xhosa.1409.yourfamily_child
Ubuciko boonomngqusho
Akunakuba kulula ukuba nguntwana ingakumbi xa wonke umntu esoloko ekuxelela ukuba yenza oku, ungakwenzi oku. Uchenna Igwe oneminyaka emihlanu waseJoburg uyasikrobisa ukuba yena angabulawula njani ubomi bakhe ukuba zingaphoselwa kuye iintambo
Ukuba kungathiwa zikhethele into ofuna umama wakho akutyise yona, kokuphi ukutya ongakuyeka?
Andikuthandi ukutya okunoonxantathu.
Umama ubukhali okanye unobubele?
Umama unobubele kuba akandingxolisi kwaye uhamba nam siye ecasino sidlale imitshini.
Kuzo zonke izinto athi umama zenze, yeyiphi eyona uyithandayo?
Ndiyakuthanda ukuxukuxa amazinyo am kuba ahlala ecocekile.
Uyazi ukuba ipocket money yintoni?
Ewe - yeyokuthenga izinto zokudlala.
Ucinga ukuba ufanelwe yimalini ngemini?
Kufuneka ndifumane iimali ezintlanu yonk' imihla.
Ungathenga izinto zokudlala kuphela?
Ewe, ndingathenga izinto zokudlala ngezimali zintlanu, kodwa ndicinga ukuba ndingayinika umama enye. Ndiyakuthanda ukupha umama imali, ukuze athenge ukutya xa engenamali.
UMNTWANA WAKHO
Ukuba unqwenela ukuba "sidlan' indlebe" nonyana wakho okanye intombi yakho encinci, sibhalele kule dilesi, BONA/Kidspeak, Box 473014, Parklands, 2121.Usixelele iminyaka yomntwana wakho ufake nefoto yakhe kunye nenombolo yomnxeba esiza kukufumana kuyo emini
IINGCEBISO ZIKATATA OYINDUMASI
Utata oyindumasi uMandla M weGang Of Instrumentals usixelele ukuba uzimisele ukufundisa umntwana wakhe ukuba:
Siyayazi sonke le : angaphenduli abantu abadala
Asoloko ebulisa abantu ngembeko
Asoloko esithi "ndiyacela," athi "enkosi"
Abenobubele kwizizalwane nabamelwane; ngamanye amagama: abenoBuntu
Iintsapho zabantsundu zinkulu, ngoko kubalulekile ukufunda ukwabelana usemncinane.
Yenza ikhaya lakho libelelikhuselekileyo ebantwaneni bakho
Ngokokutsho kweWebsite ethi childsafe.org.za abantwana balimala kakhulu emakhayeni abo. Nazi iingcebiso zabo zokugcina oonomngqusho bekhuselekile:
ENDLWINI NGOKUBANZI
Yiya kwigumbi ngalinye ukhangele izinto ezinokuba nobungozi uze uzibonele icebo. Umzekelo: Ungafaka "iziciko zeeplagi" kwiiplagi zombane ezisedongeni. Ziyafikeleleka kwaye zinqanda umntwana wakho angafaki izinto ezifana neepensile (okanye iminwe) eplagini baze bazitshisise ngombane.
EGUMBINI LOKUPHEKELA
Musa ukumshiya yedwa umntwana ekhitshini kukho okuphekileyo.
Sebenzisa ipleyithi ezingasemva zesitovu okanye ujike imiphini yeembiza ibe ngaphakathi.
Izinto eziyityhefu neziyingozi zibeke kude, kwikhabhadi etshixwayo.
IGUMBI LOKUPHUMLA
Sebenzisa iimethi zetafile ezincinci endaweni yelaphu letafile, elinokutsalwa ngumntwana, awelwe zizinto eziphezu kwetafile.
Musa ukushiya umatshisi okanye ilayitha yecuba nanjani.
Qiniseka ukuba iimethi zaphantsi azityibiliki.
IGUMBI LOKUHLAMBELA
Ungabashiyi abantwana abancinci bodwa egumbini lokuhlambela.
Wakhuphe amanzi rhoqo xa ugqiba ukusebenzisa ibhafu.
Iireyiza, amayeza nezinye izinto eziyingozi zibeke kude.
Yivale ngesiciko esivaleka ngci ipheyile enamalweyile nocango lwakhona maluhlale luvaliwe. [x]
Umqulunqi: Ntokozo Maseko
