Isicelo senkcazelo ekwiziko lobhaliso lwezigqibo zasemthethweni
Iinkonzo zabantu
Iinkonzo zemibutho
Iinkonzo zabantu bamazwe angaphandle
Khetha ulwimi
Isicelo senkcazelo ekwiziko lobhaliso lwezigqibo z
Shicilela eli phepha/Printa eli phepha
Yongeza kwimiba ethandwayo
Beka njengephepha lokuqala
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
Ikhasi lokuqala
Iinkonzo zabantu
Indawo yokuhlala
Lobhaliso lwezigqibo zasemthethweni
Isicelo senkcazelo ekwiziko lobhaliso lwezigqibo z
Isicelo senkcazelo ekwiziko lobhaliso lwezigqibo zasemthethweni
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
umnikazi obhalisiweyo wepropati imiqathango echaphazela loo propati imiyalelo yenkundla yokuthintela izenzo ezithile kunye neekhontrakthi ngokuphathelelene nale propati ixabiso lokuthenga le propati imigaqo yoyilo lwenkqubo yetayitile yecandelo ikopi yekhontrakthi yabantu abazakutshata ukuze umntu ngamnye azigcinele impahla nezinto zakhe, ekuthiwa yi-antenuptial contract (ANC), izigqibo zamalungelo athile wokusebenzisa ipropati yomnye umntu ngeenjongo ezithile, ukubambisa ngepropati njengesetyhorithi yemali-mboleko, njalo-njalo ikopi yesicwangciso setayitile yecandelo okanye imigaqo yoYilo lweNkqubo yeTayitile yeCandelo. (Qaphela: le ayiyokopi eqinisekisiweyo; yikopi nje yeenjongo zenkcazelo kuphela)
imiqathango yokusekwa kwedolophana okanye ilokishi elicandelo lesixeko inkcazelo yezigqibo zasemthethweni eziphathelelene nepropati okanye isigqibo sasemthethweni.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Phambi kokuba ufumane inkcazelo kwincwadi yobhaliso lwezigqibo zasemthethweni, kufuneka ubenezi zinto zilandelayo:
o amagama apheleleyo kunye nenombolo yesazisi okanye inombolo yesazisi yomnikazi wepropati, okanye okungenani umhla wakhe wokuzalwa. (Kwimeko yomntu okanye iqumrhu elinamalungelo kunye noxanduva ngokwasemthethweni, liyafuneka igama kunye nenombolo yobhaliso, ukuba zikhona)
o inombolo echanekileyo yeploti yomhlaba kunye nelokishi elicandelo lesixeko okanye igama kunye nenombolo yefama (yeplasi), hayi i-adresi yesitalato. (Kwimeko yoyilo lwenkqubo yetayitile yecandelo, liyafuneka icandelo kunye negama loyilo lwenkqubo.)
Ukuze ufumane ikopi yesigqibo sasemthethweni okanye yomqulu kwiziko lobhaliso lwezigqibo zasemthethweni, kufuneka o uye kuyo nayiphina i-ofisi yezigqibo zasemthethweni (amaziko obhaliso lwezigqibo zasemthethweni awayikhuphi inkcazelo ecelwe ngencwadi okanye ngomnxeba)
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Ukufunisa kungathabatha imizuzu engama 30 ukuya kwengama 60. Kwezinye zee-ofisi ezinkulu, ikopi yesigqibo sasemthethweni ithunyelwa ngeposi okanye kufuneka iyokuthathwa emva kwexesha elithile.
Entla
Iindleko
Ikopi yekhontrakthi yabantu abazakutshata ukuze umntu ngamnye azigcinele impahla nezinto zakhe okanye isigqibo sasemthethweni ngeenjongo zenkcazelo: R36
Ikopi yemiqathango yokusekwa yedolophana okanye ilokishi elicandelo lesixeko: R4 iphepha ngalinye
Ukufunisa ngezigqibo zasemthethweni: R6
Entla
Entla
Nceda ukhethe iphondo
ISebe lezeMihlaba
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
IiMeko neMiqathango yokuSetyenziswa
