Iinkonzo zabantu
Iinkonzo zemibutho
Iinkonzo zabantu bamazwe angaphandle
Khetha ulwimi
Shicilela eli phepha/Printa eli phepha
Yongeza kwimiba ethandwayo
Beka njengephepha lokuqala
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
Ikhasi lokuqala
Iinkonzo zabantu
Inkcazelo
I-learnership (ukufundela umsebenzi) yinkqubo yokufunda ekhokelela kwisiqinisekiso solwazi lomsebenzi. Ii-Learnership zibandakanya ukufunda kwigumbi lokufundela, kwiziko loqeqesho okanye kwikholeji, kunye nokuqeqeshelwa emsebenzini ngqo kwindawo yokusebenza. Ukuze uthabathe inxaxheba kwi-learnership, umqeshi kufuneka avume kwaye abenako ukunika i-learnership.
Ngubani ongenza isicelo?
Nabani na ogqibe esikolweni, kwikholeji okanye eyunivesiti kwaye ongasebenziyo. Abantu abangasebenziyo kufuneka babhalise njengabantu abafuna umsebenzi kwiSebe leZabasebenzi.
Ubude be-learnership buxhomekeka kwicandelo ngecandelo, kodwa budla ngokungabi ngaphantsi konyaka omnye.
Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi, yiya kwiSebe leZabasebenzi.
Inkqubo emayilandelwe
Cinga ngohlobo loqeqesho nomsebenzi owufunayo. Ngamanye amazwi, ukubangaba uthanda ukuba phandle, ungenzi sicelo somsebenzi wase-ofisini.
Zoba i-CV eneenkcukacha zobuqu ezifana nezi zilandelayo:
Igama lakho kunye nomhla wakho wokuzalwa
Imfundo; isikolo ofunde kuso kunye neziqinisekiso zemfundo
Amava omsebenzi; amagama abaqeshi bangaphambili nomsebenzi owawuwenza.
Ezinye izakhono ezifana nezakhono zekhompyutha; ingaba unelayisensi yokuqhuba na, njalo-njalo.
Abantu abakwaziyo (amagama kunye neenkcukacha zokunxulumana zabantu abakwazi kakuhle ngokwasemsebenzini okanye ngokwasemfundweni)
Bhalisa njengomntu ofuna umsebenzi kwiziko lezabasebenzi elikufuphi kuwe. Oku kuya kunceda ekubeni abaqeshi bakufumane xa befuna ukuqalisa i-learnership.
Cela abahlobo nosapho bakujongele izithuba kwaye ujonge nezaziso kumaphephandaba.
Mana uvela kwiziko lezabasebenzi kwaye ulungise iinkcukacha zakho xa zitshintshile.
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Ubude benkqubo yee-learnership abufani, kodwa budla ngokungabi ngaphantsi konyaka omnye.
Iindleko
Le nkonzo ayihlawulelwa.
Yenza isicelo kwiSebe leZabasebenzi okanye kwiziko lezabasebenzi elikufuphi kuwe.
Nceda ukhethe iphondo
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
IiMeko neMiqathango yokuSetyenziswa
