Isicelo sokufaka isikhalazo
Iinkonzo zabantu
Iinkonzo zemibutho
Iinkonzo zabantu bamazwe angaphandle
Khetha ulwimi
Isicelo sokufaka isikhalazo sezenzo ezigwenxa
Isicelo sokufaka isikhalazo
Shicilela eli phepha/Printa eli phepha
Yongeza kwimiba ethandwayo
Beka njengephepha lokuqala
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
Ikhasi lokuqala
Iinkonzo zabantu
Ukujongana nomthetho
Izikhalazo
Isicelo sokufaka isikhalazo
Isicelo sokufaka isikhalazo sokungaphumeleli kweNkonzo yaMapolisa aseMzantsi Afrika ukunceda okanye ukukhusela amaxhoba obundlobongela basekhaya
Inkcazelo
Ukubamba ummangalelwa;
Ukunceda umkhalazi amangale, afumane indawo yokusithela efanelekileyo, afumane unyango, ukukhapha umkhalazi ayokuqokelela impahla yakhe kunye nokoxutha izixhobo eziyingozi kumxhaphazi;
Ukucebisa umkhalazi ngezinto angakhetha ukuzenza, okufana nokungaphumeleli ukucebisa umkhalazi afake ityala lobugebenga okanye enze isicelo somyalelo wokukhusela, okanye zombini ezi zinto kunye
Nokungakwazi ukubiza ummangalelwa ngomyalelo wokumnyanzela aye enkundleni.
Ubundlobongela basekhaya benzeka xa umntu obandakanyekana naye kubudlelwane basekhaya esenza ezi zinto zilandelayo:
Ekuxhaphaza ngokwasemzimbeni okanye ngokwesondo, umzekelo, akubethe okanye akudlwengule.
Ekuhlelele ngokukuhlupha, umzekelo, athi gqolo ukukutsalela umnxeba oku kucaphukisayo, akubhalele okanye athumele izinto kuwe, okanye agade iindlela zakho.
Engena kwakho ngaphandle kwemvume yakho.
Ekuxhaphaza ngokwezoqoqosho nangokwemali, umzekelo, xa indoda okanye isinqandamathe sinyanzelisa ukwenza zonke izigqibo ngemali okanye sisala ukuhlawulela ukutya, iimali zesikolo, njalo-njalo.
Ekugrogrisa, umzekelo, esoyikisa ngokukubulala xa ufuna ukuya emapoliseni.
Esonakalisa impahla yakho, umzekelo, etshisa impahla yakho yokunxiba, esophula ifenitshala okanye egqabhuza amatayari emoto yakho.
Esaphula umyalelo wokukhusela okhoyo nosebenzayo.
Eziphatha ngayo nayiphina indlela yokuxhaphaza ebeka esichengeni ukhuseleko lwakho, impilo yakho okanye intlalontle yakho.
Inkqubo emayilandelwe
Nika i-ICD le nkcazelo ilandelayo:
Igama kunye neenkcukacha zokunxulumana nexhoba kunye nomkhalazi okanye zokunxulumana nomkhalazi.
Igama kunye nesikhundla sepolisa okanye samapolisa akrokrelwayo
Inombolo yetyala yamapolisa, ukuba ikhona
Iinkcukacha zamangqina, ukuba akhona.
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Ixesha lokulinda udliwano-ndlebe - imizuzu engama 30
Incwadi ebhaliweyo engqina ukuba isikhalazo sifunyenwe - kwisithuba seentsuku ezingama 30
Ingxelo yenkqubela - kwisithuba seentsuku ezingama 30
Ingxelo yokugqibela - kwisithuba seentsuku ezingama 90
Iindleko
Le nkonzo ayihlawulelwa
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
IiMeko neMiqathango yokuSetyenziswa
