xhosa.1394. lobola
Ngaba bayaneliseka abantu"
Iza kukunceda irisithi!
KWIMINYAKA yoo-1980 iStimela sasicul' ingoma ethi: "Who's Fooling Who" I pay for lobola, but I don't get a reciept" (Ngubani oqhatha omnye" Kuba ndihlawula ilobola kodwa andiyifumani irisithi). Kuma-20 eminyaka emva kwaloo ngoma uMpho Lebogo onama-31 eminyaka ubudala onkaba yakhe iseMoletjie eLimpopo uyawasebenzisa amazwi ale ngoma.
Uvule ivenkile enceda abantu ngemiba yelobola equka iingxoxo zekhazi nokukhupha ilobola.
UMpho wafika eJoburg weva ukuba baninzi abantu baneengxaki zesiko lokulobola.
"Umntakwethu wasweleka sele elobole yaye eza kutshata. Umfazi wakhe azange akwazi ukwenz' ibango kwizinto zakhe awayezishiyile. Kwakuzakuba bhetele ukuba wayefumene irisithi," utsho uMpho.
Ingcingane yesivumelwano selobola yamfikela ephupheni uMpho. "Ndavuka ngokukhawuleza ndaza ndabhala isivumelwano ndasinik' umfazi wam.
"Wandijonga waza wathi: 'Qhubeka nale mibono yakho!'" Wasithatha uMpho isivumelwano sakhe wasisa enkosini yakhe.
Yathabatheka inkosi yaza yathi iza kumncedisa ekusombululeni iingxaki ezihambisana nelobola.
Kodwa ayizizo zonke iinkosi ezihambisanayo nale mbono kaLebogo. "Asiyifuni tu into yokokuba kwenziwe amashishini ngesiko lakwantu yaye ukuvulwa kweli ziko lelobola linyathelo elikhulu loshishino ngesiko," utsho uNkosi Mwelo Nonkonyane.
Akacatshukiswa zizivumelwano zelobola kuphela uNkosi Nonkonyane, ukuqeshwa kwabantu abadala ababa ngoonozaku-zaku nako kuyamcaphukisa.
"Isizathu sokuthumela kwethu oonozaku-zaku kukuba bayothethana nabantu basemathileni kungokuba besiya phaya emathileni nje bayokwakha ubuhlobo hayi ukuya kwenz' izivumelwano zokuhlawulwa kwemali kuphela.
"Thina zinkosi zomthonyama siza kulwa nokusungulwa kwamashishini akumila kunje. Awalunganga!"
UMSEBENZI waba nozaku-zaku awupheli emva kokuba ihlawulwe ilobola.
"Xa kwenzeka isibini esitshatileyo siba neengxaki emtshatweni waso, kubuya unozaku-zaku ukuza kusombulula iingxaki zaso.
"Kungenxa yeso sizathu ke ungenakumthemba umntu ongamaziyo ukuba angakwenzela umsebenzi ololo hlobo," utsho uNonkonyane.
ULebogo uzithethelela ngelithi eyona ngxaki ixhaphakileyo ebantwini abatshatileyo yeyemali. "Kungoko ndinika iingcebiso ngokusetyenziswa kwemali nokuyityala," utshilo - yena usebenza njengomgcini bhanki.
Akaguquki kwelokuba ishishini lakhe lihambisana nemithetho yesintu yomtshato.
Ukholelwa ekubeni "iirisithi" ziza kusombulul' iingxaki eziliqela ekukudala zabaxaka abantu.
"Ngubani othi asoze ukwazi ukufun' ukubuyiselw' imali olobole ngayo kubazali bentombi"" kubuza uMpho.
Xa ethumela oonozaku-zaku eGauteng ubiza i-R500 ize ibe yi-R1 500 xa bethunyelwa ngaphandle kwaseGauteng.
"Iintsapho ezifuna ukuyolobola kodwa zingenazo izinto ezifana neengubo, izinto zokuhamba, iinkuko njl, njl nazo siyazilungiselela." [x]
BONA XHOSA - April 2006
kubhale uTEDDY GOMBA
kufote uNOMPUMELELO NGCOBO
Inkampani entsha evuse impikiswano inceda abantu baxoxe ngekhazi bahlawule nelobola
UMpho Lebogo echazela abaxumi bakhe ngesivumelwano selobola ekwaphendula nemibuzo abanayo.
BONA - April 2006
