba sisebenzise ikhondom xa sisabelana ngesondo. Ndiyayithanda kakhulu, ndithini"
nguMQM, eKroondal
Kuyakhuthaza ukuva indoda ikhuthalele ukusebenzisa ikhondom ukanti kuyothusa ukuva intombi engayifuniyo ikhondom. Yichazele ngengxaki kagawulayo ohlaseleyo kweli uyixelele kwanokuba ikhondom yeyokuzikhusela ukuze ungosulelwa ngulo bhubhane. Kuyinto elungileyo ukusebenzisa ikhondom. Xa ikuthanda nayo le ntombi iza kuvuma ukusebenzisa ikhondom.
Xa ingafuni kucacile ukuba ayikuthandi yaye ayikukhathalelanga. Ungabeki ubomi bakho esichengeni! [x]
108 BONA XHOSA - October 2005
Buza uSis Sarah
Qaphelani: USis Sarah akakwazi ukunicebisa ngeengxaki zempilo. Xa unengxaki yempilo efun' unyango yiya kucel' uncedo eklinikhi okanye kugqirha.
BONA XHOSA - October 2005 109
Ngaba unengxaki yendibano yesondo, eyothando, okanye ngxaki yimbi ebomini" Yibhale uyithumele kum Sis Sarah, ndiza kuzama ukukucebisa indlela yokuyisombulula. Ngelishwa andinakukuce-
bisa ngokukubhalela wena ngqo, kubhetele impendulo uyijonge kula makhasi.
Khumbula, xa uyivula intliziyo yakho, ndikholo ukukunceda!
Idilesi yam ithi:
Sis Sarah,
Box 32083,
Mobeni 4060
