Iinkonzo zabantu
Iinkonzo zemibutho
Iinkonzo zabantu bamazwe angaphandle
Khetha ulwimi
Shicilela eli phepha/Printa eli phepha
Yongeza kwimiba ethandwayo
Beka njengephepha lokuqala
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
Ikhasi lokuqala
Iinkonzo zabantu bamazwe angaphandle
Ukungena eMzantsi Afrika
Ukufika eMzantsi Afrika
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
Ipemethe yokufumana unyango inikwa umntu welizwe langaphandle oneenjongo zokufumana unyango eMzantsi Afrika. Loo pemethe yonyango ihlala isebenziseka iinyanga eziphelela kwisithandathu ngexesha. Yenza isicelo sepemethe yotshintshiselwano kwindlu yozakuzo yaseMzantsi Afrika okanye kwiziko elimele uMzantsi Afrika elikufuphi kuwe.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Hambisa ipaspoti yakho ekufuneka ibe iyasebenziseka iintsuku ezingekho ngaphantsi kwama 30 emva kokuphelelwa kotyelelo olucetywayo.
Hambisa ubungqina bokubanako ngokwemali ukuze umelane nezidingo zemihla ngemihla zabo bonke abantu abakhapha umntu onepemethe yonyango (ukuba bakhona), ngokwezitetimenti, iimpepha ezibonisa umvuzo, ukuba zikhona, okanye iitshekhi zabahambi.
Hambisa incwadi evela kwingcaphephe yezonyango okanye kwiziko lezonyango, ebonisa izizathu okanye imfuneko yonyango, ixesha ekulindeleke ukuba lithatyathwe lunyango kunye neenkcukacha zezicwangciso zokunyangwa eMzantsi Afrika.
Khupha omnye okanye nangaphezulu koko, kule miqulu ilandelayo, ikhaphe isicelo sakho sepemethe:
o isatifiketi sonyango esipheleleyo o isatifiketi sokuzalwa esipheleleyo o isatifiketi somtshato esipheleleyo (ukuba siyabandakanyeka)
o incwadi ebhaliweyo nefungelweyo ekuthiwa yi-affidavit BI-1712A ukubangaba kubandakanyeka ubudlelwane bobulingane obungengomtshato, ihambe nobungqina bokuhlalisana o isivumelwano esizotywe ngumntu oqeqeshelwe ukwenza njalo ngokomthetho, kwiimeko zokuhlalisana o ubungqina bomtshato wesintu, ukubangaba oko kuyabandakanyeka o umyalelo woqhawulo-mtshato, ukubangaba oko kuyabandakanyeka o ubungqina bomyalelo wenkundla onika ilungelo lokugcina abantwana, ukubangaba oko kuyabandakanyeka o isatifiketi sokubhubha, ngokuphathelelene nomlingane ongasekhoyo, ukubangaba oko kuyabandakanyeka o imvume ebhaliweyo esuka kubo bobabini abazali, okanye kumzali omnye onguye yedwa ogcina abantwana, ukuba oko kuyabandakanyeka, ihambe nobungqina bokubanguye yedwa ogcina abantwana o ubungqina bokwamkelwa komntwana ngumntu ongamzelanga ibengowakhe (adoption) ngokwasemthethweni, ukuba oko kuyabandakanyeka o umyalelo wokwahlukana ngokwasemthethweni, ukuba oko kuyabandakanyeka o isatifiketi esiphuma emapoliseni esiqinisekisa ubume obumsulwa, ukubangaba wena, menzi-sicelo, uneminyaka yobudala engama 21 nangaphezulu, ngokuphathelelene nawo onke amazwe ohleli kuwo unyaka okanye ngaphezulu konyaka o isatifiketi sokugonywa, ukuba oko kuyabandakanyeka.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Izicelo zingathabatha ixesha elifikelela kwiintsuku ezingama 30.
Entla
Iindleko
Entla
Entla
Nceda ukhethe iphondo
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
IiMeko neMiqathango yokuSetyenziswa
