iPemethe yokuseka indawo yokwenza imveliso yeentlanzi
Iinkonzo zabantu
Iinkonzo zemibutho
Iinkonzo zabantu bamazwe angaphandle
Khetha ulwimi
Bhalisa inqanawa yokuloba iLayisensi yenqanawa yokuloba yelizwe langaphandle iLayisensi yenqanawa yokuloba yeli lizwe iPemethe yokuseka indawo yokwenza imveliso yeentla ilungelo lokuloba ukuthutha okanye ukuphatha ukutya
Ukuphathwa nokuthuthwa kobisi
Isicelo selungelo lokukhangela ubukho besimbiwa
Isicelo selungelo lokwemba umgodi bhalisela ukusebenzisa amanzi
Inkonzo yeposi engabekelwanga iziko elithile
Elayisensi yokuqhuba iNkonzo yePosi eBekelwe iZiko
Yenkonzo yosasazo lwezandi ekhupha imitha yamandla seLayisensi yeNkonzo yoSasazo loRhwebo
Elayisensi yenkonzo yabahlali yosasazo lwezandi
Shicilela eli phepha/Printa eli phepha
Yongeza kwimiba ethandwayo
Beka njengephepha lokuqala
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
Ikhasi lokuqala
Iinkonzo zemibutho
Isicelo sepemethe yokuseka indawo yokwenza imveliso yeentlanzi
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
Indawo yokwenza imveliso yeentlanzi, ebizwa ngokuba yi-fish processing establishment (FPE), sisithuthi, inqanawa, iziko neendawo ezilingqongileyo okanye indawo apho into ethile okanye imveliso ethile yenziwa kwintlanzi. Le mveliso ingenziwa nangayiphi na indlela, efana nokunqunqa, ukusikelela, ukwaba amalungu athile, ukucoca, ukupakisha, ukukrozisa kunye nokugcina intlanzi. Eli ziko likwabandakanya indawo yokufaka intlanzi etotini, ukuyipakisha, ukuyomisa, ukuyiqhola ngetyiwa, ukuyifaka emkhenkceni, ukuyibandisa, ukuyiqinisa ngomkhenkce okanye ukwenza imveliso yayo ukuze ithengiswe eMzantsi Afrika okanye kumazwe angaphandle.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Yenza isicelo selungelo lokuloba kuphela xa kukho isimemo, esiya kupapashwa kwiGazethi kaRhulumente.
Fumana ifom yesicelo kwiSebe lezokuSingqongileyo kunye noKhenketho okanye kwiziko lokwamkela okanye lokukhupha iifom eliya kupapashwa liSebe lezokuSingqongileyo kunye noKhenketho.
Sifunde ngocoselelo futhi uyiqonde yonke into ekwisicelo, kwaye uqinisekise ukuba uyazanelisa iimfuneko kunye nemiqathango yesicelo.
Inkqubo yovavanyo iya kuqalisa emva komhla wokuvalelwa kwezicelo kwaye iziphumo ziya kupapashwa ngembalelwano yi-DEA&T. Ukubangaba unikwe ilungelo le-FPE (indawo yokwenza imveliso yeentlanzi) , kufuneka wenze isicelo sepemethe yokuqhuba i-FPE kwaye wanelise iimfuno phambi kokuba unikwe ipemethe.
Kwiimeko ezikhethekileyo nezizodwa. ungaqwalaselwa umnyenyevu wokungafunwa ndawo yokwenza imveliso yeentlanzi, ngokubona koMphathiswa weSebe lezokuSingqongileyo kunye noKhenketho.
Ukubangaba unikwe umnyenyevu wale ndawo yokwenza imveliso yeentlanzi, kufuneka usenze sona isicelo sepemethe yokuqhuba indawo yokwenza imveliso yeentlanzi.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Isicelo selungelo le-FPE (lendawo yokwenza imveliso yeentlanzi) singathabatha inyanga enye ukuya kutsho kwiinyanga ezi- 3, ngokuqwalasela ubungakanani bezicelo. Ipemethe yokuqhuba indawo yokwenza imveliso ingathabatha usuku olunye okanye iintsuku ezingaphezulu kwesinye, kuxhomekeke ekufakweni kwesicelo ngokufanelekileyo.
Entla
Iindleko
Iimali ezihlawulwayo ziqwalaselwa ngokutsha okanye ziqulungqwa ngonyaka nguMphathiswa okanye ngugunyaziwe onikwe amandla okwenza njalo, ngokusebenzisana noMphathiswa wezeMali.
R6 000 - Isicelo selungelo lendawo yokwenza imveliso yeentlanzi okanye ilungelo lokuloba: ukuze uqhube indawo yokwenza imveliso yeentlanzi.
R1 330, kongezwe i-R125 yentlawulo yesicelo- Isicelo sepemethe yokuloba: ukuze uqhube indawo yokwenza imveliso yeentlanzi.
Entla
Entla
iNtshona-Koloni isiXeko/idolophu:
Ifowuni:
Ifeksi:
I-adresi yendawo:
I-adresi yokuposa:
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
IiMeko neMiqathango yokuSetyenziswa
