iLayisensi yenqanawa yokuloba yeli lizwe
Iinkonzo zabantu
Iinkonzo zemibutho
Iinkonzo zabantu bamazwe angaphandle
Khetha ulwimi
Bhalisa inqanawa yokuloba iLayisensi yenqanawa yokuloba yelizwe langaphandle iLayisensi yenqanawa yokuloba yeli lizwe iPemethe yokuseka indawo yokwenza imveliso yeentla ilungelo lokuloba ukuthutha okanye ukuphatha ukutya
Ukuphathwa nokuthuthwa kobisi
Isicelo selungelo lokukhangela ubukho besimbiwa
Isicelo selungelo lokwemba umgodi bhalisela ukusebenzisa amanzi
Inkonzo yeposi engabekelwanga iziko elithile
Elayisensi yokuqhuba iNkonzo yePosi eBekelwe iZiko
Yenkonzo yosasazo lwezandi ekhupha imitha yamandla seLayisensi yeNkonzo yoSasazo loRhwebo
Elayisensi yenkonzo yabahlali yosasazo lwezandi
Shicilela eli phepha/Printa eli phepha
Yongeza kwimiba ethandwayo
Beka njengephepha lokuqala
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
Ikhasi lokuqala
Iinkonzo zemibutho
Yenza isicelo sepemethe okanye selayisensi iLayisensi yenqanawa yokuloba yeli lizwe
 Isicelo selayisensi yenqanawa yokuloba yeli lizwe
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
ibenobunikazi kwaye ilawulwe ngokupheleleyo ngumntu okanye abantu baseMzantsi Afrika, okanye ibenobunikazi kwaye ilawulwe ngokupheleleyo lilo naliphi na iqumrhu leenkampani, umbutho okanye naliphi na iqumrhu labantu elifakwe okanye elisekwe phantsi kwemithetho yeRiphabhlikhi yaseMzantsi Afrika, kwaye apho isininzi sezabelo kunye namalungelo okuvota alawulwa ngabantu baseMzantsi Afrika.
Inqanawa yokuloba yeli lizwe idla ngokuxhotyiselwa ukuloba kunye neminye imisebenzi eyayamene nokuloba. Le nqanawa ibandakanya zonke izixhobo eziyimfuneko, izixhobo zokuloba, iindawo zokugcina imithwalo, umthwalo okanye iimpahla zorhwebo kunye namafutha alayishwe kuyo. Inqanawa yokuloba yeli lizwe ingabandakanya nayiphi na inqanawa encedisa enye okanye ezinye iinqanawa eziselwandle ekwenzeni nawuphi na umsebenzi owayamene nokuloba. Oku kungabandakanya ezi zinto zilandelayo, kodwa kungapheleli kuzo kuphela:
amalungiselelo ukunika nokukhupha izinto eziyimfuneko indawo yokugcina imithwalo indawo yomkhenkce nokubandisa ukuthutha, okanye ukukhupha imveliso; kunye/okanye nokwenza ngqo imisebenzi yokuloba kuMmandla oKhethekileyo wezoQoqosho ekuthiwa yi-Exclusive Economic Zone (EEZ) okanye kumanzi olwandle lwehlabathi phantsi kweflegi yeRiphabhlikhi yaseMzantsi Afrika.
Akukho mntu unokusebenzisa inqanawa yokuloba okanye nayiphi na inqanawa ukuze asebenzise ilungelo lofikelelo, ngaphandle kokuba ikhutshiwe ilayisensi, enepemethe efanelekileyo ukubangaba umnikazi wenqanawa ngumntu onelungelo lokuloba. Kwimeko apho umnikazi wenqanawa engenalungelo lokuloba, kufuneka kubekho isivumelwano sekhontrakthi yokusebenzisa le nqanawa.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Inqanawa yokuloba kufuneka iyokuvavanyelwa ukufanelana nolwandle (yi-SAMSA) kwaye i-SAMSA ingakhupha iSatifiketi soKhuseleko.
Fumana ifom yesicelo kwiSebe lezokuSingqongileyo kunye noKhenketho.
Kufuneka ubengumntu onelungelo lokuloba (ube wasenza isicelo selungelo lokuloba waze walinikwa elo lungelo). Ukubangaba awunalungelo lokuloba elingumnikazi wenqanawa, thumela okanye bandakanya isivumelwano sekhontrakthi, osingenele nomnikazi wenqanawa ukuze usebenzise le nqanawa kuthethwa ngayo, xa ufaka isicelo selayisensi yenqanawa.
Thumela ifom yesicelo kwiSebe lezokuSingqongileyo kunye noKhenketho nale nkcazelo ilandelayo:
o igama lenqanawa o igama lomnikazi wale nqanawa o uhlobo lwamandla, ubude benqanawa o umlinganiselo wamandla e-injini kunye nomlinganiselo womthwalo ongalingana kule nqanawa o icandelo lokuloba ekujongwe ukuba le nqanawa isetyenziswe kulo o uMbuso weFlegi ebhaliswe phantsi kwawo xakungoku le nqanawa (ukubangaba iqeshwe okanye kuvunyelwene ngayo ngekhontrakthi noMntu waseMzantsi Afrika oneLungelo lokuLoba).
Zalisa le fom ngoonobumba abangadityaniswanga kwaye usebenzise oonobumba abakhulu kuphela, ufake nesiphakamiso esibhaliweyo esixhasa iimfuno zakho apho kuyimfuneko.
Bonisa ixesha eya kulichitha le nqanawa kunye nendlela eya kusetyenziswa ngayo kwicandelo lokuloba eya kusebenza kulo.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Isicelo singathabatha iintsuku zokusebenza ezi- 3, kuxhomekeke ekufakweni kwesicelo ngokufanelekileyo.
Entla
Iindleko
Ubude benqanawa
Inqanawa eloba kulwandle oludlongodlongo
Intlawulo yokwenza isicelo: R125
Entla
Entla
iNtshona-Koloni isiXeko/idolophu:
Ifowuni:
Ifeksi:
I-adresi yendawo:
I-adresi yokuposa:
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
IiMeko neMiqathango yokuSetyenziswa
