xhosa.140.health
GREAT STOCK!
Ezempilo
Baph' inyama ebomvu abantwana
Abantwana abakhulayo kufuneka batye ukutya okunesondlo ngaphezu kwabantu abadala ukuze igazi, amazinyo, amathambo nezihlunu zabo zikhule ngokukuko, itsho ingcali yesondlo, uAnne Till. Khumbula ukubapha inyama ebomvu engatyebanga njengeyenkomo kuba inentaphane ye-iron, izinc novitamin B6 - ekuzizakha-mzimba abadla ngokuziswela abantwana.
Cingisisa
Yinonophele impilo yakho xa ungomnye wabantu abazizigidi eziyi-1,5 baseMzantsi Afrika abanesifo seswekile. Uphando lubonisa ukuba abantu abaneswekile basesichengeni ngokuphindwe kabini sokuba nesifo sentliziyo nokubethwa sistrowukhu. Ngoko ukunyuka nje kancinane kwekholesteroli kufuna unyango. Qala ngoku ke ukusindis' ubomi bakho ngokuya kutshekisha ikholesteroli yakho kwagqirha ngoku. - nguZodidi Mhlana
Zinonophele iinzipho
Ichaphaza elimhlophe olibona ezinzitsheni zakho zezandla okanye ezeenyawo lifana nomrhuzuko oziphelelayo ngokuya lukhula uzipho. Kodwa xa evela rhoqo kunokwenzeka unosulelo lomngundo angalunyanga ugqirha. Nangona kunqabile kuyenzeka oku kube luphawu lwengxaki yesibindi okanye eyezintso, ngoko kubhetele uye kuxilongwa ngugqirha xa engapheli.
Ungalali xa unomqolo
Iminyaka ngeminyaka abantu bebekholelwa ekubeni kufuneka ulale uphumle xa unomqolo. Kodwa ngoku iqela lophando laseUK ekuthiwa yiBackCare lithi phumla nje kancinane. Lithi hamba-hamba kangangoko unako kuba ukulal' ebhedini okoko kwenza izihlunu ziqine.[x]
BONA XHOSA - March 2007
Zigcine usempilweni
ngamacebiso kaPatricia McCracken
INYANISO: Iziyileli-maqanda zebhinqa zilingana negaqa lediliya elikhulu
Sindis' amazinyo akho
Ungothuki xa ugqirha wamazinyo ekubuza ukuba uyasela na, utsho uNjingalwazi Peter M. Miller weMedical University of South Carolina. Ukusela kakhulu utywala kukubeka esichengeni sokuba nomhlaza womlomo kwaye wenze iindlela oogqirha bamazinyo abangaxelel' izigulana zabo ngengozi ezikuyo kodwa bangazicaphukisi.
Ungatyi ngokungxama
Kuba ufika kade engqondweni umyalezo wokuba uhluthi, eyona ndlela yokunciphisa umzimba esebenzayo kukungangxami xa usitya, batsho abaphandi baseUniversity of Rhode Island. Oko bakufumene xa bebecele amabhinqa aselula ukuba atye isitya sephasta ngokungxama, batye iikhilojuli ezingaphezulu nge-12% kunaxa befaka umthamo baze babeke iifolokhwe phantsi xa behlafuna. Ngaphezulu xa besitya ngokucothayo bazive behluthi emva kokutya nasemva kweyure betyile.
INYANISO: Abantu abatshayayo basesichengeni sokuphunyelwa ngamazinyo ngokuphindwe kabini kunabantu abangatshayiyo
GREAT STOCK!
BONA - August 2005
