Isicelo sokukhutshwa kwezatifiketi zeQumrhu leHlabathi lokuVavanya iMbewu
Iinkonzo zabantu
Iinkonzo zemibutho
Iinkonzo zabantu bamazwe angaphandle
Khetha ulwimi
Ukuvavanya imbewu ngeenjongo zesikhalazo nempikisw
Isicelo samalungelo okumilisa izityalo
Isicelo sokuqonda udidi lwesityalo
Isicelo semvume yeentshukumo zonke ezinxulumene
Shicilela eli phepha/Printa eli phepha
Yongeza kwimiba ethandwayo
Beka njengephepha lokuqala
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
Ikhasi lokuqala
Iinkonzo zemibutho
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
IZatifiketi ezi-Orenji neziLuhlaza zisebenziseka kumthwalo wembewu ezithathwe kuwo, kodwa sona iSatifiketi esiBlu sisebenziseka kuphela kwibinza elifunyanelwe ukuvavanya.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Cela ukunikwa amanani agunyazisiweyo wemithwalo yembewu.
Lungisa imithwalo yembewu ukuze kukhiwe amabinza. Oku kubandakanya ukuphawula imithwalo ngamanani anikiweyo emithwalo. Inkonkxa nganye kufuneka iphawulwe (ifundeke ngokucacileyo) okanye incanyatheliswe iphetshana ekubhalwe kulo okuqulathiweyo nelichaza amanani anikiweyo embewu.
Xa imithwalo yembewu ilungele ukukhiwa kwamabinza, biza umphengululi azokukha ibinza.
Amabinza athunyelwa kwi-OSTS kwaye avavanyelwa umgangatho, kuze ke kukhutshwe isatifiketi esibandakanyekayo.
Hlawula umlinganiselo wentlawulo yokuvavanya imbewu. Kwakube kufunyenwe amabinza, kukhutshwa i-invoice. Nazi iinkcukacha zebhanki:
Yenza isicelo seSatifiketi esiLuhlaza ngencwadi ebhalelwe kwisihloko esigunyazisiweyo sombutho wakho, kuba akwenziwa ukuphawulwa komthwalo wembewu nokukhiwa kwebinza okugunyazisiweyo.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
ISikhululo esiGunyazisiweyo sokuVavanya iMbewu sibeka phambili ukuvavanywa kwamabinza embewu alungiselelwe ukuthunyelwa kumazwe angaphandle. Iintlobo-ntlobo ezahlukeneyo zeemveliso zezityalo zivavanyelwa phantsi kweemeko ezahlukeneyo kwaye ixesha elithatyathwa luvavanyo lungahluka ukusukela kwiintsuku ezimbalwa ukuya kutsho kwiiveki ezimbalwa.
I-OSTS iyazama ukuntshulisa amabinza embewu kumthwalo omnye phantsi kweemeko zokuvavanya ezifanayo. Kwakhona, iindidi ezahlukeneyo zovavanyo zingacelwa yiklayenti. Ngoko ke, akukho nkcazelo inganikwa malunga nomgangatho wenkonzo ofikelelwayo. Buza kwiziko ngokwalo (jonga iinkcukacha zonxulumano).
Entla
Iindleko
R85 isatifiketi sisinye
Ukukha ibinza nokucika iinkonkxa
R230 ngeyure
Iziciko zokucika iinkonkxa
R0,10 isiciko sisinye
Entla
Entla
ISebe lezoLimo
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
IiMeko neMiqathango yokuSetyenziswa
